Hoseya 7:1-16

  • Kuchazwa izinto ezimbi ezenziwa nguEfrayim (1-16)

    • Umnatha kaThixo awunakubalekwa (12)

7  “Xa kanye ndimphilisa uSirayeli,Isono sikaEfrayim siyabhenceka,+Nezinto ezimbi zaseSamariya.+ Kuba bayaxoka;+Amasela ayaqhekeza nemigulukudu iyagqugqisa ngaphandle.+   Kodwa abatsho ezintliziyweni zabo ukuba ndiza kuzikhumbula zonke izinto ezimbi abazenzayo.+ Ngoku izenzo zabo zibangqongile;Ziphambi kobuso bam.   Bayamvuyisa ukumkani ngezinto ezimbi abazenzayo,Neenkokheli ngokuxoka kwabo.   Bonke bangabakrexezi,*Batshiseka okweziko elivuthayo libaswa ngumbhaki,Oyekayo ukukhwezela emva kokuxova intlama ide inyuke.   Ngemini kakumkani wethu, iinkosana ziye zagula,Zinomsindo ngenxa yewayini.+ Ukumkani uzimanyanise nabantu abasileyo.   Kuba beza beneentliziyo ezivutha okweziko.* Umbhaki ulala ubusuku bonke;Kusasa iziko livutha njengomlilo odangazelayo.   Bonke batshisa okweziko,Yaye bayabaqwenga abalawuli* babo. Ookumkani babo bonke bawile;+Akukho namnye kubo ondibizayo.+   UEfrayim uxubana neentlanga.+ UEfrayim unjengesonka esirawundi esingaphethulwanga.   Abasemzini bawadle bawagqiba amandla akhe,+ kodwa akayazi loo nto. Neenwele zakhe zijike zamhlophe, kodwa yena akayiboni loo nto. 10  Ikratshi likaSirayeli limmangalele,+Kodwa akabuyelanga kuYehova uThixo wakhe,+Phezu kwayo yonke loo nto, akakhange amfune. 11  UEfrayim ufana nehobe elimathileyo, elingasebenzisi ngqondo.*+ Ucele uncedo eYiputa;+ uye eAsiriya.+ 12  Nokuba uya phi uEfrayim, ndiza kuwuphosa phezu kwakhe umnatha wam. Ndiza kumhlisa okweentaka zezulu. Ndiza kumqeqesha ngokwesilumkiso asinikiweyo.+ 13  Uza kuthi shu kuba undibalekile! Uza kutshatyalaliswa kuba undonile! Bendikulungele ukumkhulula, kodwa uxoke ngam.+ 14  Khange acele uncedo kum ngentliziyo yakhe yonke,+Nangona ebeqhubeka ekhala kabuhlungu kwiibhedi zakhe. Ebezisika ukuze afumane iinkozo newayini entsha;Undijikele. 15  Nangona bendimqeqesha, ndisomeleza neengalo zakhe,Akandifuni, undicebela izinto ezimbi. 16  Utshintshile, kodwa akayanga kwinto engcono;*Ebengathembekanga oku kwesaphetha esityeketyeke.+ Iinkosana zakhe ziza kuwa ngekrele ngenxa yolwimi lwazo oludelelayo. Ngenxa yoku uEfrayim uza kuba yinto yokugezelwa kwilizwe laseYiputa.”+

Umbhalo osemazantsi

Oko kukuthi, umntu otshatileyo olala nomntu angatshatanga naye.
Okanye kusenokwenzeka, “Kuba iintliziyo zabo zinjengeziko, njengoko besiza ngamaqhinga abo.”
Ngokoqobo, “abagwebi.”
Ngokoqobo, “elingenantliziyo.”
Oko kukuthi, akayanga kwinkonzo engcono.