Hoseya 4:1-19

  • Ityala uYehova alibeka amaSirayeli (1-8)

    • UThixo akaziwa elizweni (1)

  • AmaSirayeli akrexeza aze aziphathe kakubi ngendlela eyothusayo (9-19)

    • Ukuthanda ukuziphatha kakubi kuyalahlekisa (12)

4  Liveni ilizwi likaYehova, bonyana bakaSirayeli,Kuba uYehova ubabeka ityala abemi beli lizwe,+Kuba ayikho inyaniso nothando olungagungqiyo nokwazi uThixo kweli lizwe.+   Ukufunga into engekhoyo, ukuxoka,+ ukubulala,+Ubusela nokukrexeza*+ kugqugqisile,Negazi lichithwa lichithiwe.+   Kungenxa yoko le nto eli lizwe liza kuzila+Naye wonke umntu ohlala kulo eza kuphelelwa;Izilwanyana zasendle neentaka zezulu,Kwaneentlanzi zaselwandle ziza kutshabalala.   “Kodwa ke, makungabikho mntu ulwa nomnye okanye ukhalimela omnye,+Kuba abantu bakho baziphethe njengabantu abalwa nombingeleli.+   Ngoko uza kukhubeka emini emaqanda,Nomprofeti uza kukhubeka kunye nawe, ngokungathi kusebusuku. Yaye ndiza kumvala umlomo* umama wakho.   Abantu bam baza kuvalwa umlomo, kuba abazi nto. Ekubeni ululahlile ulwazi,+Nam ndiza kukulahla uze uyeke ukuba ngumbingeleli wam;Ekubeni uwulibele umthetho* kaThixo wakho,+Ndiza kubalibala noonyana bakho.   Okukhona babesanda, kokukhona babendona.+ Uzuko lwabo ndiza kulutshintsha lube lihlazo.*   Bazityebisa ngesono sabantu bam, Banyolukela isiphoso sabo.   Into eza kwenzeka ebantwini iza kwenzeka nakubabingeleli;Ndiza kubaphendulisa ngenxa yeendlela zabo,Ibe ndiza kubabuyekeza ngenxa yezenzo zabo.+ 10  Baza kutya, kodwa banganeli.+ Baza kuziphatha kakubi ngendlela eyothusayo,* kodwa abazukwanda,+Kuba abamboneli ntweni uYehova. 11  Ukuthengisa ngomzimba,* iwayini endala newayini entshaZisusa umnqweno wokwenza izinto ezilungileyo.*+ 12  Abantu bam babuzisa kwizithixo zabo ezenziwe ngomthi,Benza yonke into abayixelelwa yintonga yabo;*Kuba ukuthanda kwabo ukuthengisa ngomzimba* kuyabalahlekisa,Yaye ngokuthengisa kwabo ngomzimba* abavumi ukuzithoba kuThixo wabo. 13  Babingelela phezu kweentaba,+Naphezu kweenduli baqhumisa umbingelelo,Phantsi kwemithi yom-oki, eyestorakisi nayo yonke imithi emikhulu,+Kuba imnandi imithunzi yayo. Yiyo le nto iintombi zenu zithengisa ngomzimba*Noomolokazana benu bekrexeza.* 14  Andizukuziphendulisa iintombi zenu ngenxa yokuthengisa kwazo ngomzimba,Noomolokazana benu ngenxa yokukrexeza* kwabo. Kuba amadoda emka nabafazi abathengisa ngomzimba,Aze abingelele kunye nabafazi abathengisa ngomzimba etempileni;Isizwana esinjalo, esingaqondiyo+ siza kutshatyalaliswa. 15  Nangona uthengisa ngomzimba, wena Sirayeli,+Makangabi natyala uYuda,+ Sanukuya eGiligali,+ okanye eBhete-aven,+Yaye ningafungi nithi, ‘Ephila nje uYehova!’+ 16  Kuba uSirayeli uye wanenkani+ okwemazi yenkomo. Ngaba ke uYehova uza kumalusa njengetakane legusha eliyinkunzi kwidlelo elivulekileyo?* 17  UEfrayim uthe nca kwizithixo.+ Myekeni! 18  Buthi busakuphela utywala babo,*Baqalise ukuziphatha kakubi ngendlela eyothusayo.* Abalawuli bakhe balithanda* gqitha ihlazo.+ 19  Umoya uza kumka naye ngamaphiko awo. Yaye baza kuba neentloni ngemibingelelo yabo.”

Umbhalo osemazantsi

Oko kukuthi, umntu otshatileyo olala nomntu angatshatanga naye.
Okanye “ndiza kumtshabalalisa.”
Okanye “umyalelo.”
Okanye kusenokwenzeka, “Balahle uzuko lwam bathatha ihlazo.”
Okanye “Baza kuziphatha kakubi ngesondo, besenza ukungcola; Baza kuthengisa ngomzimba.”
Ngokoqobo, “Zisusa intliziyo.”
Okanye “Ukuziphatha kakubi ngesondo.”
Okanye “yintonga yothixo wabo.”
Okanye “ukuziphatha kakubi ngesondo.”
Okanye “ngokuziphatha kakubi ngesondo.”
Okanye “ziziphatha kakubi ngesondo.”
Oko kukuthi, umntu otshatileyo olala nomntu angatshatanga naye.
Oko kukuthi, umntu otshatileyo olala nomntu angatshatanga naye.
Ngokoqobo, “kwindawo evulekileyo?”
Okanye “Ithi isakuphela ibhiya yabo yengqolowa.”
Okanye “ukuziphatha kakubi ngesondo, besenza ukungcola; ukuthengisa ngomzimba.”
Ngokoqobo, “Amakhaka akhe alithanda.”