IMizekeliso 1:1-33

  • Isizathu sokubhalwa kwemizekeliso (1-7)

  • Iingozi zokuba nabahlobo abangalunganga (8-19)

  • Ubulumko butsho ngesikhalo esikhulu phambi kwabantu (20-33)

1  Imizekeliso kaSolomon,+ unyana kaDavide,+ ukumkani wakwaSirayeli:+   Ukuze umntu afunde* ubulumko+ nengqeqesho;Aqonde amazwi obulumko;   Afumane ingqeqesho+ emenza akwazi ukucinga,Abe lilungisa,+ agwebe kakuhle*+ aze ayimele into elungileyo;*   Ukuze kunikwe abangenamava ubulumko;+Kunikwe umfana ulwazi aze akwazi ukucingisisa.+   Umntu osisilumko uyamamela aze afunde nakakhulu;+Umntu oqiqayo ufumana amacebiso obulumko+   Ukuze aqonde umzekeliso neqhalo elibhidayo,Amazwi ezilumko nezaci zazo ezinzima.+   Ukoyika* uYehova kukuqalisa kolwazi.+ Zizidenge kuphela ezidelela ubulumko nengqeqesho.+   Yimamele nyana wam, ingqeqesho katata wakho,+Ungayilahli imfundiso* kamama wakho.+   Zisisithsaba esinomtsalane kwintloko yakho+Nentsimbi yodidi emqaleni wakho.+ 10  Nyana wam, ukuba aboni bazama ukukuhenda, ungavumi.+ 11  Ukuba bathi: “Hamba nathi. Masilalele abantu size sichithe igazi. Siza kuzimela, silalele abantu abangenzanga nto. 12  Siza kubaginya bephila kanye njengengcwaba,*Bephelele, njengabo batshona emngxunyeni. 13  Masithimbe zonke izinto zabo zexabiso;Siza kugcwalisa izindlu zethu ngazo. 14  Hamba nathi,Siza kwahlulelana ngayo yonke into esiyibayo.”* 15  Nyana wam, uze ungabalandeli. Iinyawo zakho mazingabi sendleleni yabo,+ 16  Kuba iinyawo zabo zibalekela ekwenzeni ububi;Zingxamela ukuchitha igazi.+ 17  Ngokuqinisekileyo akuncedi nto ukwaneka umnatha intaka ijongile. 18  Yiloo nto belalela ukuze bachithe igazi;Bayazimela ukuze babulale abantu. 19  Zinjalo iindlela zabo bafuna ukwenza ingeniso ngamaqhinga,Ize kwayona ibabulale abo* bayifumanayo.+ 20  Ubulumko bokwenene+ butsho ngesikhalo esikhulu esitratweni.+ Busoloko bungxola kwiindawo zikawonke-wonke.+ 21  Bukhwaza ekoneni* yezitrato eziphithizelayo. Buthetha ezigeyithini zesixeko busithi:+ 22  “Kuza kude kube nini na nina bangenamava nikuthanda ukungabi namava? Kuza kude kube nini na nina bagculeli nikuthanda ukugculela? Ibe kuza kude kube nini na nina zidenge nilucaphukela ulwazi?+ 23  Samkeleni isohlwayo endininika sona.*+ Mna ndiza kuninika umoya wam;Ndiza kunazisa amazwi am.+ 24  Kuba ndakhwaza, kodwa anizange nindifune,Ndolula isandla sam, kodwa akukho mntu wandihoyayo.+ 25  Naqhubeka ningawahoyanga onke amacebiso amNisikhabela kude nesohlwayo sam. 26  Nam ke ndiza kuhleka xa nifikelwa yintlekele;Ndiza kuhlekisa ngani xa kufika izinto enizoyikayo,+ 27  Xa izinto enizoyikayo zifika kanye njengesaqhwithi,Nentlekele yenu ifika kanye njengesitshingitshane,Xa nifikelwa yintlungu naziingxaki. 28  Ngelo xesha baza kundibiza, kodwa andizukuphendula;Baza kundikhangela phantsi phezulu, kodwa abazukundifumana,+ 29  Kuba balucaphukela ulwazi,+Bakhetha ukungamoyiki uYehova.+ 30  Zange bafune ukwamkela icebiso lam;Bazidelela zonke izohlwayo zam. 31  Ngoko baza kufumana imiphumo yeendlela zabo,*+Yaye baza kuhlutha mpu ngamacebiso* abo. 32  Kuba ukungathobeli kwabangenamava kuza kubabulala,Nokungakhathali kwezidenge kuza kuzitshabalalisa. 33  Kodwa umntu ondimamelayo uza kuhlala ekhuselekile,+Aze angaphazanyiswa kukoyika intlekele.”+

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “azi.”
Okanye “ngobulungisa.”
Okanye “angakhethi buso.”
Okanye “Ukuhlonipha.”
Okanye “Ungawulahli umthetho.”
Okanye “Siza kuba nengxowa enye sonke.”
Okanye “ithathe ubomi babo.”
Ngokoqobo, “kwintloko.”
Okanye “Guqukani xa ndinohlwaya.”
Ngokoqobo, “baza kutya iziqhamo zeendlela zabo.”
Okanye “ngamaqhinga; ngamacebo.”