Hezekile 3:1-27

  • UHezekile utya umsongo awunikwe nguThixo (1-15)

  • UHezekile uza kuba ngunogada (16-27)

    • Ukungakhathali kwenza umntu abe netyala legazi (18-21)

3  Wathi kum: “Nyana womntu, yitya le nto iphambi kwakho.* Yitya lo msongo, uze uhambe uyokuthetha nendlu kaSirayeli.”+  Ngoko ndawuvula umlomo wam, wandinika lo msongo ukuba ndiwutye.  Wathi kum: “Nyana womntu, yitya lo msongo ndikunika wona, uze ugcwalise isisu sakho ngawo.” Ngoko ndawutya, ibe wawumnandi njengobusi emlonyeni wam.+  Wathi kum: “Nyana womntu, yiya kwindlu kaSirayeli uze uthethe amazwi am kuyo.  Kuba andikuthumi kwisizwana esithetha ulwimi olungaqondakaliyo okanye olungaziwayo, kodwa ndikuthuma kwindlu kaSirayeli.  Andikuthumi kwizizwana ezininzi ezithetha ulwimi olungaqondakaliyo okanye olungaziwayo, ongawaqondiyo amazwi azo. Ukuba bendikuthuma kuzo, beziya kukumamela.+  Kodwa indlu kaSirayeli ayizukukumamela, kuba ayifuni kundimamela.+ Bonke abendlu kaSirayeli baneentloko ezilukhuni neentliziyo ezilukhuni.+  Jonga! Ndibenze balukhuni ubuso bakho kanye njengobabo, nebunzi lakho lalukhuni kanye njengawabo.+  Ibunzi lakho ndilenze lanjengedayimani, laba lukhuni ngaphezu kwelitye lokuqhwitha.+ Ungaboyiki okanye ungcangcazeliswe bubuso babo,+ kuba bayindlu engathobeliyo.” 10  Waphinda wathi kum: “Nyana womntu, wafake entliziyweni uze uwamamele onke amazwi am endiwathetha kuwe. 11  Hamba uyokuthetha nabantu bakowenu* abathinjiweyo.+ Yithi kubo, ‘Ithi iNkosi enguMongami uYehova,’ nokuba bayamamela okanye abamameli.”+ 12  Ndafunqulwa ngumoya+ ndaza ndeva umgqumo omkhulu emva kwam usithi: “Maludunyiswe uzuko lukaYehova endaweni yakhe.” 13  Kwakukho isandi samaphiko ezidalwa eziphilayo awayebethabethana,+ nesandi samavili ecaleni kwazo,+ nomgqumo omkhulu. 14  Wandifunqula loo moya wemka nam, ndahamba ndikhathazekile yaye ndinomsindo, nesandla sikaYehova sisebenza ngamandla kum. 15  Ndaya kubathinjwa eTele-abhibhi, ababehlala ngakumlambo iKebhare,+ ndahlala apho babehlala khona; ndahlala nabo iintsuku ezisixhenxe, ndibhidekile.+ 16  Ekupheleni kweentsuku ezisixhenxe ilizwi likaYehova lafika kum, lisithi: 17  “Nyana womntu, ndikwenze unogada kwindlu kaSirayeli,+ xa usiva ilizwi eliphuma emlonyeni wam, uze ubanike isilumkiso esivela kum.+ 18  Ukuba ndithi kumenzi-bubi, ‘Ngokuqinisekileyo uza kufa,’ uze wena ungamlumkisi, ungathethi naye ukuze umlumkise ukuba ajike endleleni yakhe embi ukuze ahlale ephila,+ uza kufa ngenxa yesiphoso sakhe,+ kodwa igazi lakhe ndiza kulifuna kuwe.+ 19  Kodwa ukuba uyamlumkisa umenzi-bubi aze yena angajiki ekwenzeni ububi nasendleleni yakhe yobubi, uza kufa ngenxa yesiphoso sakhe, kodwa wena ngokuqinisekileyo uza kube ubusindisile ubomi bakho.*+ 20  Naxa lowo ulilungisa ebushiya ubulungisa bakhe aze enze into engalunganga, ndiza kubeka isikhubekiso phambi kwakhe, ibe uza kufa.+ Ukuba ubungamlumkisanga, uza kufa ngenxa yesono sakhe, nezenzo zakhe zobulungisa azizukukhunjulwa, kodwa igazi lakhe ndiza kulifuna kuwe.+ 21  Kodwa ukuba umlumkisile lowo ulilungisa ukuba angoni, aze naye angoni, ngokuqinisekileyo uza kuqhubeka ephila ngenxa yokuba elunyukisiwe,+ yaye nawe uza kube ubusindisile ubomi bakho.”* 22  Isandla sikaYehova saba phezu kwam apho, wathi kum: “Phakama, uye kwithafa elisentlanjeni, yaye ndiza kuthetha nawe apho.” 23  Ngoko ndaphakama ndaya kwithafa elisentlanjeni, yaye jonga! uzuko lukaYehova lwalulapho,+ lufana nozuko endandilubone ngakumlambo iKebhare,+ ndaza ndaqubuda. 24  Emva koko, ndangenwa ngumoya, wandimisa ngeenyawo,+ waza uThixo wathi kum: “Hamba uyokuzivalela endlini yakho. 25  Wena ke, nyana womntu, baza kukubopha ngeentambo ukuze ungakwazi ukuphuma uye kubo. 26  Ulwimi lwakho ndiza kulwenza luthi nca enkalakahleni yomlomo wakho, ungakwazi ukuthetha, ungakwazi nokubakhalimela, kuba bayindlu engathobeliyo. 27  Kodwa xa ndithetha nawe ndiza kuwuvula umlomo wakho, ibe umele uthi kubo,+ ‘Ithi iNkosi enguMongami uYehova.’ Lowo umamelayo makamamele,+ lowo ungafuniyo ayeke, kuba bayindlu engathobeliyo.+

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “yitya le nto uyifumanayo.”
Ngokoqobo, “noonyana babantu bakowenu.”
Okanye “uwusindisile umphefumlo wakho.”
Okanye “uwusindisile umphefumlo wakho.”