IiNdumiso 113:1-9
113 Dumisani uYa!*
Mdumiseni, nina bakhonzi bakaYehova,Dumisani igama likaYehova.
2 Kwanga lingadunyiswa igama likaYehovaNgoku nangonaphakade.+
3 Malidunyiswe igama likaYehova,Ukususela ekuphumeni kwelanga ukuya ekutshoneni kwalo.+
4 UYehova uphakame ngaphezu kweentlanga zonke;+Uzuko lwakhe luphakame ngaphezu kwamazulu.+
5 Ngubani onjengoYehova uThixo wethu,+Yena ohlala* phezulu?
6 Uyagoba ukuze ajonge ezulwini nasemhlabeni,+
7 Avuse ongenanto eluthulini.
Uphakamisa ihlwempu eluthuthwini*+
8 Ukuze alihlalise nezikhulu,Nezikhulu zabantu bakhe.
9 Unika umfazi ongafumani bantwana ikhayaAbe ngumama owonwabileyo nonabantwana.*+
Dumisani uYa!*
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “Haleluya!” “UYa” ligama elishunqulelweyo likaYehova.
^ Okanye “ohleli etroneni.”
^ Okanye kusenokwenzeka, “enkunkumeni.”
^ Ngokoqobo, “nonoonyana.”
^ Okanye “Haleluya!” “UYa” ligama elishunqulelweyo likaYehova.