IiNdumiso 103:1-22
EkaDavide.
103 Mandimdumise* uYehova;Mandilidumise ngentliziyo yam yonke igama lakhe elingcwele.
2 Mandimdumise* uYehova;Kwanga ndingangaze ndizilibale zonke izinto azenzileyo.+
3 Yena uxolela zonke iziphoso zakho+Ibe uphelisa zonke iintlungu onazo;+
4 Usindisa ubomi bakho emngxunyeni*+Aze akuthi jize ngothando lwakhe olungagungqiyo nenceba.+
5 Ukwanelisa ngezinto ezintle+ ubomi bakho bonke,Ukuze uhlale umtsha, ungumqaba-qaba okokhozi.+
6 UYehova ubaphatha ngobulungisa+ nangokusesikweni*Bonke abo bacinezelwayo.+
7 Wamazisa uMoses iindlela zakhe,+Wabazisa noonyana bakaSirayeli ngezenzo zakhe.+
8 UYehova unenceba ibe uyabavela abantu,*+Ucaphuka kade ibe uphuphuma luthando olungagungqiyo.+
9 Akazukusoloko ejonga iimpazamo,+Engazukuhlala ecaphukile ngonaphakade.+
10 Akenzanga kuthi ngokwezono zethu,+Engasohlwayanga nangokweziphoso zethu.+
11 Kuba uthando lwakhe olungagungqiyo luyaphuphuma kwabo bamoyikayo,Lukhulu njengokuphakama kwamazulu kunomhlaba.+
12 Uzibhekelisele kude nathi izono zethu,Njengokuba kude kwempumalanga entshonalanga.+
13 UYehova ubenzele inceba abo bamoyikayo,Njengoko utata ebenzela inceba oonyana bakhe.+
14 Kuba yena uyakwazi ukubunjwa kwethu,+Ekhumbula ukuba siluthuli.+
15 Yena ke umntu, imihla yakhe injengeyengca;+Uyachuma njengentyatyambo yasendle.+
16 Kodwa xa kuvuthuza umoya, iyabuna,Ithi shwaka ngathi khange ibekho.*
17 Kodwa uthando olungagungqiyo lukaYehova luhlala ngonaphakade*Kwabo bamoyikayo,+Nobulungisa bakhe kubantwana babantwana babo,+
18 Kwabo bagcina isivumelwano sakhe+Nakwabo bayithobela ngokupheleleyo imiyalelo yakhe.
19 UYehova uyizinzisile itrone yakhe emazulwini;+Nobukumkani bakhe bulawula phezu kwayo yonke into.+
20 Mdumiseni uYehova, nina zingelosi zakhe+ zinamandla,Ezimthobelayo+ zize zenze ngokwelizwi lakhe.*
21 Mdumiseni uYehova, nonke nina mikhosi yakhe,+Nina nenza ukuthanda kwakhe.+
22 Mdumiseni uYehova, nonke nina zidalwa zakhe,Kuzo zonke iindawo alawula kuzo.*
Mandimdumise uYehova ngentliziyo yam yonke.*
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “Umphefumlo wam mawumdumise.”
^ Okanye “Umphefumlo wam mawumdumise.”
^ Okanye “engcwabeni.”
^ Okanye “nangobulungisa.”
^ Okanye “nobubele.”
^ Ngokoqobo, “Ingasaziwa nayindawo yayo.”
^ Okanye “ngonaphakade kanaphakade.”
^ Ngokoqobo, “zize zive ilizwi lakhe.”
^ Okanye “zolawulo lwakhe.”
^ Okanye “ngomphefumlo wam wonke.”