IiNdumiso 126:1-6

  • Kuyavuywa xa iZiyon ibuyiselwa

    • ‘UYehova wenze izinto ezinkulu’ (3)

    • Ukulila kujika kube luvuyo (5, 6)

Ingoma Yokunyuka. 126  Xa uYehova wabuyisa abathinjwa baseZiyon,+Sasicinga ukuba siyaphupha.   Ngelo xesha sasihleka kumnandi,Kukhwazwa kuvuywa.+ Ngelo xesha neentlanga zancoma zathi: “UYehova ubenzele izinto ezinkulu.”+   UYehova usenzele izinto ezinkulu,+Ngoko sivuya kakhulu.   Owu Yehova, sicela ubuyise abathinjwa bethu,Njengemisinga yaseNegebhi.   Abo batyala imbewu ngeenyembeziBaza kuvuna bevuya.   Nalowo uphuma elila,Ethwele ingxowa egcwele imbewu,Ngokuqinisekileyo uza kubuya evuya,+Ethwele izithungu zakhe.+

Umbhalo osemazantsi