IiNdumiso 16:1-11
I-miktam* kaDavide.
16 Ndicela undikhusele Thixo, kuba ndibalekele kuwe.+
2 Ndithe kuYehova: “UnguYehova, uMthombo wam wezinto ezilungileyo.
3 Nabo bangcwele abasemhlabeni,Abo bazizikhulu, bandenza ndonwabe kakhulu.”+
4 Abo barhorhozela emva kwabanye oothixo bazongezela nje iintlungu.+
Soze ndiyigalele iminikelo yabo yegazi eselwayo,Ndingasoze ndithethe nokuthetha ngabo.+
5 UYehova sisahlulo sam, isabelo endisinikiweyo+ nendebe yam.+
Wena undigadela ilifa lam.
6 Ndabelwe iindawo ezindonwabisayo.
Ndilivuyela nyhani ilifa lam.+
7 Ndiza kumdumisa uYehova, ondicebisileyo.+
Ezona ngcinga zam zinzulu* ziyandilungisa nasezinzulwini zobusuku.+
8 UYehova uhlala ephambi kwam.+
Ekubeni engasekunene kwam, soze ndigungqiswe.*+
9 Ngoko ke intliziyo yam iyavuya, ndonwabe ngokupheleleyo.
Ibe ndikhuselekile.*
10 Kuba awuzukundishiya engcwabeni.*+
Awuzukumvumela lowo ukukhonza ngokungagungqiyo ukuba abone umngxuma.*+
11 Undazisa indlela yobomi.+
Konwatywa kakhulu apho ukhoyo;*+
Kuvuywa* ngonaphakade ngakwisandla sakho sasekunene.
Umbhalo osemazantsi
^ Funda Ingcaciso Yamagama.
^ Okanye “ezona mvakalelo zam zinzulu.” Ngokoqobo, “izintso zam.”
^ Okanye “soze ndigxadazele (ndihambe nzima).”
^ Okanye “umzimba wam ukhuselekile.”
^ Funda Ingcaciso Yamagama.
^ Okanye kusenokwenzeka, “abone ukonakala.”
^ Ngokoqobo, “ebusweni bakho.”
^ Okanye “Kuba mnandi.”