Hoseya 10:1-15

  • USirayeli, umthi weediliya ontshwencayo, uza kutshatyalaliswa (1-15)

    • Ukuhlwayela nokuvuna (12, 13)

10  “USirayeli ngumthi weediliya ontshwencayo* ovelisa isiqhamo sawo.+ Ngokuya zisanda iziqhamo zakhe, zanda ngakumbi nezibingelelo zakhe;+Ngokuya uchuma umhlaba wakhe, ziya zisiba ntle neentsika zakhe ezingcwele.+   Intliziyo yakhe iyaqhatha;*Ngoku baza kufunyaniswa benetyala. Kukho umntu oza kuqhekeza izibingelelo zakhe, aze atshabalalise iintsika zakhe.   Baza kuthi, ‘Asinakumkani,+ kuba siye asamoyika uYehova. Ibe yintoni esinokuyenzelwa ngukumkani?’   USirayeli uthetha izinto ezingekhoyo, ufunga ubuxoki,+ ibe wenza izivumelwano;Ngoko isigwebo esiphuma apho sinjengokhula olunetyhefu kwiifolo zasendle.+   Abahlali baseSamariya bayasoyikisela isithixo sabo esilithole saseBhete-aven.+ Abantu baso baza kusizilela,Kwanababingeleli bothixo wabo wasemzini ababekade besivuyela,Kuba siza kumka kubo siye ekuthinjweni.   Siza kusiwa eAsiriya njengesipho kukumkani omkhulu.+ UEfrayim uza kuhlaziswa,NoSirayeli uza kuba neentloni kuba emamele icebiso laso.+   Nakanjani iSamariya nokumkani wayo iza kutshatyalaliswa,*+Njengesetyana elaphuliweyo phezu kwamanzi.   Iindawo eziphakamileyo zaseBhete-aven+ ezonisa uSirayeli,+ ziza kutshatyalaliswa.+ Ameva neenkunzane ziza kuhluma ezibingelelweni zakhe.+ Abantu baza kuthi ezintabeni, ‘Sigqumeleleni!’ Nakwiinduli, ‘Siweleni!’+   “Ukususela kwiintsuku zaseGibheya wonile+ Sirayeli. Awuzange utshintshe. Imfazwe ayizange ibatshayele oonyana abangalunganga eGibheya. 10  Ndiza kubaqeqesha xa ndithanda. Yaye izizwana ziza kubapakanyela,Xa berhuqiswa iziphoso zabo ezibini.* 11  UEfrayim wayelithokazi eliqeqeshiweyo elalithanda ukubhula,Ngoko intamo yakhe entle ndiyifake edyokhweni. Ngoku kukho endiza kumkhwelisa* kuEfrayim.+ UYuda uza kulima; uYakobi am-erhele. 12  Zityalele imbewu ngobulungisa, uze uvune uthando olungagungqiyo. Zilimele umhlaba olimekayo+Ngoxa lisekho ixesha lokumfuna uYehova,+De azokuninika umyalelo wobulungisa.+ 13  Nilime ububi.Nivune ukungalungi.+Ibe nitye isiqhamo sobuxoki,Ngobuninzi bamagorha enu. 14  Baza kujikelwa abantu bakho,Izixeko zakho ezikhuselekileyo ziza kutshatyalaliswa,+Njengokutshatyalaliswa kwendlu ka-Arbhele nguShalman,Ngomhla wedabi, xa oomama badlakazwa kunye neentsana zabo. 15  Ezi zinto ziza kwenziwa kuwe Bheteli,+ ngenxa yezinto ezimbi kangaka ozenzayo. Ukumkani wakwaSirayeli uza kutshatyalaliswa kwakusasa.”+

Umbhalo osemazantsi

Okanye kusenokwenzeka, “onwenwayo.”
Okanye “imtyibilizi.”
Ngokoqobo, “kuthuliswa.”
Oko kukuthi, xa bethwala ingqeqesho yabo njengedyokhwe.
Okanye “endiza kumfaka edyokhweni.”