IiNdumiso 147:1-20

  • Ukudumisa imisebenzi kaThixo yothando namandla akhe

    • Upholisa iintliziyo ezibuhlungu (3)

    • Uzibiza ngamagama iinkwenkwezi (4)

    • Uwisa ikhephu njengoboya (16)

147  Dumisani uYa!* Yinto entle ukumdumisa ngengoma* uThixo wethu;Kumnandi ibe kufaneleke nyhani ukumdumisa!+   UYehova wakha iYerusalem;+Uqokelela onke amaSirayeli asasazekileyo.+   Upholisa iintliziyo ezibuhlungu;Ubopha amanxeba.   Ubala inani leenkwenkwezi;Zonke uzibiza ngamagama.+   Ubukhulu namandla eNkosi yethu azinakuthelekiswa nanto!+Ubulumko bayo abunamda.+   UYehova uyabaphakamisa abalulamileyo,+Kodwa uziphosa phantsi izikhohlakali.   Mbuleleni ngengoma uYehova;Mdumiseni ngengoma uThixo wethu, nidlala uhadi,   Lowo uwathi wambu ngamafu amazulu,Lowo unisa imvula emhlabeni,+Lowo uhlumisa ingca+ ezintabeni.   Upha izilwanyana ukutya,+Upha amantshontsho ehlungulu akhalayo.+ 10  Akawahoyanga amandla ehashe;+Engayiboneli ntweni nemilenze eyomeleleyo yomntu.+ 11  UYehova uyabathanda abo bamoyikayo,+Abo bathembele kuthando lwakhe olungagungqiyo.+ 12  Mzukise uYehova Yerusalem. Mdumise uThixo wakho Ziyon. 13  Uwenza omelele amasango esixeko sakho;Uyabasikelela oonyana bakho. 14  Wenza kubekho uxolo kummandla wakho;+Ukwanelisa ngengqolowa yodidi.*+ 15  Uthumela umyalelo wakhe emhlabeni;Ilizwi lakhe likhawuleza lifike. 16  Uwisa ikhephu njengoboya;+Usasaza iqabaka njengothuthu.+ 17  Unisa isichotho* njengamaqhekeza esonka.+ Ngubani onokumelana nengqele yakhe?+ 18  Ngelizwi nje, utsho zinyibilike. Uvuthuzisa umoya, kuze kuqukuqele amanzi.+ 19  Unika uYakobi umyalelo wakhe,USirayeli imithetho nezigwebo zakhe.+ 20  Akayenzanga loo nto kwezinye iintlanga;+Azazi nto ngezigwebo zakhe. Dumisani uYa!*+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “Haleluya!” “UYa” ligama elishunqulelweyo likaYehova.”
Okanye “ukumqambela ingoma.”
Ngokoqobo, “etyebileyo.”
Okanye “umkhenkce.”
Okanye “Haleluya!” “UYa” ligama elishunqulelweyo likaYehova.