Hoseya 2:1-23
2 “Yithi kubazalwana bakho, ‘Bantu bam!’*+
Uze uthi koodadewenu, ‘Mfazi owenzelwe inceba!’*+
2 Mmangaleleni umama wenu; mmangaleleni,Kuba akangomfazi wam,+ nam andiyondoda yakhe.
Ufanele ayeke ukuthengisa ngomzimba*Nokukrexeza* okuphakathi kwamabele akhe,
3 Okanye ndiza kumhluba abe ze ndize ndimenze abe njengemini awazalwa ngayo,Ndimthobe abe ngumhlaba ongenamanzi,Ndize ndimbulale ngonxano.
4 Andizukuba nanceba koonyana bakhe,Kuba wabafumana ngokuthengisa ngomzimba.*
5 Kuba umama wabo uye wathengisa ngomzimba.*+
Umama wabo wenze ihlazo,+ kuba uthe,‘Ndiza kuya kwizithandwa zam,+Ezindinika isonka namanzi,Uboya nelinen, ioli nesiselo.’
6 Ngoko ke indlela yakhe ndiza kuyibeka isihlahla sameva;Ndiza kumrhangqa ngodonga lwamatye,Ukuze angakwazi ukuhamba ngeendlela zakhe.
7 Uza kuzileqa izithandwa zakhe, kodwa akazukuzifumana;+Uza kuzikhangela, kodwa akazukuzifumana.+
Emva koko uza kuthi, ‘Ndiza kubuyela kwindoda yam yokuqala,Kuba kwakubhetele ngokuya kunangoku.’+
8 Akaqondanga ukuba ndim owamnika iinkozo,+ iwayini entsha neoli,Nokuba ndim owamnika isilivere eninzi,Negolide, abaye bayisebenzisa kuBhahali.+
9 ‘Ndiza kubuya ke ndizokuthatha iinkozo zam ngexesha lazoNewayini yam entsha ngexesha layo,+Ndiboxuthe uboya bam nelinen yam yokogquma ubuze bakhe.
10 Ngoku ndiza kubutyhila ubuze bakhe ekuhleni, zijongile izithandwa zakhe,Ibe akukho ndoda iza kumsindisa esandleni sam.+
11 Lonke uvuyo lwakhe ndiza kuluphelisa,Amatheko akhe,+ ukuthwasa kweenyanga zakhe, iisabatha zakhe nawo onke amaxesha akhe amatheko.
12 Ndiza kuyitshabalalisa imithi yakhe yeediliya nemithi yakhe yamafiya,* athe ngayo:
“Zindibhatale ngayo izithandwa zam.”Ndiza kuyijika ibe lihlathi,Yaye iza kuqwengwa zizilwanyana zasendle.
13 Uza kundixelela ukuba kwakutheni ukuze abingelele kwimifanekiso kaBhahali,+Xa wayezihombise ngeeringi nezihombo zakhe waza warhorhozela emva kwezithandwa zakhe,Wandilibala mna,’+ utsho uYehova.
14 ‘Ngoko ndiza kumcenga,Ndiza kumsa entlango,Ndithethe ukuze ndimchukumise intliziyo.
15 Ukususela ngelo xesha ukuya phambili, ndiza kumnika amasimi akhe eediliya,+Ndimnike neNtlambo YaseAkore*+ ibe yigeyithi yethemba.Apho uza kundiphendula ngendlela awayendiphendula ngayo xa wayesemtsha,Kanye njengemini awaphuma ngayo kwilizwe laseYiputa.+
16 Ngaloo mini,’ utsho uYehova,‘Uza kundibiza ngokuthi myeni Wam, ibe uza kuyeka ukundibiza ngokuthi mnini Wam.’*
17 ‘Ndiza kuwasusa amagama emifanekiso kaBhahali emlonyeni wakhe,+Yaye awazukukhunjulwa amagama ayo.+
18 Ngaloo mini ndiza kwenza isivumelwano nezilwanyana zasendle,+Neentaka zezulu nezilwanyana ezirhubuluzayo zomhlaba;+Ndiza kususa elizweni isaphetha, ikrele nemfazwe,+Yaye ndiza kubakhusela.+
19 Ndiza kukungeja* ndimanyane nawe ngonaphakade,Ndiza kukungeja* ngobulungisa nangokusesikweni,*Ngothando olungagungqiyo nenceba.+
20 Ndiza kukungeja ngokuthembeka,Yaye uza kumazi ngokuqinisekileyo uYehova.’+
21 ‘Ngaloo mini ndiza kuphendula,’ utsho uYehova,‘Ndiza kuwaphendula amazulu,Yaye wona aza kuphendula umhlaba.+
22 Umhlaba uza kuphendula iinkozo, iwayini neoli;Zona ziza kumphendula uYizereli.*+
23 Ndiza kumtyala njengembewu yam emhlabeni,+Yaye ndiza kuba nenceba kulowo ungenzelwanga nceba;*Ndiza kuthi kwabo bangengobantu bam:* “Ningabantu bam,”+
Bona baza kuthi: “UnguThixo wam.”’”+
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “ukuziphatha kakubi ngesondo.”
^ Oko kukuthi, umntu otshatileyo olala nomntu angatshatanga naye.
^ Okanye “ngokuziphatha kakubi ngesondo.”
^ Okanye “uye waziphatha kakubi ngesondo.”
^ Okanye “yamakhiwane.”
^ Okanye “neThafa LaseAkore.”
^ Okanye “Bhahali wam.”
^ Okanye “kukugana.”
^ Okanye “nangobulungisa.”
^ Okanye “kukugana.”
^ Othetha ukuthi “UThixo Uza Kutyala Imbewu.”