Hezekile 28:1-26

  • Kuprofetwa ngokutshatyalaliswa kokumkani waseTire (1-10)

    • “Ndinguthixo” (2, 9)

  • Ingoma yokuzilela ukumkani waseTire (11-19)

    • “Wawuse-Eden” (13)

    • ‘Ikherubhi ekhethiweyo eyolule amaphiko” (14)

    • “Kwafumaneka ububi kuwe” (15)

  • Kuprofetwa ngokutshatyalaliswa kweSidon (20-24)

  • USirayeli uza kubuyiswa (25, 26)

28  Laphinda lafika ilizwi likaYehova kum, lisithi:  “Nyana womntu, yithi kwinkokheli yaseTire, ‘Ithi iNkosi enguMongami uYehova: “Kuba intliziyo yakho iye yanekratshi,+ umana usithi, ‘Ndinguthixo. Ndihlala etroneni yothixo, phakathi elwandle.’+ Kodwa ungumntu nje kuphela, awungothixo,Nangona uzixelele entliziyweni yakho ukuba unguthixo.   Jonga! Usisilumko ngaphezu kukaDaniyeli.+ Akukho mfihlelo ungayaziyo.   Ngobulumko nokuqonda kwakho uzenze isityebi,Yaye uqhubeka uzifumbela igolide nesilivere koovimba bakho.+   Uye wasisityebi ngenxa yobuchule bakho bokushishina,+Intliziyo yakho yaba nekratshi ngenxa yobutyebi bakho.”’  “‘Ngoko ke ithi iNkosi enguMongami uYehova: “Ngenxa yokuba uzixelele entliziyweni yakho ukuba unguthixo,   Ndikuzisela abasemzini, ezona ntlanga zikhohlakeleyo.+Baza kuburholela amakrele ubuhle bobulumko bakhoBabungcolise ubumbejembeje bakho obuzukileyo.+   Baza kukuhlisela emngxunyeni,*Yaye uza kufa kakubi phakathi elwandle.+   Ngaba uza kuthi, ‘Ndinguthixo,’ kulowo ukubulalayo? Ezandleni zabo bakungcolisayo uza kuba ngumntu nje oqhelekileyo, kungekhona uthixo.”’ 10  ‘Ngesandla sabasemzini, uza kufa njengabantu abangalukanga,Kuba mna ndithethile,’ itsho iNkosi enguMongami uYehova.” 11  Laphinda lafika ilizwi likaYehova kum, lisithi: 12  “Nyana womntu, culela ukumkani waseTire ingoma yokuzila uze uthi kuye, ‘Ithi iNkosi enguMongami uYehova: “Wawungenasiphako,Unobulumko+ yaye ugqibelele ngobuhle.+ 13  Wawuse-Eden, emyezweni kaThixo. Wawuhonjiswe ngawo onke amatye axabisekileyo,Irubhi, itopazi neyaspisi; ikrizolite, ianikis nejeyidi; isafire, itekoyisi+ ne-emeraldi;Yaye zazibekwe phezu kwegolide.Zalungiswa ngemini owadalwa ngayo. 14  Ndakubeka ukuba ube yikherubhi ekhethiweyo eyolule amaphiko. Wawusentabeni engcwele kaThixo,+ uhamba-hamba phakathi kwamatye anomlilo. 15  Zonke iindlela zakho zazilungile ukususela kwimini owadalwa ngayoKwada kwafumaneka ububi kuwe.+ 16  Ngenxa yokushishina kwakho kakhulu,+Waba nobundlobongela, waqalisa ukona.+ Ndiza kukugxotha entabeni kaThixo njengongcolileyo ndize ndikutshabalalise,+Owu kherubhi eyolule amaphiko, ndiza kukugxotha ematyeni anomlilo. 17  Intliziyo yakho yaba nekratshi ngenxa yobuhle bakho.+ Wabumosha ubulumko bakho ngenxa yokuba mbejembeje kwakho okuzukileyo.+ Ndiza kukuphosa emhlabeni.+ Ndiza kukujongisa ngookumkani. 18  Ngenxa yokuba unetyala yaye ushishina ngamaqhinga, uzingcolisile iingcwele zakho. Ndiza kwenza kuqhambuke umlilo phakathi kwakho, ukuqwenge.+ Ndiza kukwenza ube luthuthu phezu komhlaba phambi kwabo bakujongileyo. 19  Zonke izizwana ebezikwazi ziza kukujonga zimangalisiwe.+ Siza kufika ngesiquphe isiphelo sakho esoyikekayo,Yaye uza kutshabalala ngonaphakade.”’”+ 20  Laphinda lafika ilizwi likaYehova kum, lisithi: 21  “Nyana womntu, jongisa ubuso bakho kuSidon,+ uprofete ngaye. 22  Uze uthi, ‘Ithi iNkosi enguMongami uYehova: “Ndilutshaba lwakho Sidon, yaye ndiza kuzukiswa phakathi kwakho;Abantu baza kutsho bazi ukuba ndinguYehova xa ndikugweba ndize ndenziwe ngcwele kuwe. 23  Ndiza kumthumela isifo esingubhubhani, yaye kuza kubaleka igazi ezitratweni zakhe. Ababuleweyo baza kuwa phakathi kwakhe xa ehlaselwa likrele macala onke,Batsho bazi ukuba ndinguYehova.+ 24  “‘“Indlu kaSirayeli ayizukuphinda ijikelezwe ngameva enzakalisayo nabuhlungu,+ angabo bahlekisa ngayo; yaye abantu baza kutsho bazi ukuba ndiyiNkosi enguMongami uYehova.”’ 25  “‘Ithi iNkosi enguMongami uYehova: “Xa ndiqokelela indlu kaSirayeli kwizizwana ethiwe saa kuzo,+ ndiza kungcwaliswa phakathi kwayo phambi kwamehlo eentlanga.+ Yaye iza kuhlala elizweni layo+ endalinika umkhonzi wam uYakobi.+ 26  Iza kuhlala ikhuselekile+ ize yakhe izindlu ityale namasimi eediliya,+ yaye iza kuhlala ikhuselekile xa ndigweba bonke abo bayingqongileyo nabayigculelayo;+ iza kutsho yazi ukuba ndinguYehova uThixo wayo.”’”

Umbhalo osemazantsi

Okanye “engcwabeni.”