Hezekile 43:1-27

  • Itempile igcwaliswa luzuko lukaYehova (1-12)

  • Isibingelelo (13-27)

43  Emva koko le ndoda yandisa kwigeyithi ejonge empuma.+  Apho ndabona ubuqaqawuli boThixo kaSirayeli busiza ngasempuma,+ ilizwi lakhe linjengesandi sokubaleka kwamanzi;+ nomhlaba wakhazimla bubuqaqawuli bakhe.+  Umbono endawubonayo wawufana nalowo ndawubona xa ndandize* kutshabalalisa isixeko, ibe wawubonakala ufana nento endandiyibone ngakuMlambo iKebhare,+ ndaqubuda.  Ubuqaqawuli bukaYehova bangena etempileni* ngegeyithi ejonge empuma.+  Umoya wandifunqula wandisa kwiyadi engaphakathi, ndaza ndabona ukuba itempile iye yagcwala bubuqaqawuli bukaYehova.+  Emva koko ndeva umntu osetempileni ethetha nam, ibe le ndoda yeza kuma ecaleni kwam.+  Yathi kum: “Nyana womntu, le yindawo yetrone yam+ nendawo yeenyawo zam,+ apho ndiza kuhlala khona nabantu bakwaSirayeli ngonaphakade.+ Indlu kaSirayeli nookumkani bayo ayizukuphinda ilingcolise igama lam elingcwele,+ ngokuthengisa ngomzimba* nangezidumbu zookumkani bayo ekufeni kwabo.  Yalingcolisa igama lam elingcwele ngezinto ezenyanyekayo eyazenzayo, ngokufaka umgubasi wayo ngakumgubasi wam neengcango zayo ngakwiingcango zam, kukho nje udonga phakathi kwam nayo,+ ngoko ke ndayitshabalalisela emsindweni.+  Mayikususele kude lee kum ukuthengisa kwayo ngomzimba* nezidumbu zookumkani bayo, ibe mna ndiza kuhlala phakathi kwayo ngonaphakade.+ 10  “Wena ke, nyana womntu, xelela indlu kaSirayeli ngale tempile+ ukuze ilive ihlazo lezono zayo,+ yaye imele iyihlolisise iplani yayo.* 11  Ukuba iye yaneentloni ngezinto ezenzileyo, umele uyixelele indlela emi ngayo le tempile, indlela eyakhiwe ngayo, iindawo zokungena kuyo nezokuphuma.+ Yibonise yonke indlela emi ngayo nemiyalelo yayo, indlela emi ngayo nemithetho yayo, uze uyibhale phambi kwamehlo ayo, ukuze iyibone yonke indlela emi ngayo, ize ilandele le miyalelo.+ 12  Lo ngumthetho wetempile. Wonke lo mmandla usencotsheni yentaba ungcwele.+ Jonga! Lo ngumthetho wetempile. 13  “Le yimilinganiselo yesibingelelo ngokweekubhite+ (kongezwa ububanzi besandla kwikubhite nganye).* Umphantsi waso yikubhite, nobubanzi yikubhite. Umqukumbelo waso unobubanzi obulingana nesandla esoluliweyo,* macala onke. Lowo ke ngumphantsi wesibingelelo. 14  Ukususela kumzantsi osemgangathweni ukuyokutsho kwinqwanqwa elijikelezileyo ziikubhite ezimbini, yaye ububanzi balo yikubhite enye. Ukususela kwinqwanqwa elincinci elijikelezileyo ukuyokutsho kwinqwanqwa elikhulu elijikelezileyo ziikubhite ezine, yaye ububanzi balo yikubhite. 15  Iziko lesibingelelo ziikubhite ezine ukuphakama, ibe kulo kukho iimpondo ezine.+ 16  Eli ziko lisisikwere, liziikubhite eziyi-12 ubude neekubhite eziyi-12 ububanzi.+ 17  Amacala omane enqwanqwa elijikelezileyo aziikubhite eziyi-14 ubude neekubhite eziyi-14 ububanzi; ibe umqukumbelo olijikelezileyo uyihafu yekubhite, wona umzantsi walo uyikubhite macala onke. “Izitepsi zalo zijonge ngasempuma.” 18  Emva koko le ndoda yathi kum, “Nyana womntu, ithi iNkosi enguMongami uYehova: ‘Simele senziwe ngolu hlobo isibingelelo, ukuze kunikelwe iminikelo etshiswa ngokupheleleyo, kufefwe negazi kuso.’+ 19  “‘Umele unike ababingeleli abangabaLevi benzala kaTsadoki+ abandisebenzelayo ithole eliyinkunzi libe ngumnikelo wesono,’+ itsho iNkosi enguMongami uYehova. 20  ‘Umele uthathe intwana yegazi lalo, uliqabe kuzo zone iimpondo zesibingelelo, kuzo zone iikona zenqwanqwa elisijikelezileyo nakumqukumbelo macala onke ukuze sihlanjululwe esonweni, nokuze sihlawulelwe.+ 21  Emva koko, lithathe eli thole lingumnikelo wesono uze ulitshisele kwindawo elungiselelwe loo nto etempileni, engaphandle kwendawo engcwele.+ 22  Ngosuku lwesibini umele uzise inkunzi yebhokhwe ephile qete ukuze ibe ngumnikelo wesono; yaye baza kucoca isibingelelo esonweni njengokuba kwenziwe ngenkunzi yethole lenkomo.’ 23  “‘Xa ugqiba ukucoca isibingelelo esonweni, umele unikele ngethole lenkomo eliyinkunzi eliphile qete, nenkunzi yegusha emhlambini ephile qete. 24  Umele uzizise phambi koYehova, yaye ababingeleli bamele bazigalele ityiwa+ ukuze zibe ngumnikelo otshiswa ngokupheleleyo oya kuYehova. 25  Umele unikele ngenkunzi yebhokhwe ephuma emhlambini ibe ngumnikelo wesono,+ yonke imihla kangangeentsuku ezisixhenxe; nethole lenkomo eliyinkunzi eliphuma emhlambini, nenkunzi yegusha ephuma emhlambini; umele unikele ngezilwanyana ezingenasiphako.* 26  Bamele bahlawulele isibingelelo, baze basicoce kangangeentsuku ezisixhenxe ukuze silungele ukusetyenziswa. 27  Ekupheleni kwezo ntsuku, ngosuku lwesibhozo+ nasemva koko, ababingeleli baza kunikela iminikelo yenu etshiswa ngokupheleleyo, neminikelo yenu yobuhlobo esibingelelweni; kwaye ndiza kutsho ndinithande,’+ itsho iNkosi enguMongami uYehova.”

Umbhalo osemazantsi

Okanye kusenokwenzeka, “wayeze.”
Ngokoqobo, “endlini.”
Oko kukuthi, ngokukhonza izithixo.
Oko kukuthi, ukukhonza izithixo.
Ngokoqobo, “iwumete umfanekiso wayo.”
Oku kubhekisela kwiikubhite ezinde. Funda Isihlomelo B14.
Oko kukuthi, umolulo wesandla, omalunga ne-22,2 cm. Funda Isihlomelo B14.
Okanye “ezigqibeleleyo.”