Hezekile 42:1-20

  • Izakhiwo zendawo yokutyela (1-14)

  • Ukumetwa kwamacala amane etempile (15-20)

42  Le ndoda yaya nam kwiyadi engaphandle kwicala elingasemntla.+ Yandisa kwisakhiwo segumbi lokutyela elalisecaleni kwebala,+ kwicala elingasemntla lesakhiwo esimelene naso.+  Ubude baso ukusuka kwindawo yokungena engasemntla babuziikubhite* eziyi-100, bona ububanzi buziikubhite eziyi-50.  Sasiphakathi kweyadi engaphakathi, eyayiziikubhite eziyi-20 ububanzi,+ nendlela egangathiweyo yeyadi engaphandle. Iigalari zaso zazijongene ibe zaziyimigangatho emithathu.  Phambi kwamagumbi okutyela* kwakukho indlela+ eziikubhite eziyi-10 ububanzi neekubhite eziyi-100 ubude,* yaye iindawo zokungena kula magumbi zazijonge emntla.  Amagumbi okutyela akumgangatho ophezulu kweso sakhiwo ayemancinci kunalawo akumgangatho osezantsi nophakathi, kuba indawo yawo yayityiwe ziigalari.  Ayeyimigangatho emithathu, kodwa engenazo iintsika ezifana neziseyadini. Yiloo nto ayemancinci kunalawo akumgangatho osezantsi nophakathi.  Udonga lwamatye olwalungaphandle kufuphi namagumbi okutyela ukuya kwiyadi engaphandle phambi kwelinye igumbi lokutyela, lwaluziikubhite eziyi-50 ubude.  Ubude bamagumbi okutyela ajonge ebaleni elingaphandle babuziikubhite eziyi-50, kodwa obalawo ajongene nendawo engcwele babuziikubhite eziyi-100.  La magumbi okutyela ayenegeyithi engasempuma yokungena xa usuka kwiyadi engaphandle. 10  Kwakukho amagumbi okutyela kudonga* lwamatye lweyadi engasempuma, ngakwibala eliphambi kwesakhiwo.+ 11  Kwakukho indlela phambi kwawo efana naleyo yamagumbi okutyela asemntla.+ Zazilingana ngobude nobubanzi, yaye zaziphumela kwindawo enye, kwaye zakhiwe ngokufanayo. Iindawo zokungena kuwo 12  zazifana nezamagumbi okutyela awayejonge emzantsi. Kwakukho indawo yokungena ekuqaleni kwendlela, ngaphambi kodonga lwamatye olumelene nala magumbi okutyela angasempuma.+ 13  Emva koko le ndoda yathi kum: “Amagumbi okutyela asemntla namagumbi okutyela asemzantsi angasebaleni,+ ngamagumbi okutyela angcwele, apho ababingeleli abasondela kuYehova batyela khona eyona minikelo ingcwele.+ Bayibeka apho eyona minikelo ingcwele, umnikelo wokutya, umnikelo wesono nomnikelo wetyala, kuba le ndawo ingcwele.+ 14  Xa ababingeleli bengena, abamele baphume kwindawo engcwele baye eyadini engaphandle bengakhange baqale bakhulule iimpahla abasebenza ngazo,+ kuba zingcwele. Baza kunxiba ezinye iimpahla xa besiya kwiindawo abavumelekileyo ukuya kuzo abanye abantu.” 15  Yathi yakugqiba ukumeta itempile ngaphakathi,* yandikhupha ngendlela yegeyithi ejonge empuma,+ yaza yayimeta yonke loo ndawo. 16  Yameta icala lasempuma ngengcongolo yokumeta,* ibe laliziingcongolo eziyi-500 ubude ukusuka kwelinye icala ukuya kwelinye. 17  Yameta icala lasemntla ngengcongolo yokumeta, ibe laliziingcongolo eziyi-500 ubude. 18  Yameta icala lasemzantsi ngengcongolo yokumeta, ibe laliziingcongolo eziyi-500 ubude. 19  Yajikela kwicala lasentshona, yaza yameta ngengcongolo yokumeta ubude obabuziingcongolo eziyi-500. 20  Yayimeta macala omane, ibe udonga lwayo+ lwaluziingcongolo eziyi-500 ubude neengcongolo eziyi-500 ububanzi,+ lusahlula indawo engcwele kwindawo yomntu wonke.+

Umbhalo osemazantsi

Oku kubhekisela kwiikubhite ezinde. Funda Isihlomelo B14.
Okanye “kwamagumbi.”
ISeptuagint yesiGrike ithi, “neekubhite eziyi-100 ubude.” Umbhalo wesiHebhere uthi: “Indlela eyikubhite enye.” Funda Isihlomelo B14.
Ngokoqobo, “kububanzi bodonga.”
Ngokoboqo, “indlu engaphakathi.”