Hezekile 22:1-31

  • IYerusalem, isixeko esinetyala legazi (1-16)

  • USirayeli ufaniswa nentlenge engenaxabiso (17-22)

  • Kukhalinyelwa iinkokheli nabantu bakwaSirayeli (23-31)

22  Laphinda lafika ilizwi likaYehova kum, lisithi:  “Wena ke, nyana womntu, ukulungele na ukusixelela isigwebo saso* isixeko esinetyala legazi,+ uze usazise zonke izinto ezenyanyekayo esizenzileyo?+  Uze uthi, ‘Ithi iNkosi enguMongami uYehova: “Owu sixekondini esichitha igazi+ phakathi kwaso, elizayo ixesha laso,+ esenza izithixo ezenyanyekayo* ukuze sizingcolise,+  uye wanetyala ngenxa yokuchitha igazi,+ wangcoliswa nazizithixo zakho ezenyanyekayo.+ Usisondeze ngokukhawuleza isiphelo seemini zakho, yaye sifikile isiphelo seminyaka yakho. Yiloo nto ndiza kukwenza ube yinto yokugezelwa ziintlanga, aze amazwe ahlekise ngawe.+  Amazwe akufutshane nakude aza kuhlekisa ngawe,+ wena onegama elingcolileyo nogcwele isiphithiphithi.  Jonga! Zonke iinkosi zakwaSirayeli eziphakathi kwakho zisebenzisa igunya lazo ukuze zichithe igazi.+  Zidelela ootata noomama bazo ngaphakathi kuwe.+ Ziyamqhatha umntu wasemzini, zize zimphathe kakubi umntwana ongenatata* nomhlolokazi.”’”+  “‘Iindawo zam ezingcwele uyazidelela, neesabatha zam uyazingcolisa.+  Phakathi kwakho kukho abantu abangcolisa amagama abanye nabazimisele ukuchitha igazi.+ Phakathi kwakho, batya imibingelelo ezintabeni yaye baqhubeka besenza izinto ezimanyumnyezi.+ 10  Phakathi kwakho bayidelele ibhedi katata wabo,*+ balala nomfazi ongacocekanga kuba esexesheni.+ 11  Phakathi kwakho indoda yenza into eyenyanyekayo nomfazi wommelwane wayo,+ enye ingcolisa umolokazana wayo ngokwenza izinto ezimanyumnyezi,+ yona enye ilala nodadewayo, intombi katata wayo.+ 12  Phakathi kwakho bayanyotywa ukuze bachithe igazi.+ Ubolekisa ulindele inzala+ okanye inzuzo, ibe uyabagrogrisa abamelwane bakho ukuze bakunike imali.+ Mna ke undilibele shici,’ itsho iNkosi enguMongami uYehova. 13  “‘Jonga! Ndiqhwaba izandla zam ndisenyanya ngenxa yenzuzo oyifumene ngamaqhinga, nangenxa yokuchithwa kwegazi phakathi kwakho. 14  Ngaba uza kuhlala unesibindi* yaye ngaba izandla zakho ziza kuhlala zomelele xa ndisilwa nawe?+ Mna Yehova ndithethile, yaye ndiza kuyenza loo nto. 15  Ndiza kukuchithachitha phakathi kweentlanga ndize ndikusasaze emazweni,+ yaye ndiza kukuphelisa ukungcola kwakho.+ 16  Uza kuhlaziswa phambi kweentlanga, yaye uza kutsho wazi ukuba ndinguYehova.’”+ 17  Laphinda lafika ilizwi likaYehova kum, lisithi: 18  “Nyana womntu, indlu kaSirayeli yintlenge nje kum ngoku. Bonke bayikopolo nenkcenkce nentsimbi nelothe ephakathi eziko. Baye baba yintlenge yesilivere.+ 19  “Ngoko ke ithi iNkosi enguMongami uYehova: ‘Ngenxa yokuba nonke niye nayintlenge nje engenaxabiso,+ ndiza kuniqokelela ngaphakathi eYerusalem. 20  Njengokuba isilivere nekopolo nentsimbi nelothe nenkcenkce ziqokelelwa zifakwe eziko ukuze zifuthwe ngomlilo zize zinyibilike, nam ndiza kuniqokelela ngomsindo nokucaphuka kwam, yaye ndiza kunifutha ndininyibilikise.+ 21  Ndiza kuniqokelela ndize ndinifuthe ngomlilo womsindo wam,+ ibe niza kunyibilikela phakathi kwayo.+ 22  Njengokuba kunyibilikiswa isilivere eziko, nani niza kunyibilikiswa phakathi kwayo; ibe niza kutsho nazi ukuba mna Yehova, ndiwukhuphele kuni umsindo wam.’” 23  Laphinda lafika ilizwi likaYehova kum, lisithi: 24  “Nyana womntu, yithi kuyo, ‘Ulilizwe elingazukucocwa okanye kunethe mvula kulo ngemini yomsindo. 25  Abaprofeti bayo benze iyelenqe phakathi kwayo,+ njengengonyama egqumayo edlakaza ixhoba.+ Baqwenga abantu. Bathimba ubutyebi nezinto ezixabisekileyo. Benze kwakho abahlolokazi abaninzi phakathi kwayo. 26  Ababingeleli bayo bawaphule umthetho wam,+ yaye bayazingcolisa iindawo zam ezingcwele.+ Abahluli phakathi kwento engcwele neqhelekileyo,+ abazazisi nezinto ezingacocekanga nezicocekileyo,+ abafuni kuzibhiyozela iisabatha zam, yaye ndingcolisiwe phakathi kwabo. 27  Iinkosana zayo phakathi kwayo zifana neengcuka ezidlakaza amaxhoba; zichitha igazi zize zibulale abantu* ukuze zenze inzuzo ngamaqhinga.+ 28  Kodwa abaprofeti bayo bafihla izinto abazenzayo ngokuziqaba mhlophe. Babona imibono engekhoyo baze bavumise ubuxoki,+ besithi: “Ithi iNkosi enguMongami uYehova,” abe uYehova engakhange athethe nto. 29  Abantu belizwe baye baqhatha baza baphanga;+ babaphatha kakubi abantu abasweleyo nabangamahlwempu, yaye bamqhathile umntu wasemzini baza abamenzela bulungisa.’ 30  “‘Ndandikhangela indoda phakathi kwabo enokulungisa udonga lwamatye okanye ime ekrobeni ngenxa yelizwe, ukuze lingatshatyalaliswa,+ kodwa andizange ndifumane nenye. 31  Ngoko ndiza kuwukhuphela kubo umsindo wam ndize ndibatshabalalise ngomlilo wengqumbo yam. Ndiza kuyizisa phezu kwentloko yabo imiphumo yendlela yabo,’ itsho iNkosi enguMongami uYehova.”

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “uza kusigweba na, uza kusigweba na.”
Kusenokwenzeka ukuba igama lesiHebhere liyelelene nelo lithetha “ubulongwe,” yaye lisetyenziswa xa kuthethwa ngento eyenyanyekayo.
Okanye “ziyiphathe kakubi inkedama.”
Ngokoqobo, “Babutyhilile ubuze bukatata wabo.”
Ngokoqobo, “unentliziyo.”
Okanye “imiphefumlo.”