Hoseya 1:1-11

  • Umfazi kaHoseya nabantwana awabazalayo (1-9)

    • UYizereli (4), uLo-ruhama (6), noLo-ami (9)

  • Ithemba lokubuyiselwa nomanyano (10, 11)

1  Eli lilizwi likaYehova elafika kuHoseya* unyana kaBheri ngemihla kaUziya,+ kaYotham,+ ka-Ahazi+ noHezekiya,+ ookumkani bakwaYuda,+ nangemihla kaYerobhoham+ unyana kaYowashe,+ ukumkani wakwaSirayeli.  Xa uYehova waqalisa ukuthetha esebenzisa uHoseya, wathi uYehova kuye: “Hamba, uyokuzithathela umfazi othengisa ngomzimba* nabantwana abafumene ngokuthengisa ngomzimba,* kuba ilizwe liyeke ngokupheleleyo ukulandela uYehova+ ngenxa yokuthengisa ngomzimba.”*  Ngoko watshata uGomere intombi kaDibhelayim, wakhulelwa waza ekuhambeni kwexesha wamzalela unyana.  Emva koko uYehova wathi kuHoseya: “Mthiye igama elinguYizereli,* kuba kwixesha nje elincinci ndiza kuyiphendulisa indlu kaYehu+ ngenxa yokuchitha kwayo igazi laseYizereli, ibe ndiza kuluphelisa ulawulo lwendlu kaSirayeli.+  Ngaloo mini ndiza kusaphula isaphetha sikaSirayeli eNtlanjeni* yaseYizereli.”  Waphinda wakhulelwa, wazala intombi. Wathi uThixo kuHoseya: “Yithiye igama elinguLo-ruhama,* kuba andizukuphinda ndiyenzele nceba+ indlu kaSirayeli, ngenxa yokuba ndiza kuyigxotha.+  Kodwa ndiza kuyenzela inceba indlu kaYuda,+ ibe ndiza kuyisindisa ngoYehova uThixo wayo;+ kodwa andizukuyisindisa ngesaphetha okanye ngekrele okanye ngemfazwe, ngamahashe okanye ngabakhweli-mahashe.”+  Emva kokuba elumle uLo-ruhama, wakhulelwa wazala unyana.  Ngoko uThixo wathi: “Mthiye igama elinguLo-ami,* kuba nina aningobantu bam, nam andizukuba ngowenu. 10  “Inani labantu* bakwaSirayeli liza kuba njengesanti yolwandle engenakulinganiswa okanye ibalwe.+ Kwindawo ekwakusithiwa kubo, ‘Aningobantu bam,’+ kuza kuthiwa kubo, ‘Ningoonyana boThixo ophilayo.’+ 11  Ibe oonyana bakaYuda nabakaSirayeli baza kuqokelelana baze bamanyane,+ yaye baza kuzimisela intloko enye baze banyuke baphume kwelo lizwe, kuba iza kuba nkulu imini yaseYizereli.+

Umbhalo osemazantsi

Igama elishunqulelweyo likaHoshaya, elithetha ukuthi “Usindiswe NguYa; UYa Usindisile.”
Okanye “oziphethe kakubi ngesondo.”
Okanye “ngokuziphatha kakubi ngesondo.”
Okanye “yokuziphatha kakubi ngesondo.”
Othetha ukuthi “UThixo Uza Kutyala Imbewu.”
Okanye “eThafeni.”
Othetha ukuthi “Ongenzelwanga Nceba.”
Othetha ukuthi “Abangobantu Bam.”
Ngokoqobo, “loonyana.”