Hoseya 12:1-14

  • UEfrayim ufanele abuyele kuYehova (1-14)

    • UYakobi wajijisana noThixo (3)

    • UYakobi walila ukuze afumane inceba kaThixo (4)

12  “UEfrayim utya umoya. Uleqa umoya wasempuma imini yonke. Wandisa ukuxoka nobundlobongela. Wenza isivumelwano neAsiriya,+ ibe usa ioli eYiputa.+   UYehova umbeka ityala uYuda;+Uza kumphendulisa uYakobi ngeendlela zakhe,Ibe uza kumbhatalisa ngokwezenzo zakhe.+   Esesiswini wabamba umntakwabo esithendeni,+Ibe ngamandla akhe wajijisana noThixo.+   Waqhubeka ejijisana nengelosi waza woyisa. Walila waza wacela inceba.”+ UThixo wamfumana eBheteli, ibe wathetha nathi apho.+   UYehova uThixo wemikhosi,+UYehova ligama akhunjulwa ngalo.*+   “Ngoko buyela kuThixo wakho,+Hlala unothando olungagungqiyo nobulungisa,+Yaye hlala uthembele kuThixo wakho.   Kodwa esandleni sikasomashishini kukho isikali esiqhathayo;Uyawathanda amaqhinga.+   UEfrayim uhlala esithi, ‘Ndibe sisityebi nyhani;+Ndifumene ubutyebi.+ Ibe kuko konke ukubulaleka kwam, akukho nto imbi okanye sono baza kusifumana.’   Kodwa ndinguYehova uThixo wakho ukususela kwilizwe laseYiputa.+ Ndiza kuphinda ndikwenze uhlale ezintenteniNjengakwimihla yexesha elimisiweyo.* 10  Ndathetha nabaprofeti,+Ndayandisa imibono yabo,Ndenza nemizekelo ndisebenzisa abaprofeti. 11  Abantu baseGiliyadi bayaqhatha*+ ibe bayaxoka. EGiligali babingelele ngeenkunzi zeenkomo.+Nemibingelelo yabo injengemfumba yamatye kwimisinga yasendle.+ 12  UYakobi wabalekela kwilali* yaseAram,*+USirayeli+ wasebenza apho efuna umfazi,+Yaye ngenxa yomfazi walusa iigusha.+ 13  Esebenzisa umprofeti uYehova wakhupha uSirayeli eYiputa,+Ibe wagadwa ngumprofeti.+ 14  UEfrayim umcaphukisa kakhulu+ uThixo;Ityala legazi lihleli kuye;INkosi yakhe iza kumbhatalisa ngehlazo alenzileyo.”+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “sisikhumbuzo sakhe.”
Okanye kusenokwenzeka, “Njengakwimihla yetheko.”
Okanye “benza into engaqhelekanga; benza into engaziwa mntu.”
Ngokoqobo, “kwintsimi.”
Okanye “yaseSiriya.”