Hezekile 7:1-27

  • Isiphelo sifikile (1-27)

    • Intlekele engaqhelekanga (5)

    • Imali ilahlwa ezitratweni (19)

    • Itempile iza kungcoliswa (22)

7  Laphinda lafika ilizwi likaYehova kum, lisithi:  “Wena ke, nyana womntu, ithi iNkosi enguMongami uYehova kwilizwe lakwaSirayeli: ‘Isiphelo! Isiphelo sifike kuzo zone iikona zelizwe.  Sikufikele ngoku isiphelo, yaye ndiza kuwukhuphela kuwe umsindo wam, ndikugwebe ngokweendlela zakho ndize ndikuphendulise ngazo zonke izenzo zakho ezenyanyekayo.  Ilihlo lam alizukuba nalusizi, nam andizukukusizela,+ kuba ndiza kukuphendulisa ngeendlela zakho, uvune imiphumo yezenzo zakho ezenyanyekayo.+ Niza kutsho nazi ukuba ndinguYehova.’+  “Ithi iNkosi enguMongami uYehova, ‘Jonga! Kuza intlekele, intlekele engaqhelekanga.+  Kuza isiphelo; isiphelo siyeza; siza kukufikela. Jonga! Siyeza.  Lifikile ixesha lakho,* wena uhlala elizweni. Liyeza ilixa, imini isondele.+ Kukho isiphithiphithi, kungekhona ukukhwaza ngovuyo ezintabeni.  “‘Kungekudala ndiza kukuphalazela phezu kwakho ukucaphuka kwam,+ yaye ndiza kuwukhuphela kuwe wonke umsindo wam,+ ndikugwebe ngokweendlela zakho ndize ndikuphendulise ngazo zonke izenzo zakho ezenyanyekayo.  Ilihlo lam alizukuba nalusizi; nam andizukuba naluvelwano.+ Ndiza kukuphendulisa ngeendlela zakho, uvune imiphumo yezenzo zakho ezenyanyekayo. Niza kutsho nazi ukuba ndim, uYehova, onibethayo.+ 10  “‘Jonga, imini! Jonga, iyeza!+ Lifikile ixesha lakho;* ityatyambile intonga, nokukhukhumala kuhlumile. 11  Ubundlobongela buphakame baba yintonga yobubi.+ Abazukusindiswa bubutyebi babo, abazukuzisindisa, yaye abazukusindiswa naludumo lwabo. 12  Liza kufika ixesha, iza kufika imini. Umthengi makangavuyi, nomthengisi makangazili, kuba kukho umsindo ovuthayo ngakubo bonke abantu.*+ 13  Kuba umthengisi akazukubuyela kwizinto ezithengisiweyo, kwanaxa ubomi bakhe busindisiwe, kuba umbono ngowabo bonke abantu. Akukho mntu uza kubuya, ibe ngenxa yesiphoso sakhe,* akukho mntu uza kusindisa ubomi bakhe. 14  “‘Bavuthele ixilongo,+ ibe wonke umntu uxhobile, kodwa akukho mntu uya edabini, kuba umsindo wam uvutha kubo bonke abantu.+ 15  Ngaphandle likrele,+ ngaphakathi sisifo esingubhubhani nendlala. Nabani na osemasimini, uza kufa ngekrele, yaye abo basesixekweni, baza kuqwengwa yindlala nasisifo esingubhubhani.+ 16  Abasindileyo nabaye baqhwesha baza kuya ezintabeni, ibe njengamahobe asezintlanjeni, ngamnye uza kuncwina ngenxa yesiphoso sakhe.+ 17  Zonke izandla zabo ziza kuwa, namadolo aza kuthontsiza amanzi.*+ 18  Banxibe ilaphu lokwenza ingxowa,+ ibe bayangcangcazela. Bonke baza kuhlazeka, babe nenkqayi.*+ 19  “‘Baza kuyiphosa ezitratweni isilivere yabo, negolide yabo baza kuyenyanya. Isilivere yabo negolide yabo ayizukukwazi ukubasindisa ngemini yokuvutha komsindo kaYehova.+ Abazukwaneliseka, nezisu zabo abazukuzigcwalisa, kuba iye* yaba sisikhubekiso esibangele benza isiphoso. 20  Baye bazingomba isifuba ngenxa yobuhle bezinto zabo zokuhombisa, ibe benze imifanekiso eyenyanyekayo ngazo,* izithixo zabo ezenyanyekayo.+ Yiyo le nto ndiza kuyenza yenyanyeke kubo. 21  Ndiza kuyinikela* ezandleni zabasemzini ukuba bayiphange, nakubenzi-bubi bomhlaba ibe lixhoba, baze bayingcolise. 22  “‘Ndiza kubafulathela,+ ibe baza kuyingcolisa indawo yam efihlakeleyo,* nootsotsi baza kungena kuyo bayingcolise.+ 23  “‘Yenza itsheyini,*+ kuba ilizwe ligcwele ngumgwebo odyojwe ligazi,+ nesixeko sigcwele ubundlobongela.+ 24  Ndiza kuzisa ezona ntlanga zikhohlakeleyo,+ ibe ziza kuthimba izindlu zabo,+ kwaye ndiza kuliphelisa ikratshi labo bomeleleyo, neendawo zabo ezingcwele ziza kungcoliswa.+ 25  Xa kufika intlungu yabo, baza kufuna uxolo, kodwa luza kube lungekho.+ 26  Kuza kufika intlekele emva kwenye, kubekho ingxelo phezu kwengxelo, yaye abantu baza kufuna umbono kumprofeti,+ kodwa umthetho* uza kuphela kumbingeleli, necebiso liphele* kubadala.+ 27  Ukumkani uza kuzila,+ inkosi iza kwambatha intlungu, nezandla zabantu belizwe ziza kungcangcazela kukoyika. Ndiza kwenza kubo ngokweendlela zabo, yaye ndiza kubagweba ngendlela abagwebe ngayo. Baza kutsho bazi ukuba ndinguYehova.’”+

Umbhalo osemazantsi

Okanye kusenokwenzeka, “Sifikile isidanga seentyatyambo.”
Okanye kusenokwenzeka, “Sifikile isidanga seentyatyambo.”
Oko kukuthi, abo bathenga umhlaba nabo bawuthengisayo abazukufumana nto, kuba intshabalalo iza kubafikela bonke.
Okanye kusenokwenzeka, “ngeziphoso zabo.”
Oko kukuthi, ukuzichamela ngenxa yokoyika.
Oko kukuthi, baza kuchetywa iintloko ngenxa yokuzila.
Oko kukuthi, isilivere negolide yabo.
Oko kukuthi, izinto zabo zegolide nesilivere.
Oko kukuthi, isilivere negolide yabo abenze ngayo izithixo.
Kubonakala ukuba kubhekiselwa kweyona ngcwele kaYehova.
Oko kukuthi, itsheyini labathinjwa.
Okanye “umyalelo.”
Okanye “nesiluleko siphele.”