Hezekile 40:1-49

  • UHezekile uziswa kwaSirayeli embonweni (1, 2)

  • UHezekile ubona itempile embonweni (3, 4)

  • Iiyadi neegeyithi (5-47)

    • Igeyithi engaphandle ejonge ngasempuma (6-16)

    • Iyadi engaphandle; ezinye iigeyithi (17-26)

    • Iyadi engaphakathi neegeyithi (27-37)

    • Igumbi lemisebenzi yasetempileni (38-46)

    • Isibingelelo (47)

  • Iveranda yetempile (48, 49)

40  Ngonyaka we-25 wokuthinjwa kwethu,+ ekuqaleni konyaka, ngomhla weshumi enyangeni, ngonyaka we-14 emva kokuwa kwesixeko,+ kwakungaloo mini kanye xa isandla sikaYehova saba phezu kwam, waza wandisa esixekweni.+  Embonweni uThixo wandisa kwilizwe lakwaSirayeli, wandihlalisa phantsi entabeni ephakame kakhulu,+ apho kwakukho isakhiwo esinjengesixeko esisemzantsi.  Akundisa apho, ndabona indoda eyayibonakala ngathi yikopolo.+ Yayiphethe intambo yeflakisi nengcongolo yokumeta,*+ imi egeyithini.  Le ndoda yathi kum: “Nyana womntu, jongisisa, mamela kakuhle, uze uyifake engqondweni* yonke le nto ndiza kukubonisa yona, kuba uziselwe loo nto apha. Uze uxelele indlu kaSirayeli yonke into oyibonileyo.”+  Ndabona udonga lujikeleze umphandle wetempile.* Le ndoda yayiphethe ingcongolo yokumeta eziikubhite ezintandathu ubude (kongezwa ububanzi besandla kwikubhite nganye).* Yaqalisa ukumeta udonga, ibe ubukhulu balo babuyingcongolo enye, nokuphakama kwalo kuyingcongolo enye.  Emva koko yeza egeyithini eyayijonge empuma,+ yenyuka ngezitepsi zayo. Xa yawumetayo umgubasi wegeyithi, ububanzi bawo babuyingcongolo enye, nobubanzi bomnye umgubasi babuyingcongolo enye.  Gumbi ngalinye loonogada laliyingcongolo enye ubude nengcongolo enye ububanzi, ibe phakathi kwamagumbi oonogada yayiziikubhite ezintlanu.+ Umgubasi wegeyithi engaseverandeni ejonge ngaphakathi wawuyingcongolo enye.  Le ndoda yameta neveranda yegeyithi eya ngaphakathi, ibe yayiyingcongolo enye.  Emva koko yameta iveranda yegeyithi, eyayiziikubhite ezisibhozo; yameta neentsika ezisecaleni kwayo, ezaziziikubhite ezimbini; yona iveranda yegeyithi yayijonge ngaphakathi. 10  Kwakukho amagumbi oonogada amathathu kwicala ngalinye legeyithi elisempuma. Omathathu ayelingana, neentsika ezisecaleni kwawo zazilingana macala omabini. 11  Emva koko yameta ububanzi begeyithi, obabuziikubhite eziyi-10; bona ubude bayo babuziikubhite eziyi-13. 12  Iindawo ezibiyelweyo eziphambi kwegumbi loonogada macala omabini zaziyikubhite enye. Amagumbi oonogada ayeziikubhite ezintandathu macala omabini. 13  Emva koko yameta igeyithi ukususela eluphahleni lwegumbi loonogada* ukuya kolunye, yaba ziikubhite eziyi-25; iindawo zokungena kula magumbi zazingqamene.+ 14  Yameta neentsika ezisemacaleni, ibe zaziziikubhite eziyi-60 ubude, yameta neentsika ezisecaleni kweegeyithi kwiyadi yonke. 15  Ukususela ekuqaleni kwegeyithi ukuya phambi kweveranda ekwigeyithi engaphakathi yayiziikubhite eziyi-50. 16  Kwakukho iifestile zamagumbi oonogada ezazinkulu ngaphakathi,+ zize zibe ncinci ngaphandle; zazinjalo ke neefestile zeentsika ezazikwicala ngalinye legeyithi. Kwakukho iifestile nangaphakathi everandeni macala onke, ibe iintsika ezisemacaleni zazinemifanekiso yomthi wesundu.+ 17  Emva koko yandisa kwiyadi engaphandle, ndabona amagumbi okutyela*+ nendlela egangathiweyo ejikeleze iyadi yonke. Apho kwakukho amagumbi okutyela ayi-30. 18  Ububanzi bendlela egangathiweyo esecaleni kweegeyithi babulingana nobude beegeyithi. Le yayiyindlela egangathiweyo esezantsi kuneyeyadi engaphakathi. 19  Le ndoda yameta umgama osuka phambi kwegeyithi esezantsi ukuya kungqameko lweyadi engaphakathi. Lo mgama wawuziikubhite eziyi-100 ngasempuma nangasemntla. 20  Kwiyadi engaphandle kwakukho igeyithi ejonge emntla, ibe yameta ubude nobubanzi bayo. 21  Kwakukho amagumbi oonogada amathathu kwicala ngalinye. Iintsika zawo ezisemacaleni neveranda zazilingana negeyithi yokuqala. Zaziziikubhite eziyi-50 ubude neekubhite eziyi-25 ububanzi. 22  Iifestile, iiveranda nemifanekiso yayo yemithi yesundu+ zazilingana nezegeyithi esempuma. Abantu babefikelela kuyo ngokunyuka izitepsi ezisixhenxe, ekupheleni kwazo iyiveranda. 23  Kwakukho igeyithi yeyadi engaphakathi eyayingqamene negeyithi esemntla, nenye eyayingqamene negeyithi esempuma. Yameta nomgama osuka kwenye igeyithi uyokutsho kwenye, ibe wawuziikubhite eziyi-100. 24  Emva koko yandisa ngasemzantsi, ndabona igeyithi ejonge emzantsi.+ Yameta iintsika zayo ezisemacaleni neveranda yayo, ibe zazilingana nezikwezinye iigeyithi. 25  Kwakukho iifestile kwicala ngalinye layo nakwiveranda yayo, ibe zazifana nezikwezinye iigeyithi. Zaziziikubhite eziyi-50 ubude neekubhite eziyi-25 ububanzi. 26  Kwakukho izitepsi ezisixhenxe ezazisiya kuyo,+ ekupheleni kwazo iyiveranda. Iintsika zayo ezisemacaleni zazinemifanekiso yomthi wesundu, umnye kwicala ngalinye. 27  Iyadi engaphakathi yayinegeyithi ejonge emzantsi. Le ndoda yameta ukusuka kwigeyithi engaphakathi ukuya kwengaphandle, ibe yayingumgama oziikubhite eziyi-100. 28  Emva koko yandingenisa kwiyadi engaphakathi ngegeyithi esemzantsi. Yayimeta igeyithi esemzantsi, ibe yayilingana nezinye. 29  Amagumbi ayo oonogada, iintsika zayo ezisemacaleni neveranda yayo zazilingana nezikwezinye iigeyithi. Kwakukho iifestile kwicala ngalinye layo nakwiveranda yayo. Yayiziikubhite eziyi-50 ubude neekubhite eziyi-25 ububanzi.+ 30  Kwakukho iiveranda macala onke, ibe zaziziikubhite eziyi-25 ubude, neekubhite eziyi-5 ububanzi. 31  Iveranda yayo yayijonge kwiyadi engaphandle, futhi yayinemifanekiso yomthi wesundu ezintsikeni zayo+ ezisemacaleni, ibe kwakukho nezitepsi ezisibhozo eziya kuyo.+ 32  Yandingenisa ngaphakathi kwicala lasempuma, yayimeta loo geyithi, ibe yayilingana nezinye. 33  Amagumbi ayo oonogada, iintsika zayo ezisemacaleni neveranda yayo zazilingana nezikwezinye iigeyithi. Kwakukho iifestile kwicala ngalinye layo nakwiveranda yayo. Yayiziikubhite eziyi-50 ubude neekubhite eziyi-25 ububanzi. 34  Iveranda yayo yayijonge kwiyadi engaphandle, futhi yayinemifanekiso yomthi wesundu ezintsikeni zayo zombini ezisemacaleni, ibe kwakukho nezitepsi ezisibhozo eziya kuyo. 35  Yandingenisa ngaphakathi kwicala lasemntla,+ yayimeta loo geyithi; yayilingana nezinye. 36  Amagumbi ayo oonogada, iintsika zayo ezisemacaleni neveranda yayo zazilingana nezikwezinye iigeyithi. Kwakukho iifestile kwicala ngalinye layo nakwiveranda yayo. Yayiziikubhite eziyi-50 ubude neekubhite eziyi-25 ububanzi. 37  Iintsika zayo ezisemacaleni zazijonge kwiyadi engaphandle, zombini zinemifanekiso yomthi wesundu, ibe kwakukho izitepsi ezisibhozo eziya kuyo. 38  Kwakukho igumbi lokutyela elalinomnyango ongakwiintsika zeegeyithi ezisemacaleni, apho kwakuhlanjelwa khona iminikelo etshiswa ngokupheleleyo.+ 39  Kwakukho iitafile ezimbini kuwo omabini amacala everanda yegeyithi, apho kwakuxhelelwa khona umnikelo otshiswa ngokupheleleyo,+ umnikelo wesono+ nomnikelo wetyala.+ 40  Xa unyukela ngakwigeyithi esemntla, kwakukho iitafile ezimbini ngaphandle kwegeyithi. Kwakukho neetafile ezimbini phakathi kwiveranda yegeyithi. 41  Kwakukho iitafile ezine kwicala ngalinye legeyithi, zisibhozo xa zizonke, apho kwakuxhelelwa khona iminikelo. 42  Iitafile ezine zomnikelo otshiswa ngokupheleleyo zazenziwe ngamatye aqingqiweyo. Zaziyikubhite enye enesiqingatha ubude, ziyikubhite enye enesiqingatha ububanzi, ziyikubhite enye ukuphakama. Zazigcinwa apho izixhobo zokuxhela umnikelo otshiswa ngokupheleleyo nemibingelelo. 43  Kwakukho iindawo zokubeka izinto, ezazikumacala onke eendonga ezingaphakathi, zingangobubanzi besandla; ibe inyama yomnikelo osisipho yayibekwa phezu kweetafile. 44  Ngaphandle kwegeyithi ephakathi kwakukho amagumbi okutyela eemvumi;+ ayekwiyadi engaphakathi ngakwigeyithi esemntla, ejonge emzantsi. Kwakukho elinye igumbi lokutyela ngakwigeyithi esempuma, lijonge emntla. 45  Le ndoda yathi kum: “Eli gumbi lokutyela lijonge emzantsi lelababingeleli abajongene nemisebenzi yetempile.+ 46  Igumbi lokutyela elijonge emntla lelababingeleli abajongene nemisebenzi yesibingelelo.+ Abo ke ngoonyana bakaTsadoki,+ abangabaLevi abenza imisebenzi ethile phambi koYehova.”+ 47  Emva koko yameta iyadi engaphakathi. Yayiziikubhite eziyi-100 ubude, iziikubhite eziyi-100 ububanzi, elingana omane amacala ayo. Sona isibingelelo sasiphambi kwetempile. 48  Emva koko yandisa everandeni yetempile,+ yaza yameta intsika esecaleni kweveranda, ibe yayiziikubhite ezintlanu kweli cala neekubhite ezintlanu kwelinye icala. Ububanzi begeyithi babuziikubhite ezintathu kweli cala neekubhite ezintathu kwelinye icala. 49  Iveranda yayiziikubhite eziyi-20 ubude, neziyi-11* ububanzi. Abantu babenyuka izitepsi xa besiya kuyo. Kwakukho iintsika ezazimi ngaseludongeni, macala omabini.+

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “uyibekele intliziyo.”
Ngokoqobo, “wendlu.” Ibhalwe ngolu hlobo kwisahluko 40-48 xa “indlu” ibhekisela kwitempile.
Ngokoqobo, “kwingcongolo yokumeta.”
Kusenokwenzeka ukuba kubhekiselwa kumantla odonga lwegumbi loonogada.
Okanye “ndabona amagumbi.”
Okanye kusenokwenzeka, “neziyi-12.”