Hoseya 10:1-15
10 “USirayeli ngumthi weediliya ontshwencayo* ovelisa isiqhamo sawo.+
Ngokuya zisanda iziqhamo zakhe, zanda ngakumbi nezibingelelo zakhe;+Ngokuya uchuma umhlaba wakhe, ziya zisiba ntle neentsika zakhe ezingcwele.+
2 Intliziyo yakhe iyaqhatha;*Ngoku baza kufunyaniswa benetyala.
Kukho umntu oza kuqhekeza izibingelelo zakhe, aze atshabalalise iintsika zakhe.
3 Baza kuthi, ‘Asinakumkani,+ kuba siye asamoyika uYehova.
Ibe yintoni esinokuyenzelwa ngukumkani?’
4 USirayeli uthetha izinto ezingekhoyo, ufunga ubuxoki,+ ibe wenza izivumelwano;Ngoko isigwebo esiphuma apho sinjengokhula olunetyhefu kwiifolo zasendle.+
5 Abahlali baseSamariya bayasoyikisela isithixo sabo esilithole saseBhete-aven.+
Abantu baso baza kusizilela,Kwanababingeleli bothixo wabo wasemzini ababekade besivuyela,Kuba siza kumka kubo siye ekuthinjweni.
6 Siza kusiwa eAsiriya njengesipho kukumkani omkhulu.+
UEfrayim uza kuhlaziswa,NoSirayeli uza kuba neentloni kuba emamele icebiso laso.+
7 Nakanjani iSamariya nokumkani wayo iza kutshatyalaliswa,*+Njengesetyana elaphuliweyo phezu kwamanzi.
8 Iindawo eziphakamileyo zaseBhete-aven+ ezonisa uSirayeli,+ ziza kutshatyalaliswa.+
Ameva neenkunzane ziza kuhluma ezibingelelweni zakhe.+
Abantu baza kuthi ezintabeni, ‘Sigqumeleleni!’
Nakwiinduli, ‘Siweleni!’+
9 “Ukususela kwiintsuku zaseGibheya wonile+ Sirayeli.
Awuzange utshintshe.
Imfazwe ayizange ibatshayele oonyana abangalunganga eGibheya.
10 Ndiza kubaqeqesha xa ndithanda.
Yaye izizwana ziza kubapakanyela,Xa berhuqiswa iziphoso zabo ezibini.*
11 UEfrayim wayelithokazi eliqeqeshiweyo elalithanda ukubhula,Ngoko intamo yakhe entle ndiyifake edyokhweni.
Ngoku kukho endiza kumkhwelisa* kuEfrayim.+
UYuda uza kulima; uYakobi am-erhele.
12 Zityalele imbewu ngobulungisa, uze uvune uthando olungagungqiyo.
Zilimele umhlaba olimekayo+Ngoxa lisekho ixesha lokumfuna uYehova,+De azokuninika umyalelo wobulungisa.+
13 Nilime ububi.Nivune ukungalungi.+Ibe nitye isiqhamo sobuxoki,Ngobuninzi bamagorha enu.
14 Baza kujikelwa abantu bakho,Izixeko zakho ezikhuselekileyo ziza kutshatyalaliswa,+Njengokutshatyalaliswa kwendlu ka-Arbhele nguShalman,Ngomhla wedabi, xa oomama badlakazwa kunye neentsana zabo.
15 Ezi zinto ziza kwenziwa kuwe Bheteli,+ ngenxa yezinto ezimbi kangaka ozenzayo.
Ukumkani wakwaSirayeli uza kutshatyalaliswa kwakusasa.”+
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye kusenokwenzeka, “onwenwayo.”
^ Okanye “imtyibilizi.”
^ Ngokoqobo, “kuthuliswa.”
^ Oko kukuthi, xa bethwala ingqeqesho yabo njengedyokhwe.
^ Okanye “endiza kumfaka edyokhweni.”