Hoseya 6:1-11

  • Kuthiwa makubuyelwe kuYehova (1-3)

  • Abantu banothando olukhawuleza luphele (4-6)

    • Uthando olungagungqiyo lubhetele kunombingelelo (6)

  • Abantu baziphethe ngendlela elihlazo (7-11)

6  “Yizani, sibuyele kuYehova,Kuba usidlavule,+ kodwa uza kusiphilisa. Usibethile, kodwa uza kuwabopha amanxeba ethu.   Uza kusivusa emva kweentsuku ezimbini. Ngosuku lwesithathu uza kusiphakamisa,Yaye siza kuphila phambi kwakhe.   Siza kumazi, kuba siza kube sizimisele ukumazi uYehova. Ukuphuma kwakhe kuqiniseke njengokuphuma kwelanga.Uza kuza kuthi njengokugalela kwemvula,Njengemvula yasentwasahlobo emanzisa umhlaba.”   “Ndikuthini na Efrayim? Ndikuthini na Yuda? Kuba uthando lwakho* lufana namafu akusasaLufana nombethe onyamalala msinya.   Yiloo nto ndiza kubaxabela ndisebenzisa abaprofeti;+Ndiza kubabulala ngamazwi omlomo wam.+ Ibe ukugwetywa kwenu kuza kukhazimla njengokukhanya.+   Kuba ndivuyiswa kukuthandwa ngokungagungqiyo,* kungekhona yimibingelelo,Nokwaziwa kukaThixo, endaweni yeminikelo etshiswa ngokupheleleyo.+   Kodwa bona, njengabantu nje, basaphule isivumelwano.+ Baye bandijikela apho.   IGiliyadi yidolophu yabenzi-bubi,+Egcwele ligazi.+   Ababingeleli bafana nemigulukudu elalele indoda. Babulala abantu endleleni eya kwaShekem,+Kuba izenzo zabo zilihlazo. 10  Ndibone inyala endlini kaSirayeli. UEfrayim uthengisa ngomzimba* apho;+USirayeli uzingcolisile.+ 11  Ngaphezu koko, wena Yuda, ubekelwe ixesha lokuvuna,Xa ndibuyisa abantu bam abathinjiweyo.”+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “uthando lwakho olungagungqiyo.”
Okanye “yinceba.”
Okanye “uziphethe kakubi ngesondo.”