IiNdumiso 32:1-11
EkaDavide. IMaskili.*
32 Wonwabile lowo ubuxolelweyo ububi abenzileyo, waxolelwa* nesono sakhe.+
2 Wonwabile umntu ongabekwa tyala nguYehova,+Ongenayo kwaphela inkohliso.
3 Ndathi ndakuthi cwaka, ndasuka ndaphelelwa ngamandla ngenxa yokugcuma kwam imini yonke.+
4 Kuba imini nobusuku isandla sakho sasindisinda.*+
Athi shwaka amandla am* oku kwamanzi atshiswe lilanga lasehlotyeni. (Selah)
5 Ekugqibeleni ndasivuma isono sam kuwe;Andizange ndibufihle ububi endabenzayo.+
Ndathi: “Ndiza kuzivuma izono zam kuYehova.”+
Waza wena wazixolela izono zam.+ (Selah)
6 Yiyo le nto wonke umntu okuthanda ngokungagungqiyo eza kuthandaza kuwe+Ngoxa usafumaneka.+
Xa kunjalo, nkqu nezikhukula zamanzi soze zimenze nto.
7 Wena uyindawo yam yokuzifihla;Uza kundikhusela xa ndisebunzimeni.+
Ndiza kujikelezwa yintswahla yovuyo ngenxa yokuba undisindisa.+ (Selah)
8 “Ndiza kukubonisa ndize ndikuyalele indlela omele uhambe ngayo.+
Ndiza kukucebisa, ilihlo lam likuwe.+
9 Sukuba njengehashe okanye imeyile engenakuqonda,+Emele ilawulwe ngomkhala ukuze ingaxhuma-xhumiNgaphambi kokuba isondele kuwe.”
10 Zininzi iintlungu anazo umenzi-bubi;Kodwa lowo uthembele ngoYehova uphahlwe luthando lwakhe olungagungqiyo.+
11 Vuyani, nina malungisa, nonwabe ngenxa kaYehova,Nitsho ngentswahla yovuyo, nonke nina baneentliziyo ezilungileyo.
Umbhalo osemazantsi
^ Funda Ingcaciso Yamagama.
^ Okanye “sogqunywa.”
^ Okanye “ukungakholwa kwakho ndim kwakundisinda.”
^ Okanye “Kwaphela ukufuma kobomi bam.”