Hezekile 25:1-17

  • Kuprofetwa ngokutshatyalaliswa kwama-Amoni (1-7)

  • Kuprofetwa ngokutshatyalaliswa kwamaMowabhi (8-11)

  • Kuprofetwa ngokutshatyalaliswa kwamaEdom (12-14)

  • Kuprofetwa ngokutshatyalaliswa kwamaFilisti (15-17)

25  Laphinda lafika ilizwi likaYehova kum, lisithi:  “Nyana womntu, jongisa ubuso bakho kuma-Amoni,+ uprofete ngawo.+  Uze uthi ngama-Amoni, ‘Liveni ilizwi leNkosi enguMongami uYehova. Ithi iNkosi enguMongami uYehova: “Ngenxa yokuba nithe ‘Heke!’ xa kwakungcoliswa ingcwele yam, naxa lalitshatyalaliswa ilizwe lakwaSirayeli, naxa yathinjwayo indlu kaYuda,  ndininikela ebantwini baseMpuma nibe lilifa labo. Baza kumisa iinkampu zabo* phakathi kwenu, bamise neentente zabo phakathi kwenu. Baza kutya iziqhamo zenu, basele nobisi lwenu.  Ndiza kuyenza iRabha+ ibe lidlelo leenkamela, nelizwe lama-Amoni libe yindawo ephumla kuyo imihlambi, nitsho nazi ukuba ndinguYehova.”’”  “Kuba ithi iNkosi enguMongami uYehova: ‘Ngenxa yokuba niqhwabe izandla,+ nangqisha ngeenyawo naza nayivuyela into eyenzeka elizweni lakwaSirayeli, nihlekisa ngalo,+  ndiza kusolulela kuni isandla sam ndize ndiniyekele ezintlangeni ukuba zithathe izinto zenu. Ndiza kuninqumla ezizweni ndinitshabalalise emazweni.+ Ndiza kunitshayela, nitsho nazi ukuba ndinguYehova.’  “Ithi iNkosi enguMongami uYehova: ‘Ngenxa yokuba uMowabhi+ noSehire+ bethe, “Jonga! Indlu kaYuda ifana nazo zonke ezinye iintlanga,”  ndiyalityhila ithambeka lakwaMowabhi ezixekweni ezisemdeni wakhe, ubuhle belizwe* lakhe, iBhete-yeshimoti, iBhahali-meyon, ukuya kwiKiriyatayim.+ 10  Ndiza kumnikela kunye nama-Amoni ebantwini baseMpuma,+ ukuze ama-Amoni angaze akhunjulwe phakathi kweentlanga.+ 11  Ndiza kugweba kwaMowabhi,+ batsho bazi ukuba ndinguYehova.’ 12  “Ithi iNkosi enguMongami uYehova: ‘UEdom uye waziphindezela kwindlu kaYuda yaye uye wanetyala elikhulu ngenxa yale nto.+ 13  Ngoko ke ithi iNkosi enguMongami uYehova: “Ndiza kusolulela nakwelakwaEdom isandla sam ndize ndinqumle apho umntu nemfuyo, ndilenze libe yindawo engahlali bantu.+ Baza kuwa ngekrele ukususela kwaTeman ukuya kwaDedan.+ 14  ‘Ndiza kuziphindezela kuEdom ndisebenzisa abantu bam amaSirayeli.+ Baza kukhuphela umsindo nengqumbo yam kuEdom, ukuze bayive impindezelo yam,’+ itsho iNkosi enguMongami uYehova.”’ 15  “Ithi iNkosi enguMongami uYehova: ‘Ngenxa yokuba amaFilisti ekhohlakele, aye ngolunya afuna ukuziphindezela nokutshabalalisa.+ 16  Ngoko ke ithi iNkosi enguMongami uYehova: “Ndisolulela kumaFilisti isandla sam,+ yaye ndiza kuwanqumla amaKereti+ ndize ndiwatshabalalise lawo ashiyekileyo aselunxwemeni lolwandle.+ 17  Ndiza kuziphindezela kuwo ngokuwohlwaya ngomsindo, ibe aza kutsho azi ukuba ndinguYehova xa ndiziphindezela kuwo.”’”

Umbhalo osemazantsi

Okanye “iinkampu zabo ezineendonga.”
Okanye “umhombiso welizwe.”