Hoseya 5:1-15
-
Kugwetywa uEfrayim noYuda (1-15)
5 “Mamelani babingeleli,+Yhini ndlu kaSirayeli, mamela,Mamela nawe ndlu kakumkani,Kuba nibaliwe kumgwebo;Kuba nisisirhintyelo eMizpaNomnatha owanekwe eTibhore.+
2 Abo bandishiyayo* baye bathi chatha* ekubulaleni ngenkohlakalo,Yaye ndiyabalumkisa* bonke.
3 Ndiyamazi uEfrayim,Yaye uSirayeli akafihlekanga kum.
Kuba wena Efrayim uye waziphatha kakubi ngendlela eyothusayo;*USirayeli uye wazingcolisa.+
4 Izenzo zabo azibavumeli babuyele kuThixo wabo,Kuba bathanda ukuthengisa ngomzimba,*+Yaye abamboneli ntweni uYehova.
5 Ukuba nekratshi kukaSirayeli kuyammangalela;+USirayeli noEfrayim baye bakhubeka kwisiphoso sabo.Ibe uYuda ukhubeke kunye nabo.+
6 Bahambe bekhangela uYehova bekunye nomhlambi wabo weegusha noweenkomo,Kodwa khange bamfumane.
Uye wabashiya.+
7 Baye bamlahla uYehova,Kuba+ baye bazala oonyana abangekho mthethweni.
Ngoku baza kuqwengwa kunye nezabelo zabo* ngenyanga nje enye.
8 Vuthelani uphondo+ eGibheya, ixilongo eRama!+
Hlabani umkhosi eBhete-aven,+ emva kwakho Bhenjamin!
9 Owu Efrayim, uza kuba yinto eyoyikekayo ngemini yokohlwaywa.+
Ndiyenze yaziwa into eza kwenzeka kwizizwe zakwaSirayeli.
10 Iinkosana zakwaYuda zifana nabo babhekelisa umda.+
Umsindo wam ndiza kuwugalela kubo njengamanzi.
11 UEfrayim ucinezelwe, utyunyuzwe ngomgwebo,Kuba wayezimisele ukulandela utshaba lwakhe.+
12 Ndandifana nenundu* kuEfrayimNjengokubola kwindlu kaYuda.
13 Xa uEfrayim wabona isifo sakhe, noYuda isilonda sakhe,UEfrayim waya kwiAsiriya+ waza wathumela umyalezo kukumkani omkhulu.
Kodwa akakwazanga kukuphilisa,Akakwazanga kusinyanga isilonda sakho.
14 Ndiza kuba njengengonyama kuEfrayim,Nanjengengonyama enamandla* kwindlu kaYuda.
Mna ndiza kubadlavula babe ziziqwenga ndize ndimke;+Ndiza kubasusa, yaye akukho mntu uza kubasindisa.+
15 Ndiza kuhamba ndibuyele endaweni yam de bayifumane imiphumo yetyala labo,Emva koko baza kufuna uncedo lwam.*+
Xa besentlungwini, baza kundifuna.”+
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “bandijikelayo.”
^ Okanye “baqinisa.”
^ Okanye “ndiza kubaqeqesha.”
^ Okanye “uye waziphatha kakubi ngesondo, usenza ukungcola; uye wathengisa ngomzimba.”
^ Okanye “ukuziphatha kakubi ngesondo.”
^ Okanye “namasimi abo.”
^ Oko kukuthi, isinambuzane esitya impahla.
^ Okanye “Nanjengethole lengonyama elinesingci.”
^ Ngokoqobo, “ubuso bam.”