Hezekile 29:1-21

  • Kuprofetwa ngokutshatyalaliswa kukaFaro (1-16)

  • IBhabhiloni iza kuhlawulwa ngeYiputa (17-21)

29  Ngonyaka weshumi, ngenyanga yeshumi, ngomhla we-12 kuloo nyanga, kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi:  “Nyana womntu, jongisa ubuso bakho kuFaro ukumkani waseYiputa, uprofete ngaye nangeYiputa yonke.+  Uze uthethe la mazwi: ‘Ithi iNkosi enguMongami uYehova: “Ndilwa nawe Faro, kumkani waseYiputa,+Silwanyana esikhulu saselwandle esihleli phakathi kwemisinga yomNayile* waso,+Esithe, ‘UMlambo umNayile ngowam. Ndizenzele wona.’+   Ndiza kufaka iihaki emihlathini yakho ndize ndizenze zithi nca emaxolweni akho iintlanzi zomNayile wakho. Ndiza kukukhupha kumNayile wakho nazo zonke iintlanzi zomNayile ezithe nca emaxolweni akho.   Ndiza kukushiya entlango, wena nazo zonke iintlanzi zomNayile wakho. Uza kuwela esigangeni, ibe awuzukuqokelelwa.+ Ndiza kukunikela ube kukutya kwamarhamncwa omhlaba nokweentaka zezulu.+   Bonke abemi baseYiputa baza kutsho bazi ukuba ndinguYehova,Kuba bebengeloncedo lwanto ekuxhaseni indlu kaSirayeli, befana nje nengcongolo.+   Xa bakubamba ngesandla, wasuka watyumka,Waza wakrazula igxalaba labo. Bathi bezixhasa ngawe, wasuka waphuka,Wayenza yagexa imilenze yabo.”*+  “‘Ngoko ithi iNkosi enguMongami uYehova: “Ndikuzisela ikrele,+ yaye ndiza kunqumla umntu nesilwanyana kuwe.  Ilizwe laseYiputa liza kutshabalala lingahlali bantu,+ batsho bazi ukuba ndinguYehova, kuba wena* uthe, ‘UMlambo UmNayile ngowam; ndiwenze ngokwam.’+ 10  Ngoko ndilutshaba lwakho, wena nomNayile wakho, yaye ndiza kulenza ilizwe laseYiputa litshabalale lize lome, lingahlali bantu,+ ukususela eMigdoli+ ukuyokutsho eSiyene+ nakumda waseTiyopiya. 11  Akukho mntu namfuyo iya kudlula kulo ngonyawo lwayo,+ ibe akuzukuhlala mntu kulo iminyaka eyi-40. 12  Ilizwe laseYiputa ndiza kulenza lingahlali bantu, lona nezixeko zalo, iminyaka eyi-40;+ yaye ndiza kuwathi saa amaYiputa phakathi kweentlanga, ndiwasasaze emazweni.”+ 13  “‘Kuba ithi iNkosi enguMongami uYehova: “Emva kweminyaka eyi-40 ndiza kuwaqokelela amaYiputa ndiwathathe kwizizwana aza kube ethiwe saa kuzo;+ 14  ndiza kubuyisela amaYiputa athinjiweyo kwilizwe lasePatrosi,+ kwilizwe azalelwe kulo, yaye aza kuba sisizwe esingento yanto. 15  IYiputa iza kuthotywa ibe ngaphantsi kwezinye izizwe ize ingaphinde izilawule ezinye iintlanga,+ ndiyenze ibe ncinci kangangokuba ingakwazi ukoyisa ezinye iintlanga.+ 16  Soze iphinde ithembele ngayo indlu kaSirayeli,+ kodwa iza kusuke nje ikhumbule indlela eye yona ngayo ngokucela uncedo kumaYiputa. Baza kutsho bazi ukuba ndiyiNkosi enguMongami uYehova.”’” 17  Kwathi ngonyaka we-27, ngenyanga yokuqala, ngomhla wokuqala kuloo nyanga, kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi: 18  “Nyana womntu, uKumkani uNebhukadenetsare*+ waseBhabhiloni wathumela umkhosi omkhulu ukuba uyokuhlasela iTire.+ Zonke iintloko zachetywa iinkqayi, namagxalaba atyabuka. Kodwa yena nomkhosi wakhe abazange bafumane mvuzo ngento abayenza kwiTire. 19  “Ngoko ithi iNkosi enguMongami uYehova, ‘Ndilinikela kuKumkani uNebhukadenetsare* waseBhabhiloni ilizwe laseYiputa,+ ibe uza kumka nobutyebi balo aze athimbe izinto zalo ezininzi, zibe ngumvuzo womkhosi wakhe.’ 20  “‘Ndiza kumnika ilizwe laseYiputa njengembuyekezo yento ayenze kuyo,* ngenxa yokuba bebesebenzela mna,’+ itsho iNkosi enguMongami uYehova. 21  “Ngaloo mini ndiza kuyihlumisela uphondo indlu kaSirayeli,*+ yaye wena ndiza kukunika ithuba lokuthetha phakathi kwabo, ibe baza kutsho bazi ukuba ndinguYehova.”

Umbhalo osemazantsi

Kule vesi nakwezilandelayo, “umNayile” ubhekisela kumlambo nakwimijelo yawo yokunkcenkceshela.
Ngokoqobo, “Wazenza zagexa izinqe zabo.”
Ngokoqobo, “yena.”
Ngokoqobo, “uNebhukaderetsare,” enye indlela yokubhala eli gama.
Ngokoqobo, “uNebhukaderetsare,” enye indlela yokubhala eli gama.
Oko kukuthi, kwiTire.
Okanye “ndiza kuyinika amandla indlu kaSirayeli.”