Hoseya 11:1-12

  • UThixo wamthanda uSirayeli eseyinkwenkwana (1-12)

    • “Ndathi unyana wam makabuye eYiputa” (1)

11  “Xa uSirayeli wayeyinkwenkwana, ndamthanda,+Ibe ndathi unyana wam makabuye eYiputa.+   Okukhona babembiza,*Kokukhona wayesimka kubo.+ Waqhubeka ebingelela kwimifanekiso kaBhahali+Waqhumisa kwimifanekiso eqingqiweyo.+   Kodwa ndim owamfundisa ukuhamba uEfrayim,+ ndamfunqula;+Yaye akazange avume ukuba ndimphilisile.   Ndamtsala ngeentambo zobubele,* ngeentambo zothando;+Kuye ndandinjengomntu osusa idyokhwe entanyeni yakhe,Yaye ndathantamisa xa ndandinika ngamnye ukutya.   Akazukubuyela kwilizwe laseYiputa, kodwa iAsiriya iza kuba ngukumkani wakhe,+Kuba walile ukubuyela kum.+   Ikrele liza kugqugqisa kwizixeko zakhe+Lize ligqibe imivalo yakhe, limqwenge ngenxa yamaqhinga akhe.+   Abantu bam bakhetha ukungathembeki kum.+ Nangona bebabizela phezulu,* akukho namnye ophakamayo.   Ndingathini ukukuncama, Efrayim?+ Ndingathini ukukunikezela, Sirayeli? Ndingathini ukukuphatha njengeAdima? Ndingathini ukukwenza ube njengeTsebhoyim?+ Intliziyo yam itshintshile;Kwangaxeshanye, usizi lwam luyavutha.+   Andizukuwukhupha umsindo wam. Andizukuphinda ndimtshabalalise uEfrayim,+Kuba ndinguThixo andingomntu,Lowo Ungcwele phakathi kwakho;Yaye andizukukuhlasela ndinomsindo. 10  Uza kuhamba emva koYehova, yaye uza kugquma njengengonyama;+Xa egquma, oonyana bakhe baza kungcangcazela bevela entshona.+ 11  Uza kungcangcazela oku kwentaka xa ephuma eYiputa,Njengehobe liphuma kwilizwe laseAsiriya;+Yaye ndiza kumhlalisa ezindlini zakhe,” utsho uYehova.+ 12  “UEfrayim undingqonge ngobuxoki,Yaye indlu kaSirayeli indingqonge ngokuqhatha.+ Kodwa uYuda usahamba noThixo,Ibe uthembekile kuLowo Ungcwele.”+

Umbhalo osemazantsi

Oko kukuthi, abaprofeti nabanye ababethunywa ukuba bafundise uSirayeli.
Okanye “ngeentambo zabantu.”
Oko kukuthi, kwinkonzo ephakamileyo.