Hezekile 21:1-32

  • UThixo ukhupha ikrele lakhe lomgwebo (1-17)

  • Ukumkani waseBhabhiloni uza kutshabalalisa iYerusalem (18-24)

  • Iza kususwa inkosi engalunganga yakwaSirayeli (25-27)

    • ‘Yothula isithsaba’ (26)

    • “Ade afike lowo unelungelo elisemthethweni” (27)

  • Isiprofeto sokutshatyalaliswa kwama-Amoni ngekrele (28-32)

21  Laphinda lafika ilizwi likaYehova kum, lisithi:  “Nyana womntu, jongisa ubuso bakho ngaseYerusalem, uthethe ngeendawo ezingcwele, uze uprofete ngelizwe lakwaSirayeli.  Yithi kwilizwe lakwaSirayeli, ‘Uthi uYehova: “Ndilwa nawe, ibe ndiza kurhola ikrele lam esingxotyeni salo+ ndize ndinqumle kuwe ilungisa nomenzi-bubi.  Ndiza kubarholela ikrele lam esingxotyeni salo bonke abantu, ndinqumle kuwe ilungisa nomenzi-bubi, ukususela emzantsi kuse emntla.  Bonke abantu baza kutsho bazi ukuba mna Yehova, ndilikhuphile ikrele lam esingxotyeni salo. Alizi kuba sabuyela kuso.”’+  “Wena ke, nyana womntu, ncwina ungcangcazele,* uncwine kabuhlungu phambi kwabo.+  Ukuba bathi kuwe, ‘Kutheni uncwina nje?’ uze uthi, ‘Ndincwiniswa yingxelo.’ Kuba ngokuqinisekileyo iza kuza, yaye zonke iintliziyo ziza kunyibilika, nezandla zonke ziza kuwa kukutyhafa, nomoya wonke uza kudakumba, namadolo onke aza kuthontsiza amanzi.*+ ‘Jonga! Ngokuqinisekileyo iza kuza, iza kwenzeka,’ itsho iNkosi enguMongami uYehova.”  Laphinda lafika ilizwi likaYehova kum, lisithi:  “Nyana womntu, profeta uthi, ‘Uthi uYehova: “Yithi, ‘Ikrele! Ikrele+ liloliwe, yaye limenyezelisiwe. 10  Liloliwe ukuze libulale ngobundlobongela; limenyezelisiwe ukuze lithi lenye njengombane.’”’” “Asimele sivuye na?” “‘Ngaba liza* kuyidelela intonga yobukhosi yonyana wam,+ njengoko lisenjenjalo emithini yonke? 11  “‘Liyamenyezeliswa lize liphakanyiswe ngesandla. Eli krele liyalolwa lize limenyezeliswe, ukuze linikelwe esandleni sombulali.+ 12  “‘Lila uze wenze isijwili,+ nyana womntu, kuba libafikele abantu bam; lizifikele zonke iinkosi zakwaSirayeli.+ Ziza kuba ngamaxhoba ekrele, zona kunye nabantu bam. Ngoko zibethe ethangeni ukhathazekile. 13  Kuba ikrele liye lavavanywa,+ ibe kuza kwenzeka ntoni ukuba liyayidelela intonga yobukhosi? Iza kuthi shwaka,’+ itsho iNkosi enguMongami uYehova. 14  “Wena nyana womntu, profeta uze uqhwabe izandla usithi ‘Ikrele!’ kude kube kathathu. Barhangqwe likrele elibulala amaxhoba, elibulala inkitha yabantu.+ 15  Iintliziyo zabo ziza kunyibilika kukoyika+ yaye abaninzi baza kuwa kwiigeyithi zesixeko; ndiza kubaxabela ngekrele. Ewe, lithi lenye oku kombane yaye limenyezelisiwe ukuze lixabele! 16  Xabela ngasekunene! Yiya ngasekhohlo! Xabela macala onke! 17  Nam ndiza kuqhwaba izandla, ndiwanelise umsindo wam.+ Mna Yehova, ndithethile.” 18  Laphinda lafika ilizwi likaYehova kum, lisithi: 19  “Wena ke, nyana womntu, bonisa iindlela ezimbini eliza kungena ngazo ikrele lokumkani waseBhabhiloni. Zombini ziza kuphuma kwilizwe elinye, yaye kufanele kumiswe uphawu* apho yahlukana khona indlela ukuya kwizixeko ezibini. 20  Ufanele ubonise indlela eliza kungena ngayo ikrele kwiRabha+ yama-Amoni, nenye eliza kungena ngayo kwiYerusalem+ ekhuselekileyo kwaYuda. 21  Kuba ukumkani waseBhabhiloni uyema ukuze abhenele ekuvumiseni ekwahlukaneni kwendlela, apho yahlukana khona ibe ziindlela ezimbini. Uhlukuhla iintolo. Ubuza kwizithixo zakhe; uhlola isibindi. 22  Ukuvumisa kwakhe ngesandla sasekunene kwalatha ngaseYerusalem, ukuba aye khona aze amise izixhobo zokudiliza iindonga, ayalele ukuba kuxatyelwe, ahlabe umkhosi, amise izixhobo zokudiliza ezigeyithini, akhe ithambeka lokuhlasela nodonga lokurhangqa.+ 23  Kodwa kuza kubonakala ngathi kukuvumisa kobuxoki kwabo* benze izifungo kubo.*+ Kodwa uyalikhumbula ityala labo yaye uza kubathimba.+ 24  “Ngoko ke ithi iNkosi enguMongami uYehova: ‘Nilenze lakhunjulwa ityala lenu ngokutyhila iziphoso zenu nangokwenza izono zenu zibonakale ngezenzo zenu. Ngoko ke, ekubeni nikhunjuliwe, niza kuthathwa ngenkani.’* 25  “Kodwa ifikile imini yakho, nkosi yakwaSirayeli eyenzakele ngendlela emasikizi nengumenzi-bubi,+ ixesha lokohlwaywa kwakho okokugqibela. 26  Ithi iNkosi enguMongami uYehova: ‘Khulula ilaphu elisentloko, wothule isithsaba.+ Izinto ziza kutshintsha.+ Mphakamise lowo uthotyiweyo,+ uze umthobe lowo uphakamileyo.+ 27  Ndiza kusonakalisa, ndisonakalise, ndisonakalise. Asiyi kuba sesakhe nabani na ade afike lowo unelungelo elisemthethweni,+ yaye ndiza kusinika yena.’+ 28  “Wena ke, nyana womntu, profeta uthi, ‘Ithi iNkosi enguMongami uYehova ngama-Amoni nezithuko zawo.’ Yithi, ‘Ikrele! Kurholwe ikrele ukuze kutshatyalaliswe; limenyezelisiwe ukuze liqwenge lize lithi lenye njengombane. 29  Nangona kukho imibono ebubuxoki nokuvumisa okuyinkqatho ngawe, uza kufumba phezu kwabaxatyelweyo,* abenzi-bubi ebafikeleyo imini yabo, ixesha lesohlwayo sabo sokugqibela. 30  Libuyisele esingxotyeni salo. Ndiza kukugwebela kwindawo owadalelwa kuyo, kwilizwe ovela kulo. 31  Ndiza kuwukhuphela kuwe umsindo wam. Ndiza kukuvuthela ngomlilo wokucaphuka kwam, ndikunikele kumadoda akhohlakeleyo, amachule okutshabalalisa.+ 32  Umlilo uza kubaswa ngawe;+ igazi lakho liza kuchithwa elizweni, ibe awuzukuba sakhunjulwa, kuba mna Yehova, ndithethile.’”

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “ungcangcazelise isinqe.”
Oko kukuthi, ukuzichamela ngenxa yokoyika.
Oko kukuthi, ikrele likaYehova.
Ngokoqobo, “isandla.”
Oko kukuthi, abemi baseYerusalem.
Kubonakala ukuba apha kuthethwa ngabemi baseBhabhiloni.
Ngokoqobo, “ngesandla.”
Ngokoqobo, “phezu kweentamo zabaxatyelweyo.”