IMizekeliso 13:1-25

  • Abantu abafuna amacebiso bazizilumko (10)

  • Ithemba elibanjezelweyo ligulisa intliziyo (12)

  • Umthunywa othembekileyo uyaphilisa (17)

  • Ukuhamba nezilumko kwenza umntu abe sisilumko (20)

  • Ukuqeqesha yindlela yokubonisa uthando (24)

13  Unyana osisilumko uyayamkela ingqeqesho katata wakhe,+Kodwa osileyo akeva xa ekhalinyelwa.*+   Ngesiqhamo samazwi akhe,* umntu uza kutya izinto ezilungileyo,+Kodwa eyona nto ithandwa ngabantu abanamaqhinga bubundlobongela.   Ogada umlomo wakhe* ukhusela ubomi bakhe,+Kodwa oyivula banzi imilebe yakhe uza kwenzakala.+   Umntu olivila uyarhala, abe engenanto,+Kodwa okhutheleyo uza kwanela ngokupheleleyo.*+   Ilungisa liyabucaphukela ubuxoki,+Kodwa izenzo zomenzi-bubi ziza neentloni kunye nehlazo.   Ubulungisa buyamkhusela umntu omsulwa,+Kodwa izinto ezimbi ziyamthoba umoni.   Kukho ozenza ngathi sisityebi, abe engenanto;+Kubekho nozenza ihlwempu, kanti sisinhanha.   Ubutyebi buhlawulela ubomi bomntu,+Kodwa amahlwempu awoyiki nto.*+   Ukukhanya kwamalungisa kuqaqambile,*+Kodwa isibane sabenzi-bubi siza kucinywa.+ 10  Ukuzigqatsa kuyaxabanisa,+Kodwa ubulumko bobabantu abafuna amacebiso.*+ 11  Ubutyebi obufunyanwa msinya* buphelela emoyeni,+Kodwa ubutyebi obuqokelelwa kancinci kancinci* buyanda. 12  Ithemba* elibanjezelweyo ligulisa intliziyo,+Kodwa umnqweno ozalisekileyo ungumthi wobomi.+ 13  Nabani na owucaphukelayo umyalelo* uza kuhlawuliswa,+Kodwa othobela umthetho uza kuvuzwa.+ 14  Ukufundiswa sisilumko* ngumthombo wobomi,+Ukuze umntu asindiswe kwimigibe yokufa. 15  Umntu oyisebenzisa kakuhle ingqondo uyathandeka,Kodwa indlela yabanamaqhinga inamagingxi-gingxi. 16  Umntu osisilumko wenza izinto ngokwazi,+Kodwa isidenge sidiza ubudenge baso.+ 17  Umthunywa ongathembekanga ungena engxakini,+Kodwa umthunywa othembekileyo uyaphilisa.+ 18  Nabani na ongayikhathalelanga ingqeqesho uba lihlwempu aze ahlazeke,Kodwa okwamkelayo ukulungiswa* uyazukiswa.+ 19  Kumnandi emntwini xa efumana into ayinqwenelayo,+Kodwa abenzi-bubi abafuni kusuka ezintweni ezimbi.+ 20  Ohamba nezilumko uza kuba sisilumko,+Kodwa osebenzisana nezidenge uza kungena engxakini.+ 21  Aboni baleqwa yintlekele,+Kodwa amalungisa avuzwa ngempumelelo.+ 22  Umntu olungileyo ubashiyela ilifa abazukulwana bakhe,Kodwa ubutyebi bomoni bugcinelwa ilungisa.+ 23  Umhlaba olinyiweyo wehlwempu uvelisa ukutya okuninzi,Kodwa kungatshayelwa kuphele* ngenxa yokungabikho kobulungisa. 24  Nabani na ongayisebenzisiyo intonga* uyamcaphukela unyana wakhe,+Kodwa omthandayo ukukhuthalele ukumqeqesha.*+ 25  Ilungisa litya lanele,+Kodwa isisu somenzi-bubi asinanto.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “elungiswa.”
Ngokoqobo, “somlomo wakhe.”
Okanye “amazwi akhe.”
Ngokoqobo, “uza kutyetyiswa.”
Ngokoqobo, “awakhalinyelwa.”
Ngokoqobo, “kuyavuya.”
Okanye “abacebisanayo.”
Okanye “obuphuma kwilize.”
Ngokoqobo, “ngesandla.”
Okanye “Ulindelo.”
Okanye “olicaphukelayo ilizwi.”
Okanye “Umthetho wesilumko.”
Okanye “osamkelayo isohlwayo.”
Okanye “angatshayelwa aphele.”
Okanye “ingqeqesho; isohlwayo.”
Okanye kusenokwenzeka, “umqeqesha ngokukhawuleza.”