Hoseya 8:1-14

  • Imiphumo yokukhonza izithixo (1-14)

    • Ukuhlwayela umoya, ukuvuna isaqhwithi (7)

    • USirayeli umlibele uMenzi wakhe (14)

8  “Vuthela uphondo!+ Kukho oza njengokhozi ezokulwa nendlu kaYehova,+Kuba baye basophula isivumelwano sam,+ baza bawophula umthetho wam.+   Bakhala kum besithi, ‘Owu Thixo wethu, thina maSirayeli siyakwazi.’+   AmaSirayeli ayilahlile into elungileyo.+ Mawaleqwe lutshaba.   Aye azibekela ookumkani ngaphandle kwam. Aye azibekela iinkokheli, kodwa andizamkelanga. Aye azenzela izithixo ngesilivere negolide,+Nto leyo eye yawatshabalalisa.+   Ithole lenu lenkomo liye lalahlwa maSamariya.+ Niyandicaphukisa.+ Kuza kude kube nini ningakwazi ukuba msulwa?*   Kuba livela kwaSirayeli. Lenziwe ngumkhandi olichule, yaye alingoThixo;Liza kuba ziingceba ithole laseSamariya.   Utyala umoya,Yaye uza kuvuna isaqhwithi.+ Akukho ndiza zivelisa nkozo.+Akukho hlumelo livelisa mgubo wokuxova. Ukuba ikho into evelisiweyo, abasemzini* baza kuyiginya.+   USirayeli uza kuginywa.+ Ngoku uza kuba phakathi kweentlanga,+Njengesitya esingafunwayo.   Kuba unyuke waya eAsiriya,+ njengedonki yasendle ehamba yodwa. UEfrayim uqeshe izithandwa zakhe.+ 10  Nangona eye waziqesha phakathi kweentlanga,Ngoku ndiza kumqokelela ndawonye;Uza kuqalisa ukuba sentlungwini+ ngenxa yomthwalo obekwe ngukumkani naziinkokheli. 11  Kuba uEfrayim uzongezile izibingelelo ukuze one.+ Uye wanezibingelelo ezimenze wona.+ 12  Ndambhalela imithetho* emininzi,Kodwa iye yajongwa njengento engaqhelekanga.+ 13  Ubingelela izipho kum, aze ayitye inyama,Kodwa uYehova akazithandi ezo zinto.+ Ngoku uza kusikhumbula isiphoso sakhe aze amohlwaye ngezono zakhe.+ Uye wabuyela* eYiputa.+ 14  USirayeli umlibele uMenzi wakhe,+ wakha iitempile,+NoYuda wakhe izixeko ezikhuselekileyo ezingakumbi.+ Kodwa ndiza kuthumela umlilo kwizixeko zakhe,Yaye uza kuziqwenga iinqaba zesixeko ngasinye.”+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “ningakwazi ukusulungeka?”
Okanye “abantu abangaziwayo.”
Okanye “imiyalelo.”
Okanye kusenokwenzeka, “Uza kubuyela.”