IiNdumiso 25:1-22
EkaDavide.
א [Aleph]
25 Owu Yehova, ndizinikela kuwe.
ב [Beth]
2 Thixo wam, ndithembele kuwe;+Ungandivumeli ndihlazeke.+
Ungazivumeli iintshaba zam zindivuyelele.+
ג [Gimel]
3 Ngokuqinisekileyo akukho namnye kwabo bathembela kuwe oza kuhlazeka,+Kodwa baza kudana abo benza amaqhinga kungekho sizathu.+
ד [Daleth]
4 Ndazise iindlela zakho, Yehova;+Ndifundise iindlela zakho.+
ה [He]
5 Ndihambise enyanisweni yakho uze undifundise,+Kuba unguThixo ongumsindisi wam.
ו [Waw]
Imini yonke ndithembela kuwe.
ז [Zayin]
6 Owu yhini Yehova, yikhumbule inceba yakho nothando lwakho olungagungqiyo,+Nokuba ubusoloko ubathanda abantu bakho.*+
ח [Heth]
7 Ungazikhumbuli izono zobutsha bam neziphoso zam.
Ndikhumbule ngothando lwakho olungagungqiyo,+Ngenxa yokulunga kwakho, Yehova.+
ט [Teth]
8 Ulungile yaye ulilungisa uYehova.+
Yiyo le nto exelela aboni indlela amabaphile ngayo.+
י [Yod]
9 Uza kubakhokela kwindlela elungileyo abo balulamileyo,+Ibe uza kubafundisa indlela yakhe.+
כ [Kaph]
10 Zonke iindlela zikaYehova zezothando olungagungqiyo nokuthembekaKwabo bagcina isivumelwano+ nezikhumbuzo zakhe.+
ל [Lamed]
11 Ngenxa yegama lakho, owu yhini Yehova,+Sixolele isiphoso sam, nangona sisikhulu.
מ [Mem]
12 Ngubani owoyika uYehova?+
Uza kumfundisa indlela amele ayikhethe.+
נ [Nun]
13 Uza kulungelwa zizinto,+Nenzala* yakhe iza kufumana umhlaba.+
ס [Samekh]
14 Ngabo bamoyikayo uYehova abanokuba ngabahlobo bakhe abasondeleyo,+Ibe ubenza basazi isivumelwano sakhe.+
ע [Ayin]
15 Amehlo am ahlala ejonge kuYehova,+Kuba nguye oza kukhulula iinyawo zam emnatheni.+
פ [Pe]
16 Ndicela ujonge ngakum, undibonise ububele,Kuba ndindedwa yaye andikwazi kuzinceda.
צ [Tsade]
17 Iintlungu zentliziyo yam zandile;+Ndikhulule kwintlungu yam.
ר [Resh]
18 Yibone inkxwaleko nentlungu yam,+Uze uzixolele zonke izono zam.+
19 Yibone indlela ezininzi ngayo iintshaba zam,Nendlela ezindikhohlakalele ngayo.
ש [Shin]
20 Bugade ubomi bam, undisindise.+
Ungandivumeli ndihlazeke, kuba ndibalekele kuwe.
ת [Taw]
21 Kwanga ndingakhuselwa kukungasoleki nabubulungisa,+Kuba ndithembele kuwe.+
22 Owu Thixo, msindise uSirayeli kuyo yonke intlungu yakhe.