Hezekile 2:1-10
2 Wathi kum: “Nyana womntu,* yima ngeenyawo ukuze ndithethe nawe.”+
2 Wathi akuthetha nam, ndangenwa ngumoya owandenza ndema ngeenyawo+ ukuze ndimve Lowo uthetha nam.
3 Wathi kum: “Nyana womntu, ndikuthuma kubantu bakwaSirayeli,+ kwiintlanga ezingathobeliyo eziye azandithobela.+ Bona kunye nookhokho babo bandonile kwada kwanamhlanje.+
4 Ndikuthuma koonyana abangathobeliyo* nabaneentliziyo ezilukhuni.+ Umele uthi kubo, ‘Ithi iNkosi enguMongami uYehova.’
5 Bona ke, nokuba bayamamela okanye abamameli, kuba bayindlu engathobeliyo,+ baza kwazi ngokuqinisekileyo ukuba bekukho umprofeti phakathi kwabo.+
6 “Kodwa wena nyana womntu, ungaboyiki,+ ungawoyiki namazwi abo, nangona ujikelezwe ngameva*+ yaye uhleli phakathi koonomadudwane. Ungawoyiki amazwi abo,+ ungangcangcazeliswa nabubuso babo,+ kuba bayindlu engathobeliyo.
7 Umele uwathethe amazwi am kubo, nokuba bayamamela okanye abamameli, kuba abathobeli.+
8 “Kodwa wena nyana womntu, mamela le nto ndikuxelela yona. Ungafani nale ndlu ingathobeliyo. Vula umlomo wakho uze utye oko ndikunika kona.”+
9 Ndathi ndakujonga, ndabona isandla solulelwe kum,+ yaye kuso ndabona umsongo obhaliweyo.+
10 Xa wawuvulayo phambi kwam, wawubhaliwe ngaphambili nangemva.+ Kuwo kwakubhalwe iingoma zokuzila, izililo nezijwili.+
Umbhalo osemazantsi
^ “Nyana womntu”; livela okokuqala kwizihlandlo eziyi-93 elivela ngazo kuHezekile.
^ Okanye “abanobuso obulukhuni.”
^ Okanye kusenokwenzeka, “nangona abantu beneenkani kwaye befana nezinto ezihlabayo.”