IMizekeliso 17:1-28
17 Kubhetele ukutya isonka esomileyo kwindawo enoxolo*+Kunokuba sendlini enokutya okuninzi* kunye nengxabano.+
2 Isicaka esinengqondo siza kumlawula unyana owenza okuziintloni;Siza kufumana ilifa njengabanye oonyana.
3 Imbiza inyibilikisa isilivere, iziko lomlilo linyibilikise igolide,+Kodwa yena uYehova uhlola iintliziyo.+
4 Umenzi-bubi umamela intetho eyenzakalisayo,Nomntu oqhathayo umamela ulwimi olunyelisayo.+
5 Ohlekisa ngehlwempu uthuka uMenzi walo,+Noyivuyelayo intlekele eyehlela omnye umntu soze asinde ekohlwayweni.+
6 Abazukulwana basisithsaba sootatomkhulu babo,Bona ootata* baluzuko loonyana* babo.
7 Amazwi obulumko* awasifanelanga isidenge.+
Aya kubeka phi ke ukungamfaneli umlawuli* amazwi obuxoki!+
8 Isipho sinjengelitye elixabisekileyo* kumniniso;+Naphi na apho aya khona, simenza aphumelele.+
9 Oxolelayo* xa oniwe ufuna uthando,+Kodwa osoloko ekhalaza wahlukanisa abahlobo abasenyongweni.+
10 Ukukhalinyelwa kuyamakha umntu onengqondo+Kunokuba imivumbo elikhulu injalo kwisidenge.+
11 Umenzi-bubi ufuna ububi kuphela,Kodwa kuza kuthunyelwa umntu okhohlakeleyo ukuba amohlwaye.+
12 Kubhetele ukudibana nebhere eloxuthelwe amatholeKunokudibana nesidenge sisenza ubudenge.+
13 Ukuba umntu uphindezela okuhle ngokubi,Soze yahlukane nelishwa indlu yakhe.+
14 Ukuqala umlo kufana nokuvula umnyango wezikhukula;*Ngoko hamba ingekaqali ingxabano.+
15 Nabani na okhulula umenzi-bubi etyaleni, nogweba ilungisa,+Bobabini bayenyanyeka kuYehova.
16 Kunceda ntoni ukuba isidenge sikwazi ukufumana ubulumkoSibe singenangqondo?*+
17 Umhlobo wokwenene uthanda ngamaxesha onke,+Ibe ungumzalwana onokuthembela kuye ngamaxesha anzima.+
18 Umntu ongayisebenzisiyo ingqondo* uxhawula ngesandla,Aze avume ukukhupha isibambiso ukuze amele ityala lommelwane wakhe.+
19 Othanda ingxabano uthanda isono.+
Nabani na oziphakamisayo uzibizela ukuwa.+
20 Onentliziyo egqwethekileyo akazukuphumelela,*+Nothetha inkohliso uza kungena enkathazweni.
21 Ozala umntwana osisidenge uza kuba sentlungwini;Notata womntwana ongenangqondo soze onwabe.+
22 Intliziyo evuyayo iliyeza,*+Kodwa umoya ophantsi utheza amandla.*+
23 Umenzi-bubi uthatha isinyobo engabonwa*Aze agqwethe ubulungisa.+
24 Umntu oqondayo uzikhathaza ngokufuna ubulumko,Kodwa amehlo esidenge alaqaza kwezona ndawo zikude zomhlaba.+
25 Unyana osisidenge umenza buhlungu utata wakhe,Amenzele intliziyo ebuhlungu* lowo wamzalayo.+
26 Akulunganga ukohlwaya* ilungisa,Kungalunganga nokubetha abantu abahloniphekileyo.
27 Umntu onolwazi uyawabamba amazwi akhe,+Nomntu oqondayo uhlala ezolile.*+
28 Kwanesidenge xa sithe cwaka, kuza kuthiwa sisilumko,Novala imilebe yakhe, kuza kuthiwa uyaqonda.
Umbhalo osemazantsi
^ Ngokoqobo, “enemibingelelo emininzi.”
^ Okanye “ethuleyo.”
^ Okanye “abazali.”
^ Okanye “lwabantwana.”
^ Okanye “ukungasifaneli isikhulu.”
^ Okanye “afanelekileyo.”
^ Okanye “elivuyisayo.”
^ Ngokoqobo, “Owogqumayo.”
^ Okanye “nokuvula idama.” Ngokoqobo, “nokuvulela amanzi.”
^ Ngokoqobo, “singenantliziyo yokubufumana?”
^ Ngokoqobo, “oswele intliziyo.”
^ Ngokoqobo, “akazukulungelwa.”
^ Okanye “womisa amathambo.”
^ Okanye “iyaphilisa.”
^ Ngokoqobo, “esifubeni.”
^ Ngokoqobo, “Amenze krakra.”
^ Okanye “ukuhlawulisa.”
^ Ngokoqobo, “enomoya opholileyo.”