IMizekeliso 11:1-31
11 Izikali eziqhathayo ziyenyanyeka kuYehova,Kodwa uyasithanda isikali esichanileyo.*+
2 Ukukhukhumala kulandelwa lihlazo,+Kodwa ubulumko bobabo bathobekileyo.+
3 Ukungasoleki kwamalungisa kuyawakhokela,+Kodwa amaqhinga amaqhophololo aza kuwatshabalalisa.+
4 Ubutyebi abuzukunceda* nganto ngemini yomsindo,+Kodwa bubulungisa obuza kusindisa abantu ekufeni.+
5 Ubulungisa balowo umsulwa buyenza ilunge indlela yakhe,Kodwa umenzi-bubi uza kuwa ngenxa yobubi bakhe.+
6 Ubulungisa babantu abenza izinto ezilungileyo buza kubasindisa,+Kodwa abo benza ngobuqhophololo baza kubanjiswa yiminqweno yabo.+
7 Xa umenzi-bubi esifa, liphelela emoyeni ithemba lakhe;Nezinto ebezilindelwe ngenxa yamandla akhe ziphelela emoyeni.+
8 Ilungisa liyasindiswa entlungwini,Ize indawo yalo ithathwe ngumenzi-bubi.+
9 Ngomlomo wakhe umntu ojikele uThixo* wenzakalisa ummelwane wakhe,Kodwa wona amalungisa asindiswa lulwazi.+
10 Ukulunga kwamalungisa kuyasivuyisa isixeko,Ibe xa abenzi-bubi betshabalala, kukhalwa iinyembezi zovuyo.+
11 Ngenxa yentsikelelo yamalungisa isixeko siyadunyiswa,+Kodwa umlomo wabenzi-bubi uyasidiliza.+
12 Nabani ongayisebenzisiyo ingqondo* uyamdelela* ummelwane wakhe,Kodwa umntu ocingayo uthi cwaka.+
13 Ongcolisa amagama abantu uhamba ediza iimfihlo,+Kodwa umntu othembekileyo* uyaligcina ihlebo.*
14 Xa engekho amacebiso obulumko, bayawa abantu,Kodwa kubakho impumelelo* xa bebaninzi abacebisi.+
15 Nabani na onikela isibambiso ngenxa yento ebolekwe ngumntu angamaziyo, ziza kumhambela kakubi izinto,+Kodwa okuphephayo* ukuxhawula isandla efunga uza kukhuseleka.
16 Umfazi onesimilo* uyazukiswa,+Kodwa amadoda akhohlakeleyo athimba ubutyebi.
17 Umntu onobubele* uyazinceda,+Kodwa umntu okhohlakeleyo uzizisela iingxaki.*+
18 Umenzi-bubi ufumana umvuzo ngamaqhinga,+Kodwa otyala ubulungisa, ufumana umvuzo wokwenene.+
19 Obumelayo ubulungisa ulindelwe bubomi,+Kodwa lowo uleqa okubi ulindelwe kukufa.
20 UYehova uyabenyanya abo baneentliziyo ezigqwethekileyo,+Kodwa uyabathanda abo bangenakusoleka endleleni yabo.+
21 Qiniseka ngale nto:* Umntu ongumenzi-bubi soze angohlwaywa,+Kodwa abantwana bamalungisa baza kusinda.
22 Njengecici legolide empumlweni yehagu,Unjalo umfazi omhle kodwa engayisebenzisi ingqondo.
23 Umnqweno wamalungisa ukhokelela kwizinto ezilungileyo,+Kodwa ithemba labenzi-bubi libangela umsindo.
24 Omnye uye athande ukupha* aze agqibele enezinto ezininzi;+Omnye azigcine izinto amele ukuphisa ngazo, kodwa abe lihlwempu.+
25 Umntu onobubele uza kuphumelela;*+Nabani na ohlaziya abanye,* uza kuhlaziywa.+
26 Abantu baza kumqalekisa umntu owala nokutya okuziinkozo,Kodwa baza kumsikelela lowo ukuthengisayo.
27 Lowo ukukhuthaleleyo ukwenza okulungileyo ufuna ukuthandwa,+Kodwa lowo ufuna ububi, uza kufikelwa yiloo nto kanye.+
28 Othembela ngobutyebi bakhe uza kuwa,+Kodwa amalungisa aza kuchuma njengamahlamvu.+
29 Nabani na oyizisela iingxaki* indlu yakhe uza kufumana ilifa elingumoya;+Isidenge sona siza kuba sisicaka salowo unentliziyo yesilumko.
30 Isiqhamo selungisa ngumthi wobomi,+Nalowo uzuza imiphefumlo* sisilumko.+
31 Ukuba ilungisa elisemhlabeni liyohlwaywa,Kukangakanani ke ngomenzi-bubi nomoni!+
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “uyalithanda ilitye lokulinganisa elipheleleyo.”
^ Okanye “Izinto zexabiso azizukunceda.”
^ Okanye “umntu ongenaThixo.”
^ Ngokoqobo, “oswele intliziyo.”
^ Okanye “uyamcaphukela.”
^ Ngokoqobo, “lowo unomoya othembekileyo.”
^ Ngokoqobo, “uyawogquma umbandela.”
^ Okanye “usindiso.”
^ Ngokoqobo, “okucaphukelayo.”
^ Okanye “onomtsalane.”
^ Okanye “onothando olungagungqiyo.”
^ Okanye “ihlazo.”
^ Ngokoqobo, “Isandla esandleni.”
^ Ngokoqobo, “asasaze.”
^ Ngokoqobo, “kutyetyiswa.”
^ Ngokoqobo, “onkcenkceshela abanye ngesisa.”
^ Okanye “ihlazo.”
^ Funda Ingcaciso Yamagama.