Hezekile 20:1-49

  • Imbali kaSirayeli yokujikela uThixo (1-32)

  • Isithembiso sokubuyiselwa kukaSirayeli (33-44)

  • Kuprofetwa ngokutshatyalaliswa kwelizwe lasemzantsi (45-49)

20  Ngonyaka wesixhenxe, ngenyanga yesihlanu, ngomhla weshumi kuloo nyanga, abanye kubadala bakwaSirayeli beza kuhlala phambi kwam ukuze babuzise kuYehova.  Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi:  “Nyana womntu, thetha nabadala bakwaSirayeli, uthi kubo, ‘Ithi iNkosi enguMongami uYehova: “Nize kubuzisa kum na? ‘Ndiphila nje, andizukuniphendula,’+ itsho iNkosi enguMongami uYehova.”’  “Ukulungele na ukubagweba?* Ukulungele na ukubagweba, nyana womntu? Bazise izinto ezenyanyekayo ezenziwa ngookhokho babo.+  Yithi kubo, ‘Ithi iNkosi enguMongami uYehova: “Ngemini endamkhetha ngayo uSirayeli,+ ndafunga* nakwinzala* yendlu kaYakobi ndaza ndazazisa kubo elizweni laseYiputa.+ Ewe, ndabafungela ndathi, ‘NdinguYehova uThixo wenu.’  Ngaloo mini ndafunga ukuba ndiza kubakhupha kwilizwe laseYiputa ndibase kwilizwe endabakhangelela* lona, eligcwele ubisi nobusi.+ Lalilihle* ngaphezu kwawo onke amanye amazwe.  Emva koko ndathi kubo, ‘Ngamnye wenu makalahle izinto ezenyanyekayo eziphambi kwamehlo akhe, ningazingcolisi ngezithixo ezenyanyekayo* zaseYiputa.+ NdinguYehova uThixo wenu.’+  “‘“Kodwa bandijikela, yaye babengazimiselanga kundimamela. Abazange bazilahle izinto ezenyanyekayo ezaziphambi kwabo, nezithixo ezenyanyekayo zaseYiputa abazange bazishiye.+ Ngoko ndathembisa ukuphalazela kubo ukucaphuka kwam, ndize ndiwukhuphele kubo wonke umsindo wam kwilizwe laseYiputa.  Kodwa ndazinqanda ngenxa yegama lam, ukuze lingangcoliswa phambi kweentlanga ababephila phakathi kwazo.+ Kuba ndazazisa kubo* phambi kwazo xa ndabakhupha* kwilizwe laseYiputa.+ 10  Ngoko ndabakhupha kwilizwe laseYiputa, ndabazisa entlango.+ 11  “‘“Ndabanika imithetho nemiyalelo yam,+ ukuze umntu oyithobelayo afumane ubomi ngenxa yayo.+ 12  Ndabanika neesabatha zam,+ ukuba zibe luphawu phakathi kwam nabo,+ ukuze bazi ukuba ndim, mna Yehova, obenza ngcwele. 13  “‘“Kodwa indlu kaSirayeli yandijikela entlango.+ Ayizange iyithobele imithetho yam, nemiyalelo yam ayizange iyamkele, leyo imenza afumane ubomi umntu oyithobelayo. Neesabatha zam yazingcolisa kakhulu. Ngoko ndathembisa ukuwukhuphela kuyo entlango umsindo wam, ukuze ndiyitshabalalise.+ 14  Ndazinqanda ngenxa yegama lam ukuze lingangcoliswa phambi kweentlanga, endandiwakhuphe phambi kwazo amaSirayeli.+ 15  Ndafunga entlango ndathi soze ndiwase kwilizwe endandiwanike lona,+ ilizwe eligcwele ubisi nobusi,+ elona lihle* kuwo onke, 16  kuba akayamkelanga imiyalelo yam, akayithobela imithetho yam, aza azingcolisa iisabatha zam, kuba iintliziyo zawo zazilandela izithixo zawo ezenyanyekayo.+ 17  “‘“Kodwa ndawasizela* ndaza andawatshabalalisa; andizange ndiwacime igama entlango. 18  Ndathi koonyana bawo entlango,+ ‘Sanukuhamba ngemithetho yookhokho benu,+ ningayigcini nemiyalelo yabo okanye nizingcolise ngezithixo zabo ezenyanyekayo. 19  NdinguYehova uThixo wenu. Thobelani imithetho yam nize nigcine imiyalelo yam, niyenze.+ 20  Zenzeni zibe ngcwele iisabatha zam,+ kwaye ziza kuba luphawu phakathi kwam nani, ukuze nazi ukuba ndinguYehova uThixo wenu.’+ 21  “‘“Kodwa abo nyana bandijikela.+ Abazange bayithobele imithetho yam nemiyalelo yam, leyo imenza afumane ubomi umntu oyithobelayo. Neesabatha zam bazingcolisa. Ngoko ndathembisa ukuwukhuphela kubo entlango umsindo wam nokucaphuka kwam.+ 22  Kodwa ndazinqanda+ ndaza ndenza ngako konke ngenxa yegama lam,+ ukuze lingangcoliswa phambi kweentlanga, endandibakhuphe* zijongile. 23  Ndabafungela nasentlango ndisithi ndiza kubachitha-chitha ezintlangeni, ndibathi saa emazweni,+ 24  kuba bengazange bayithobele imiyalelo yam baza bayidelela imithetho yam,+ bangcolisa iisabatha zam baza balandela* izithixo ezenyanyekayo zookhokho babo.+ 25  Ndabayeka balandela nemiyalelo engalunganga nemithetho eyayingazukubanceda baphile.+ 26  Ndabayeka bangcoliswa yiminikelo yabo, xa babingelela* ngawo onke amazibulo abo emlilweni,+ ukuze ndibatshabalalise, batsho bazi ukuba ndinguYehova.”’ 27  “Ngoko ke nyana womntu thetha kwindlu kaSirayeli, uthi kuyo, ‘Ithi iNkosi enguMongami uYehova: “Nookhokho benu balingcolisa igama lam ngokungathembeki kum. 28  Ndabazisa kwilizwe endandifunge ukuba ndiza kubanika lona.+ Bathi bakubona zonke iinduli eziphakamileyo nemithi enamagqabi,+ baqalisa ukwenza imibingelelo neminikelo yabo ecaphukisayo. Banikela apho amavumba abo amnandi neminikelo yabo eselwayo. 29  Ngoko ndababuza, ‘Ithetha ntoni na le ndawo iphakamileyo niza kuyo? (Kusathiwa yiNdawo Ephakamileyo nanamhlanje.)’”’+ 30  “Ngoku yithi kwindlu kaSirayeli, ‘Ithi iNkosi enguMongami uYehova: “Ngaba nani nizingcolisa ngendlela abenza ngayo ookhokho benu xa bathengisa ngomzimba, balandela izithixo ezenyanyekayo baza bazikhonza?+ 31  Ngaba nisazingcolisa nangoku ngokubingelela kwizithixo zenu ezenyanyekayo, nibingelela* ngoonyana benu emlilweni?+ Ngaba ke mna ndifanele ndiphendule xa nibuza kum, ndlu kaSirayeli?”’+ “‘Ndiphila nje,’ itsho iNkosi enguMongami uYehova, ‘andizukuniphendula.+ 32  Ayizukwenzeka nale nto niyicingayo xa nisithi, “Masibe njengeentlanga, njengeentsapho zamazwe akhonza imithi namatye.”’”+ 33  “‘Ndiphila nje,’ itsho iNkosi enguMongami uYehova, ‘Ndiza kuba ngukumkani wenu ndize ndinilawule ngegqudu, ngengalo eyoluliweyo nangomsindo.+ 34  Ndiza kunikhupha kwizizwana nakumazwe enisasazelwe kuwo ngesandla esomeleleyo, ngengalo eyoluliweyo nangomsindo.+ 35  Yaye ndiza kunizisa kwintlango yezizwana ndize ndinigwebe apho ubuso ngobuso.+ 36  “‘Kanye njengokuba ndabagwebayo ookhokho benu entlango yelizwe laseYiputa, ndiza kunigweba nani,’ itsho iNkosi enguMongami uYehova. 37  ‘Ndiza kunidlulisa phantsi kwentonga yomalusi+ ndize ndinibophelele ngesivumelwano. 38  Kodwa ndiza kubasusa kuni abantu abangathobeliyo nabo bandonayo.+ Ndiza kubakhupha kwilizwe abaphambukele kulo, kodwa abazukungena kumhlaba wakwaSirayeli;+ ibe niza kutsho nazi ukuba ndinguYehova.’ 39  “Nina ke, ndlu kaSirayeli, ithi iNkosi enguMongami uYehova: ‘Ngamnye kuni makaye kukhonza izithixo zakhe ezenyanyekayo.+ Kodwa ukuba anindimameli emva koko, anizukuphinda nikwazi ukungcolisa igama lam elingcwele ngemibingelelo yenu nangezithixo zenu ezenyanyekayo.’+ 40  “‘Kuba entabeni yam engcwele, entabeni ephakamileyo yakwaSirayeli,’+ itsho iNkosi enguMongami uYehova, ‘kulapho yonke indlu kaSirayeli iza kundikhonza khona elizweni.+ Ndiza kukholiswa ngabo kuloo ndawo, ibe ndiza kuyifuna apho iminikelo yenu nesivuno sokuqala seminikelo yenu kuzo zonke izinto zenu ezingcwele.+ 41  Ngenxa yevumba elimnandi, ndiza kukholwa nini xa ndinikhupha kwizizwana ndize ndiniqokelele nivela kumazwe enanichithachithwe kuwo;+ ndenziwe ngcwele phakathi kwenu phambi kwamehlo eentlanga.’+ 42  “‘Niza kutsho nazi ukuba ndinguYehova+ xa ndinizisa kwilizwe lakwaSirayeli,+ endafunga ukuba ndiza kulinika ookhokho benu. 43  Apho niza kuyikhumbula indlela enaniziphethe ngayo nazo zonke izenzo zenu enazingcolisa ngazo,+ ibe niza kuzenyanya* ngenxa yazo zonke izinto ezimbi enazenzayo.+ 44  Niza kutsho nazi ke ukuba ndinguYehova xa ndisenza yonke le nto kuni ngenxa yegama lam,+ hayi ngokweendlela zenu ezimbi okanye ngokwezenzo zenu zamaqhinga, ndlu kaSirayeli,’ itsho iNkosi enguMongami uYehova.” 45  Laphinda lafika ilizwi likaYehova kum, lisithi: 46  “Nyana womntu, jonga kwicala lasemzantsi uze uthethe ubhekisa emzantsi, uprofete kwihlathi lommandla osemzantsi. 47  Yithi kwihlathi lasemzantsi, ‘Live ilizwi likaYehova. Ithi iNkosi enguMongami uYehova: “Ndiza kukutshisa ngomlilo,+ kwaye wona uza kuqwenga yonke imithi eluhlaza nayo yonke imithi eyomileyo. Idangatye elivuthayo alizukucinywa,+ yaye bonke ubuso buza kutshiswa lilo, ukususela emzantsi ukusa emntla. 48  Bonke abantu baza kubona ukuba mna, Yehova, ndiwubasile, kangangokuba awuzukucinywa.”’”+ 49  Ndaza ndathi ke: “Owu Nkosi enguMongami Yehova! Bathi ngam, ‘Akazithetheli ngezafobe* na kodwa?’”

Umbhalo osemazantsi

Okanye “ukubaxelela isigwebo?”
Okanye “ndaphakamisa isandla sam.”
Ngokoqobo, “nakwimbewu.”
Okanye “endabahlolela.”
Okanye “Lalingumhombiso.”
Kusenokwenzeka ukuba igama lesiHebhere liyelelene nelo lithetha “ubulongwe,” yaye lisetyenziswa xa kuthethwa ngento eyenyanyekayo.
Oko kukuthi, kubantu bakwaSirayeli.
Oko kukuthi, abantu bakwaSirayeli.
Okanye “elingumhombiso.”
Ngokoqobo, “ilihlo lam lawasizela.”
Oko kukuthi, amaSirayeli.
Ngokoqobo, “aza amehlo abo alandela.”
Ngokoqobo, “badlulisa.”
Ngokoqobo, “nidlulisa.”
Ngokoqobo, “niza kubenyanya ubuso benu.”
Okanye “ngezaci.”