IMizekeliso 26:1-28
26 Njengekhephu ehlotyeni nemvula ngexesha lokuvuna,Lunjalo uzuko ukungasifaneli isidenge.+
2 Kanye njengokuba intaka inesizathu sokubhabha nenkonjane inesizathu sokuphaphazela,Nomntu akaqalekiswa ngaphandle kwesizathu.
3 Isabhokhwe sesehashe, umkhala ngowedonki,+Yona intonga yeyomqolo wezidenge.+
4 Sukusiphendula isidenge ngobudenge baso,Ukuze ungafani* naso.
5 Siphendule isidenge ngobudenge baso,Ukuze singacingi ukuba silumkile.+
6 Unjengomntu owenzakalisa iinyawo zakhe aze aqhwalele*Umntu othemba isidenge.
7 Linjengemilenze etyokololo* yesiqhwalaIqhalo elisemlonyeni wezidenge.+
8 Kunjengokubopha ilitye kwisilingiUkuzukisa isidenge.+
9 Linjengesityalo esinameva esandleni senxilaIqhalo elisemlonyeni wezidenge.
10 Unjengomtoli odubula aze enzakalise nabani naUmntu oqesha isidenge okanye abantu nje abadlulayo.
11 Kanye njengenja ebuyela emhlanzweni wayo,Sinjalo isidenge ukuphinda ubudenge baso.+
12 Wakha wambona na umntu ocinga ukuba usisilumko?+
Kukho ithemba ngakumbi ngesidenge kunaye.
13 Ivila lithi: “Kukho ingonyama endleleni,Ingonyama kwindawo kawonke-wonke!”+
14 Oku kocango oluvuleka luvaleke kwiihenjisi zalo,Linjalo ivila ukuziqika-qika ebhedini yalo.+
15 Ivila lisifaka sitshone isandla kwisitya esinokutya,Kodwa liyonqena ukusikhupha lisise emlonyeni.+
16 Ivila licinga ukuba lilumke ngakumbiKunabantu abasixhenxe abaphendula into ebhadlileyo.
17 Unjengomntu othi nqaku inja ngeendlebeUmntu othi edlula suke abe nomsindo ngengxabano* engafuni yena.+
18 Unjengomntu ophambeneyo odubula ngeentolo zomlilo ezibulalayo
19 Umntu oqhatha ummelwane wakhe aze athi, “Bendidlala!”+
20 Xa zingekho iinkuni, uyacima umlilo,Naxa engekho umntu ongcolisa amagama abanye, iyaphela ingxabano.+
21 Unjengamalahle neenkuni zokuphemba umliloUmntu oqala ingxabano.+
22 Amazwi omntu ongcolisa amagama abanye anjengentwana yokutya okumnandi;*Abimbilizwa ayokutsho ngqo esiswini.+
23 Anjengesitya sodongwe esogqunywe ngesilivereAmazwi amnandi* aphuma kwintliziyo embi.+
24 Umntu obacaphukelayo abanye uyayifihla loo nto ngezinto azithethayo,Kodwa ngaphakathi abe efukame ubuxoki.
25 Nangona ethetha kamnandi, ungaze umthembe,Kuba kukho izinto ezisixhenxe ezenyanyekayo entliziyweni yakhe.*
26 Nangona eyifihle ngamaqhinga inzondo yakhe,Inkohlakalo yakhe yona iza kubhencwa ebandleni.
27 Umntu owemba umngxuma, uza kweyela kuwo,Nalowo uqengqa ilitye, liza kubuyela kuye.+
28 Ulwimi oluxokayo luyabacaphukela abo lubatyumzayo,Nomlomo oqhathayo uzisa intlekele.+
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “ungalingani.”
^ Ngokoqobo, “osela ubundlobongela.”
^ Okanye “elengalengayo.”
^ Okanye “agxuphuleke kwingxabano.”
^ Okanye “anjengezinto eziginywa ngokunyoluka.”
^ Okanye “emilebe evuthayo.”
^ Okanye “Kuba yenyanyeka ngokupheleleyo intliziyo yakhe.”