Hezekile 2:1-10

  • UHezekile uthunywa ukuba abe ngumprofeti (1-10)

    • “Nokuba bayamamela okanye abamameli” (5)

    • Uboniswa umsongo weengoma zokuzila (9, 10)

2  Wathi kum: “Nyana womntu,* yima ngeenyawo ukuze ndithethe nawe.”+  Wathi akuthetha nam, ndangenwa ngumoya owandenza ndema ngeenyawo+ ukuze ndimve Lowo uthetha nam.  Wathi kum: “Nyana womntu, ndikuthuma kubantu bakwaSirayeli,+ kwiintlanga ezingathobeliyo eziye azandithobela.+ Bona kunye nookhokho babo bandonile kwada kwanamhlanje.+  Ndikuthuma koonyana abangathobeliyo* nabaneentliziyo ezilukhuni.+ Umele uthi kubo, ‘Ithi iNkosi enguMongami uYehova.’  Bona ke, nokuba bayamamela okanye abamameli, kuba bayindlu engathobeliyo,+ baza kwazi ngokuqinisekileyo ukuba bekukho umprofeti phakathi kwabo.+  “Kodwa wena nyana womntu, ungaboyiki,+ ungawoyiki namazwi abo, nangona ujikelezwe ngameva*+ yaye uhleli phakathi koonomadudwane. Ungawoyiki amazwi abo,+ ungangcangcazeliswa nabubuso babo,+ kuba bayindlu engathobeliyo.  Umele uwathethe amazwi am kubo, nokuba bayamamela okanye abamameli, kuba abathobeli.+  “Kodwa wena nyana womntu, mamela le nto ndikuxelela yona. Ungafani nale ndlu ingathobeliyo. Vula umlomo wakho uze utye oko ndikunika kona.”+  Ndathi ndakujonga, ndabona isandla solulelwe kum,+ yaye kuso ndabona umsongo obhaliweyo.+ 10  Xa wawuvulayo phambi kwam, wawubhaliwe ngaphambili nangemva.+ Kuwo kwakubhalwe iingoma zokuzila, izililo nezijwili.+

Umbhalo osemazantsi

“Nyana womntu”; livela okokuqala kwizihlandlo eziyi-93 elivela ngazo kuHezekile.
Okanye “abanobuso obulukhuni.”
Okanye kusenokwenzeka, “nangona abantu beneenkani kwaye befana nezinto ezihlabayo.”