Hoseya 13:1-16

  • UEfrayim okhonza izithixo wamlibala uYehova (1-16)

    • “Aphi na amandla akho, Kufa okubangela intlungu?” (14)

13  “Xa ethetha uEfrayim, abantu babengcangcazela;Wayemkhulu kwaSirayeli.+ Kodwa waba netyala ngenxa kaBhahali+ waza wafa.   Ngoku wongeza kwisono sakhe,Wenza imifanekiso yesinyithi ngesilivere yakhe;+Wenza izithixo ngobuchule, wenza wonke umsebenzi wabakhandi. Uthi kuzo, ‘Abantu ababingelelayo mabaphuze amathole.’+   Ngoko uza kufana namafu asekuseni,Nombethe okhawuleza uthi shwaka,Umququ ophetshethwa sisaqhwithi kwibala lokubhula,Nomsi ophuma kumngxuma wophahla.   Kodwa ndaba nguYehova uThixo wakho ukususela ezweni laseYiputa;+Wawungazi Thixo ngaphandle kwam,Futhi akukho msindisi ngaphandle kwam.+   Ndakwazi kwasentlango,+ kwilizwe elomileyo.   Wanela ngamadlelo akhe,+Wanela yaza yaphakama intliziyo yakhe. Wandilibala.+   Ndiza kuba njengengonyama kuye,+Njengehlosi elilalele ixhoba endleleni.   Ndiza kumhlasela njengebhere elilahlekelwe ngamathole alo,Ndiza kumkrazula isifuba.* Ndiza kumqwenga njengengonyama;Irhamncwa liza kumdlakaza.   Liza kukutshabalalisa Sirayeli,Ngenxa yokuba undijikele, ujikele umncedi wakho. 10  Uphi ke ngoku ukumkani wakho; angakusindisi nje kuzo zonke izixeko zakho,+Nabalawuli* bakho, abo wathi ngabo,‘Ndinike ukumkani neenkosana’?+ 11  Ndakunika ukumkani ndinomsindo,+Ibe ndiza kumsusa ndinomsindo.+ 12  Isiphoso sikaEfrayim sisongelwe;*Isono sakhe sigciniwe. 13  Uza kufikelwa ziintlungu zenimba. Kodwa ungumntwana osisidenge;Kuba xa kufuneka ezelwe, akaveli. 14  Ndiza kumkhulula emandleni engcwaba;*Ndiza kumsindisa ekufeni.+ Aphi na amandla akho, Kufa okubangela intlungu?*+ Kuphi na ukutshabalalisa kwakho ngcwaba?+ Amehlo am awazukuba nalusizi. 15  Nokuba angachuma phakathi kweengcongolo,Uza kufikelwa ngumoya wasempuma, umoya osuka kuYehova.Usuka ngasentlango usiza komisa iqula nomthombo wakhe. Uza kuboxutha bonke ubutyebi bakhe.+ 16  ISamariya iza kubekwa ityala+ kuba imjikele uThixo wayo.+ Iza kuwa likrele.+Abantwana bayo baza kudlakazwa,Nabafazi bayo abakhulelweyo baza kuqhaqhwa.”

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “apho ivalelwe khona intliziyo.”
Ngokoqobo, “Nabagwebi.”
Okanye “siselugcinweni.”
Okanye “Luphi na ulwamvila lwakho kufa?”