Hoseya 3:1-5

  • UHoseya uxolela umfazi wakhe okrexezayo (1-3)

  • AmaSirayeli aza kubuyela kuYehova (4, 5)

3  Emva koko uYehova wathi kum: “Phinda umthande umfazi othandwa yenye indoda nokrexezayo,*+ njengokuba uYehova ewathanda amaSirayeli+ ngoxa esiya kwabanye oothixo+ ethanda nezonka zerasintyisi.”*  Ngoko ndamthenga ngamaqhosha esilivere ayi-15, nangehomere* enehafu yerhasi.  Ndaza ndathi kuye: “Uza kuhlala ungowam ixesha elide. Uze ungathengisi ngomzimba,* futhi ungalali nenye indoda; nam andizukulala nawe.”  Kuba amaSirayeli aza kuhlala ixesha elide engenakumkani,+ engenankosana, engenambingelelo, engenantsika, engenaefodi+ nazithixo zekhaya.+  Emva koko amaSirayeli aza kubuya aze amfune uYehova uThixo wawo,+ noDavide ukumkani wawo,+ yaye ekupheleni kwemihla,+ aza kuza kuYehova engcangcazela efuna ukulunga kwakhe.

Umbhalo osemazantsi

Oko kukuthi, umntu otshatileyo olala nomntu angatshatanga naye.
Oko kukuthi, ezo zisetyenziswa kwiinkonzo zobuxoki.
Ihomere yayilingana ne-220 L. Funda Isihlomelo B14.
Okanye “ungaziphathi kakubi ngesondo.”