Hoseya 5:1-15

  • Kugwetywa uEfrayim noYuda (1-15)

5  “Mamelani babingeleli,+Yhini ndlu kaSirayeli, mamela,Mamela nawe ndlu kakumkani,Kuba nibaliwe kumgwebo;Kuba nisisirhintyelo eMizpaNomnatha owanekwe eTibhore.+   Abo bandishiyayo* baye bathi chatha* ekubulaleni ngenkohlakalo,Yaye ndiyabalumkisa* bonke.   Ndiyamazi uEfrayim,Yaye uSirayeli akafihlekanga kum. Kuba wena Efrayim uye waziphatha kakubi ngendlela eyothusayo;*USirayeli uye wazingcolisa.+   Izenzo zabo azibavumeli babuyele kuThixo wabo,Kuba bathanda ukuthengisa ngomzimba,*+Yaye abamboneli ntweni uYehova.   Ukuba nekratshi kukaSirayeli kuyammangalela;+USirayeli noEfrayim baye bakhubeka kwisiphoso sabo.Ibe uYuda ukhubeke kunye nabo.+   Bahambe bekhangela uYehova bekunye nomhlambi wabo weegusha noweenkomo,Kodwa khange bamfumane. Uye wabashiya.+   Baye bamlahla uYehova,Kuba+ baye bazala oonyana abangekho mthethweni. Ngoku baza kuqwengwa kunye nezabelo zabo* ngenyanga nje enye.   Vuthelani uphondo+ eGibheya, ixilongo eRama!+ Hlabani umkhosi eBhete-aven,+ emva kwakho Bhenjamin!   Owu Efrayim, uza kuba yinto eyoyikekayo ngemini yokohlwaywa.+ Ndiyenze yaziwa into eza kwenzeka kwizizwe zakwaSirayeli. 10  Iinkosana zakwaYuda zifana nabo babhekelisa umda.+ Umsindo wam ndiza kuwugalela kubo njengamanzi. 11  UEfrayim ucinezelwe, utyunyuzwe ngomgwebo,Kuba wayezimisele ukulandela utshaba lwakhe.+ 12  Ndandifana nenundu* kuEfrayimNjengokubola kwindlu kaYuda. 13  Xa uEfrayim wabona isifo sakhe, noYuda isilonda sakhe,UEfrayim waya kwiAsiriya+ waza wathumela umyalezo kukumkani omkhulu. Kodwa akakwazanga kukuphilisa,Akakwazanga kusinyanga isilonda sakho. 14  Ndiza kuba njengengonyama kuEfrayim,Nanjengengonyama enamandla* kwindlu kaYuda. Mna ndiza kubadlavula babe ziziqwenga ndize ndimke;+Ndiza kubasusa, yaye akukho mntu uza kubasindisa.+ 15  Ndiza kuhamba ndibuyele endaweni yam de bayifumane imiphumo yetyala labo,Emva koko baza kufuna uncedo lwam.*+ Xa besentlungwini, baza kundifuna.”+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “bandijikelayo.”
Okanye “baqinisa.”
Okanye “ndiza kubaqeqesha.”
Okanye “uye waziphatha kakubi ngesondo, usenza ukungcola; uye wathengisa ngomzimba.”
Okanye “ukuziphatha kakubi ngesondo.”
Okanye “namasimi abo.”
Oko kukuthi, isinambuzane esitya impahla.
Okanye “Nanjengethole lengonyama elinesingci.”
Ngokoqobo, “ubuso bam.”