Hoseya 9:1-17

  • Izono zikaEfrayim zimenza alahlwe nguThixo (1-17)

    • Ukuzinikela kuthixo olihlazo (10)

9  “Sukuvuya Sirayeli.+Sukonwaba njengezizwana. Kuba ngenxa yokuba uthengisa ngomzimba* uye wemka kuThixo wakho.+ Uye wathanda umvuzo wokuthengisa ngomzimba kuwo onke amabala okubhula iinkozo.+   Kodwa ibala lokubhula nesixovulelo sewayini azizukumondla uSirayeli,Newayini entsha iza kumphoxa.+   Akazukuqhubeka ehlala elizweni likaYehova;+Kunoko uEfrayim uza kubuyela eYiputa,Ibe uza kutya izinto ezingcolileyo eAsiriya.+   Abazukuqhubeka begalelela uYehova iminikelo yewayini.+Akazukuyithanda imibingelelo yabo.+ Bafana nesonka sokuzila;Bonke abo basityayo baza kuzingcolisa. Kuba isonka sabo sesabo bodwa;Asizukungena endlini kaYehova.   Niza kwenza ntoni ngemini yokudibana kwenu,*Ngemini yetheko likaYehova?   Kuba jonga! kuza kufuneka babaleke ngenxa yokutshatyalaliswa kwelizwe.+ IYiputa iza kubaqokelela,+ neMemfis iza kubangcwaba.+ Izinto zabo ezixabisekileyo zesilivere ziza kudliwa ngamarhawu,*Ibe kuza kubakho amatyholo anameva ezintenteni zabo.   Iyeza imihla yokugwetywa,+Iyeza imihla yokuhlawuliswa,Ibe uSirayeli uza kuyazi. Umprofeti wakhe uza kuba sisidenge, nomntu ophefumlelweyo uza kuphambana;Ngenxa yobuninzi besiphoso sakho, nawe ucatshukelwa kakhulu.”   Unogada+ wakwaEfrayim wayenoThixo wam.+ Kodwa ngoku zonke iindlela zabaprofeti bakhe+ zinjengesabatha sombambisi weentaka;Kukho inzondo endlini kaThixo wakhe.   Bangene nzulu ekonakaliseni, njengakwimihla yaseGibheya.+ Uza kusikhumbula isiphoso sabo aze abohlwaye ngezono zabo.+ 10  “USirayeli ndamfumana njengokufumana iidiliya entlango.+ Ukubabona kwam ookhokho benu, babenjengamafiya* okuqala emthini wawo. Kodwa basuka baya kuBhahali wasePehore;+Bazinikela kwinto elihlazo,*+ Benyanyeka njengale nto bayithandayo. 11  UEfrayim ubhabha emke okwentaka;Akukho mntu uzalayo, ukhulelwayo nokhawulayo.+ 12  Nokuba bangade bakhulise abantwana,Baza kufa de kungabikho nenye indoda,+Baza kuthi shu xa ndibashiya!+ 13  UEfrayim owayetyalwe edlelweni, wayefana neTire kum;+Kodwa ngoku uEfrayim ufanele azise oonyana bakhe ukuze babulawe.” 14  Owu Yehova, khawubanike le nto ibafaneleyo;Isibeleko esikhupha isisu namabele omileyo. 15  “Konke ukona kwabo kwakuseGiligali,+ kuba ndabacaphukela apho. Ndiza kubagxotha endlini yam ngenxa yezinto ezingcolileyo abazenzayo.+ Ndiza kuyeka ukubathanda;+Zonke iinkokheli zabo zinenkani. 16  UEfrayim uza kuxatyelwa.+ Iingcambu zakhe ziza koma, ibe akazukuvelisa siqhamo. Nokuba angade azale, ndiza kuyibulala loo nzala yakhe ayithandayo.” 17  UThixo wam uza kumlahla,Kuba akakhange ammamele,+Ibe uza kuba yimbacu ezintlangeni.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “uziphethe kakubi ngesondo.”
Okanye “ngemini ekhethelwe itheko lenu.”
Okanye “ngurhelejane.”
Okanye “babenjengamakhiwane.”
Okanye “kuthixo olihlazo.”