IMizekeliso 15:1-33
15 Impendulo ezolileyo* iphelisa umsindo,+Kodwa ilizwi elirhabaxa* liyawunyusa.+
2 Ulwimi lwezilumko lulusebenzisa kakuhle ulwazi,+Kodwa umlomo wezidenge umpompoza ubuyatha.
3 Amehlo kaYehova akuyo yonke indawo,Ajonge abenzi-bubi nabalungileyo.+
4 Ukuzola kolwimi* ngumthi wobomi,+Kodwa amazwi agqwethiweyo ayakhathaza.
5 Isidenge asiyihloniphi ingqeqesho katata waso,+Kodwa isilumko siyavuma xa silungiswa.*+
6 Endlini yelungisa kukho ubutyebi obuninzi,Kodwa imveliso* yomenzi-bubi imzisela iingxaki.+
7 Imilebe yezilumko isasaza ulwazi,+Kodwa intliziyo yesidenge ayiyenzi loo nto.+
8 Umbingelelo wabenzi-bubi uyenyanyeka kuYehova,+Kodwa uyawuthanda umthandazo wamalungisa.+
9 UYehova uyayicaphukela indlela yomenzi-bubi,+Kodwa uyamthanda lowo ufuna ubulungisa.+
10 Ingqeqesho ibonakala imbi* kumntu oshiya indlela elungileyo,+Kodwa nabani na osicaphukelayo isohlwayo uza kufa.+
11 UYehova ulibona kakuhle ingcwaba* nendawo yentshabalalo.*+
Kukangakanani ke ngeentliziyo zabantu!+
12 Umntu osileyo akamthandi umntu omlungisayo.*+
Akazukufuna cebiso kwizilumko.+
13 Intliziyo evuyayo imenza adlamke umntu,Kodwa intliziyo ebuhlungu iyamdimaza.+
14 Intliziyo enokuqonda ifuna ulwazi,+Kodwa umlomo wezidenge waneliswa bubuphukuphuku.*+
15 Yonke imihla yomntu osentlungwini mibi,+Kodwa onentliziyo evuyayo* uhlala enetheko.+
16 Kubhetele ukuba nezinto ezimbalwa usoyika uYehova+Kunokuba sisinhanha esinamaxhala.*+
17 Kubhetele ukutya imifuno apho kukho uthando+Kunokutya inkomo etyetyisiweyo* apho kukho inzondo.+
18 Umntu okhawulezayo ukuba nomsindo uvusa ingxabano,+Kodwa ongakhawuleziyo ukucaphuka uyayiphelisa.+
19 Indlela yevila injengothango lwameva,+Kodwa eyamalungisa injengohola wendlela othe tyaba.+
20 Unyana osisilumko uyamvuyisa utata wakhe,+Kodwa umntu osisidenge uyamdelela umama wakhe.+
21 Ubudenge buyamvuyisa umntu ongayisebenzisiyo ingqondo,*+Kodwa umntu ocingayo uya ngqo phambili.+
22 Amacebo aphelela emoyeni xa kungacetyiswana,*Kodwa ininzi into ephunyezwayo xa bebaninzi abacebisi.+
23 Umntu uyavuya xa ephendule kakuhle,*+Ibe alisemnandi nje ilizwi elithethwa ngexesha elifanelekileyo!+
24 Umntu osebenzisa ingqondo unyuka kwindlela esa ebomini,+Emenza akuphephe ukwehlela engcwabeni.*+
25 UYehova uza kuyichitha indlu yabanekratshi,+Kodwa uza kuwukhusela umda womhlolokazi.+
26 UYehova uyawenyanya amaqhinga omenzi-bubi,+Kodwa amazwi amnandi asulungekile kuye.+
27 Owenza ingeniso ngamaqhinga uyizisela iingxaki* indlu yakhe,+Kodwa okucaphukelayo ukunyotywa uza kuqhubeka ephila.+
28 Intliziyo yelungisa iyacingisisa ngaphambi kokuba iphendule,*+Kodwa umlomo wabenzi-bubi ukhupha izinto ezimbi.
29 UYehova ukude lee kubenzi-bubi,Kodwa uyawuva umthandazo wamalungisa.+
30 Amehlo aqaqambileyo avuyisa* intliziyo;Ingxelo entle iyawahlaziya* amathambo.+
31 Umntu osamkelayo isohlwayo esinika ubomiUhlala phakathi kwezilumko.+
32 Nabani na ongayifuniyo ingqeqesho uyabucaphukela ubomi bakhe,*+Kodwa osamkelayo isohlwayo ufumana ubulumko.*+
33 Ukoyika uYehova kufundisa ubulumko,+Ibe ngaphambi kozuko kukho ukuthobeka.+
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “ethantamisayo.”
^ Okanye “elibuhlungu.”
^ Okanye “Ulwimi oluphilisayo.”
^ Okanye “sisohlwaywa.”
^ Okanye “ingeniso.”
^ Okanye “iqatha.”
^ Funda Ingcaciso Yamagama.
^ Okanye “neAbhadon.”
^ Okanye “omohlwayayo.”
^ Okanye “ufuna ubuphukuphuku.”
^ Okanye “elungileyo.”
^ Okanye “esinesiphithi-phithi.”
^ Ngokoqobo, “eyondliwe emkhumbini.”
^ Okanye “oswele intliziyo.”
^ Okanye “kungagqugulwa.”
^ Ngokoqobo, “uyavuyiswa yimpendulo yomlomo wakhe.”
^ Funda Ingcaciso Yamagama.
^ Okanye “ihlazo.”
^ Okanye “iyayicingisisa indlela yokuphendula.”
^ Ngokoqobo, “iyawatyebisa.”
^ Okanye “Ukujongwa ngumntu encumile kuvuyisa.”
^ Okanye “uyawucaphukela umphefumlo wakhe.”
^ Ngokoqobo, “intliziyo.”