Hezekile 30:1-26
30 Laphinda lafika ilizwi likaYehova kum, lisithi:
2 “Nyana womntu, profeta uthi, ‘Ithi iNkosi enguMongami uYehova:
“Yenzani isijwili nithi, ‘Awu, iyeza imini!’
3 Kuba imini isondele, ewe, imini kaYehova isondele.+
Iza kuba yimini yamafu,+ ixesha elimisiweyo leentlanga.+
4 IYiputa iza kufikelwa likrele, ibe iTiyopiya iza kudyuduzela ngenxa yabo baxatyelweyo eYiputa;Ubutyebi bayo buza kuthathwa neziseko zayo zidilizwe.+
5 ITiyopiya,+ iPuti,+ iLudi neqela elingumxube,*Kunye neKubhi noonyana belizwe lesivumelwano,*Bonke baza kuwa ngekrele.”’
6 Uthi uYehova:
‘Nabo baxhasa iYiputa baza kuwa,Namandla eqhayisa ngawo aza kutshatyalaliswa.’+
“‘Ukususela eMigdoli+ ukuyokutsho eSiyene+ baza kuwa ngekrele,’ itsho iNkosi enguMongami uYehova.
7 ‘Baza kuba ngawona mazwe angenabantu, nezixeko zayo zibe zezona zitshatyalalisiweyo.+
8 Baza kutsho bazi ukuba ndinguYehova xa ndiyitshisa ngomlilo iYiputa baze batshabalale bonke abo bayixhasayo.
9 Ngaloo mini ndiza kuthumela abathunywa ngeenqanawa ukuze bangcangcazelise amaTiyopiya azithembileyo; aza kudyuduzela xa loo mini iyifikela iYiputa, kuba iza kufika ngokuqinisekileyo.’
10 “Ithi iNkosi enguMongami uYehova: ‘Ndiza kubatshabalalisa abantu baseYiputa ngesandla sikaKumkani uNebhukadenetsare* waseBhabhiloni.+
11 Yena namajoni akhe, awona akhohlakeleyo phakathi kweentlanga,+ baza kulitshabalalisa elo lizwe. Baza kuyirholela amakrele iYiputa baze baligcwalise ngabantu abafileyo ilizwe.+
12 Ndiza kuyomisa imisinga yomNayile,+ ndize ndilithengise ezandleni zabenzi-bubi elo lizwe. Ndiza kulitshabalalisa elo lizwe nento yonke ekulo ngesandla sabasemzini.+ Mna Yehova ndithethile.’
13 “Ithi iNkosi enguMongami uYehova: ‘Ndiza kuzitshabalalisa nezithixo ezenyanyekayo,* ndibatshabalalise noothixo abangenaxabiso baseNofu.*+ Soze kuphinde kubekho nkosana* kwilizwe laseYiputa, yaye ndiza kulenza lityhwatyhwe kukoyika ilizwe laseYiputa.+
14 Ndiza kuyitshabalalisa iPatrosi,+ ndiyitshise iTsowan ndize ndiyigwebe iNo.*+
15 Umsindo wam ndiza kuwukhuphela kwiSin, inqaba yeYiputa, ndize ndibatshabalalise abemi baseNo.
16 Ndiza kuyitshisa iYiputa; iSin iza kungcangcazela kukoyika, iNo iza kugqojozwa, yaye iNofu* iza kuhlaselwa ilanga lihlabe umhlaba!
17 Abafana baseOni* nasePibheseti, baza kuwa ngekrele, ibe izixeko ziza kuthinjwa.
18 Kuza kuba mnyama emini eTehafenesi xa ndisaphula iidyokhwe zaseYiputa apho.+ Amandla eqhayisa ngawo aza kuphela,+ yogqunywe ngamafu, zithinjwe needolophu zayo.+
19 Ndiza kuyigweba iYiputa, batsho bazi ukuba ndinguYehova.’”
20 Ngonyaka we-11, ngenyanga yokuqala, ngomhla wesixhenxe kuloo nyanga, kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi:
21 “Nyana womntu, ndiyaphule ingalo kaFaro ukumkani waseYiputa; ayizukubotshwa ukuze iphile nokuze ibe namandla okuphakamisa ikrele.”
22 “Ngoko ke ithi iNkosi enguMongami uYehova: ‘Ndilutshaba lukaFaro ukumkani waseYiputa,+ yaye ndiza kuzaphula zombini iingalo zakhe, le ingekaphuki naleya seyaphukile,+ ndilenze liwe ikrele esandleni sakhe.+
23 Ndiza kuwachitha-chitha amaYiputa phakathi kweentlanga ndize ndiwasasaze emazweni.+
24 Ndiza kuzomeleza iingalo zokumkani waseBhabhiloni,*+ ndilibeke esandleni sakhe ikrele lam,+ yaye ndiza kuzaphula iingalo zikaFaro, agcume njengomntu ofayo phambi kwakhe.*
25 Ndiza kuzomeleza iingalo zokumkani waseBhabhiloni, kodwa zona iingalo zikaFaro ziza kutyhafa; baza kutsho bazi ukuba ndinguYehova xa ndibeka ikrele lam esandleni sokumkani waseBhabhiloni aze alolulele kwilizwe laseYiputa.+
26 Ndiza kuwathi saa amaYiputa phakathi kweentlanga ndize ndiwasasaze emazweni,+ atsho azi ukuba ndinguYehova.’”
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “nabo bonke abezinye iintlanga.”
^ Mhlawumbi kubhekiselwa kumaSirayeli awayenze isivumelwano neYiputa.
^ Ngokoqobo, “uNebhukaderetsare,” enye indlela yokubhala eli gama.
^ Okanye “nkosi.”
^ Okanye “baseMemfisi.”
^ Ibinzana lesiHebhere elisetyenziswe apha kusenokwenzeka ukuba liyelele kwigama elithi “ubulongwe” ibe lisetyenziselwa ukubonisa ukwenyanya into.
^ Oko kukuthi, iThebes.
^ Okanye “iMemfisi.”
^ Oko kukuthi, baseHeliyopolis.
^ Okanye “Ndiza kuwongeza amandla kakumkani waseBhabhiloni.”
^ Oko kukuthi, phambi kokumkani waseBhabhiloni.