Hezekile 30:1-26

  • Kuprofetwa ngokutshatyalaliswa kweYiputa (1-19)

    • Kuprofetwa ngokuhlasela kukaNebhukadenetsare (10)

  • Kophulwa amandla kaFaro (20-26)

30  Laphinda lafika ilizwi likaYehova kum, lisithi:  “Nyana womntu, profeta uthi, ‘Ithi iNkosi enguMongami uYehova: “Yenzani isijwili nithi, ‘Awu, iyeza imini!’   Kuba imini isondele, ewe, imini kaYehova isondele.+ Iza kuba yimini yamafu,+ ixesha elimisiweyo leentlanga.+   IYiputa iza kufikelwa likrele, ibe iTiyopiya iza kudyuduzela ngenxa yabo baxatyelweyo eYiputa;Ubutyebi bayo buza kuthathwa neziseko zayo zidilizwe.+   ITiyopiya,+ iPuti,+ iLudi neqela elingumxube,*Kunye neKubhi noonyana belizwe lesivumelwano,*Bonke baza kuwa ngekrele.”’   Uthi uYehova: ‘Nabo baxhasa iYiputa baza kuwa,Namandla eqhayisa ngawo aza kutshatyalaliswa.’+ “‘Ukususela eMigdoli+ ukuyokutsho eSiyene+ baza kuwa ngekrele,’ itsho iNkosi enguMongami uYehova.  ‘Baza kuba ngawona mazwe angenabantu, nezixeko zayo zibe zezona zitshatyalalisiweyo.+  Baza kutsho bazi ukuba ndinguYehova xa ndiyitshisa ngomlilo iYiputa baze batshabalale bonke abo bayixhasayo.  Ngaloo mini ndiza kuthumela abathunywa ngeenqanawa ukuze bangcangcazelise amaTiyopiya azithembileyo; aza kudyuduzela xa loo mini iyifikela iYiputa, kuba iza kufika ngokuqinisekileyo.’ 10  “Ithi iNkosi enguMongami uYehova: ‘Ndiza kubatshabalalisa abantu baseYiputa ngesandla sikaKumkani uNebhukadenetsare* waseBhabhiloni.+ 11  Yena namajoni akhe, awona akhohlakeleyo phakathi kweentlanga,+ baza kulitshabalalisa elo lizwe. Baza kuyirholela amakrele iYiputa baze baligcwalise ngabantu abafileyo ilizwe.+ 12  Ndiza kuyomisa imisinga yomNayile,+ ndize ndilithengise ezandleni zabenzi-bubi elo lizwe. Ndiza kulitshabalalisa elo lizwe nento yonke ekulo ngesandla sabasemzini.+ Mna Yehova ndithethile.’ 13  “Ithi iNkosi enguMongami uYehova: ‘Ndiza kuzitshabalalisa nezithixo ezenyanyekayo,* ndibatshabalalise noothixo abangenaxabiso baseNofu.*+ Soze kuphinde kubekho nkosana* kwilizwe laseYiputa, yaye ndiza kulenza lityhwatyhwe kukoyika ilizwe laseYiputa.+ 14  Ndiza kuyitshabalalisa iPatrosi,+ ndiyitshise iTsowan ndize ndiyigwebe iNo.*+ 15  Umsindo wam ndiza kuwukhuphela kwiSin, inqaba yeYiputa, ndize ndibatshabalalise abemi baseNo. 16  Ndiza kuyitshisa iYiputa; iSin iza kungcangcazela kukoyika, iNo iza kugqojozwa, yaye iNofu* iza kuhlaselwa ilanga lihlabe umhlaba! 17  Abafana baseOni* nasePibheseti, baza kuwa ngekrele, ibe izixeko ziza kuthinjwa. 18  Kuza kuba mnyama emini eTehafenesi xa ndisaphula iidyokhwe zaseYiputa apho.+ Amandla eqhayisa ngawo aza kuphela,+ yogqunywe ngamafu, zithinjwe needolophu zayo.+ 19  Ndiza kuyigweba iYiputa, batsho bazi ukuba ndinguYehova.’” 20  Ngonyaka we-11, ngenyanga yokuqala, ngomhla wesixhenxe kuloo nyanga, kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi: 21  “Nyana womntu, ndiyaphule ingalo kaFaro ukumkani waseYiputa; ayizukubotshwa ukuze iphile nokuze ibe namandla okuphakamisa ikrele.” 22  “Ngoko ke ithi iNkosi enguMongami uYehova: ‘Ndilutshaba lukaFaro ukumkani waseYiputa,+ yaye ndiza kuzaphula zombini iingalo zakhe, le ingekaphuki naleya seyaphukile,+ ndilenze liwe ikrele esandleni sakhe.+ 23  Ndiza kuwachitha-chitha amaYiputa phakathi kweentlanga ndize ndiwasasaze emazweni.+ 24  Ndiza kuzomeleza iingalo zokumkani waseBhabhiloni,*+ ndilibeke esandleni sakhe ikrele lam,+ yaye ndiza kuzaphula iingalo zikaFaro, agcume njengomntu ofayo phambi kwakhe.* 25  Ndiza kuzomeleza iingalo zokumkani waseBhabhiloni, kodwa zona iingalo zikaFaro ziza kutyhafa; baza kutsho bazi ukuba ndinguYehova xa ndibeka ikrele lam esandleni sokumkani waseBhabhiloni aze alolulele kwilizwe laseYiputa.+ 26  Ndiza kuwathi saa amaYiputa phakathi kweentlanga ndize ndiwasasaze emazweni,+ atsho azi ukuba ndinguYehova.’”

Umbhalo osemazantsi

Okanye “nabo bonke abezinye iintlanga.”
Mhlawumbi kubhekiselwa kumaSirayeli awayenze isivumelwano neYiputa.
Ngokoqobo, “uNebhukaderetsare,” enye indlela yokubhala eli gama.
Okanye “nkosi.”
Okanye “baseMemfisi.”
Ibinzana lesiHebhere elisetyenziswe apha kusenokwenzeka ukuba liyelele kwigama elithi “ubulongwe” ibe lisetyenziselwa ukubonisa ukwenyanya into.
Oko kukuthi, iThebes.
Okanye “iMemfisi.”
Oko kukuthi, baseHeliyopolis.
Okanye “Ndiza kuwongeza amandla kakumkani waseBhabhiloni.”
Oko kukuthi, phambi kokumkani waseBhabhiloni.