IMizekeliso 8:1-36
8 Abumemezi na ubulumko?
Akukhwazi na ukuqonda?+
2 Buma phezulu+ ngasendleleni,Apho zidibana khona iindlela.
3 Buma ecaleni kweegeyithi zesixeko,Buma ngasemnyango,Bukhwaza busithi:+
4 “Ndithetha nani nonke;Ndikhwaza ndibhekisa kumntu wonke.*
5 Nina bangenamava, fundani ubulumko;+Nina zidenge, funani intliziyo eqondayo.*
6 Mamelani, kuba ibalulekile le nto ndiyithethayo,Imilebe yam ithetha izinto ezilungileyo;
7 Kuba umlomo wam utsholo phantsi uthetha inyaniso,Nemilebe yam iyayicaphukela into embi.
8 Onke amazwi omlomo wam alungile.
Akukho nalinye kuwo elijijekileyo okanye eligqwethekileyo.
9 Onke acacile kumntu ocingayo,Yaye alungile kwabo bafumene ulwazi.
10 Thathani ingqeqesho yam endaweni yesilivere,Nolwazi endaweni yegolide yodidi,+
11 Kuba ubulumko bubhetele kuneekorale;*Zonke ezinye izinto ezithandwayo azinakuthelekiswa nabo.
12 Mna, bulumko, ndihleli nokuqonda;Ndifumene ulwazi namandla okucinga.+
13 Ukoyika uYehova kuthetha ukucaphukela ububi.+
Ndiyakucaphukela ukuziphakamisa, ikratshi,+ indlela yobubi nokuthetha izinto ezijijekileyo.+
14 Ndinamacebiso amahle nobulumko;+Ukuqonda+ namandla+ zizinto zam.
15 Ookumkani balawula ngam,Namagosa aphakamileyo, ebeka imithetho yobulungisa nje, ndim.+
16 Iinkosana zilawula ngam,Nezikhulu, zigweba ngobulungisa nje, ndim lo.
17 Ndiyabathanda abo bandithandayo,Nabo bandikhangelayo baza kundifumana.+
18 Ubutyebi nozuko zezam,Ubutyebi obungapheliyo* nobulungisa.
19 Isiqhamo sam sibhetele kunegolide, nditsho negolide esulungekisiweyo,Nemveliso yam ibhetele kuneyona silivere yodidi.+
20 Ndihamba endleleni yobulungisa,Phakathi kwiindlela zokusesikweni;*
21 Ndibanika ilifa elikhulu abo bandithandayo,Ndigcwalise noovimba babo.
22 UYehova wandivelisa ndasisiqalo sendlela yakhe,+Owokuqala kwizinto awazenzayo kwakudala.+
23 Ndabekwa kwakudala,*+Ukususela ekuqaleni, kumaxesha angaphambi kokubakho komhlaba.+
24 Ndazalwa* engekabikho amanzi anzulu,+Ingekabikho imithombo empompoza amanzi.
25 Ndazalwa ngaphambi kokubekwa kweentaba,Ngaphambi kokubakho kweenduli,
26 Engekawenzi umhlaba namathafa awoNamagada okuqala omhlaba.
27 Xa wayelungisa amazulu,+ ndandikhona;Xa wayebeka imida* yamanzi,+
28 Xa wayebeka* amafu phezulu,Xa wayesenza imithombo yamanzi,
29 Xa wayebekela ulwandle imithethoYokuba amanzi alo angadluleli ngaphaya komda awubekileyo,+Xa wayebeka iziseko* zomhlaba,
30 Ndandisecaleni kwakhe ndingumsebenzi onobuchule.+
Wayendithanda ngokukhethekileyo+ yonke imihla;Lonke elo xesha ndonwabile phambi kwakhe;+
31 Ndavuya xa ndibona umhlaba wakhe ekunokuphilwa kuwo,Ibe ndandibathanda ngokukhethekileyo oonyana babantu.*
32 Ngoku ke bonyana bam, ndimameleni;Bonwabile abo bazigcinayo iindlela zam.
33 Yimameleni ingqeqesho+ nize nibe zizilumko,Yaye ningaze niyishiye.
34 Wonwabile umntu ondimamelayoNgokufika kwangoko* kwiminyango yam yonke imihla,Ngokulinda ngasemigubasini yeminyango yam;
35 Kuba lowo undifumanayo uza kufumana ubomi,+Aze amkelwe nguYehova.
36 Kodwa lowo ungandihoyiyo uyazenzakalisa,Yaye abo bandicaphukelayo bathanda ukufa.”+
Umbhalo osemazantsi
^ Ngokoqobo, “koonyana babantu.”
^ Ngokoqobo, “qondani intliziyo.”
^ Funda Ingcaciso Yamagama.
^ Okanye “Ilifa lezinto ezixabisekileyo.”
^ Okanye “zobulungisa.”
^ Okanye “ukususela kwixesha elingenakwaziwa.”
^ Okanye “Ndazalwa ngenimba.”
^ Ngokoqobo, “imida erawundi.”
^ Ngokoqobo, “wayeqinisa.”
^ Okanye “umthetho weziseko.”
^ Okanye “abantu.”
^ Okanye “Ngokuhlala ethe qwa.”