IiNdumiso 35:1-28

  • Umthandazo wokukhuselwa kwiintshaba

    • Iintshaba ziza kududulwa (5)

    • Ukudumisa uThixo phakathi kwenginginya yabantu (18)

    • Ucatshukelwa engenzanga nto (19)

EkaDavide. 35  Owu Yehova, ndithethelele kwiintshaba zam;+Yilwa nabo balwa nam.+   Qubula ikhaka lakho, elikhulu nelincinci,+Uphakame uze undikhusele.+   Baphakamisele umkhonto wakho nezembe lakho lemfazwe* abo bandileqayo.+ Yithi kum: “Ndim okusindisayo.”+   Kwanga bangadana baze bahlazeke abo bazingela ubomi bam.+ Kwanga bangarhoxa bethe nyoxo abo baceba ukunditshabalalisa.   Kwanga banganjengomququ ophetshethwa ngumoya;Kwanga ingelosi kaYehova ingabadudula.+   Kwanga ingaba mnyama ize ibe mtyibilizi indlela yaboNjengoko beleqwa yingelosi kaYehova.   Kuba bandibekele umnatha wokundibambisa;Bandimbele umngxuma ndingenzanga nto.   Kwanga bangafikelwa yintlekele bengalindelanga;Kwanga bangabanjiswa ngumnatha abandibekele wona;Kwanga bangawela kuwo, batshabalale.+   Kodwa mna ndiza kuvuya ngenxa kaYehova;Ndiza kuba nemincili ngenxa yokusindiswa nguye. 10  Onke amathambo am mawathi: “Owu Yehova, ngubani na onjengawe? Uyabasindisa abo bangenakuzinceda kwabo banamandla kunabo,+Abangenakuzinceda namahlwempu kwabo babakhuthuzayo.”+ 11  Kuvela amangqina athetha ubuxoki ngam,+Endibuza izinto endingazaziyo. 12  Okuhle endikwenzayo bakuvuza ngokubi,+Bendenza ndibe buhlungu. 13  Kodwa mna ndanxiba amalaphu okwenza ingxowa xa babegula;Ndazivisa intlungu ngokuzila ukutya,Ibe xa umthandazo wam wawungaphendulwa,* 14  Ndazula-zula ngokungathi ndizilele umhlobo wam okanye umntakwethu;Ndaqubuda ndisentlungwini oku komntu ozilele umama wakhe. 15  Kodwa xa ndandineengxaki, bavuya baza baqokelelana;Badibana ukuze bandilalele baze bandihlasele;Babendihlalele ngokundiyuca. 16  Abo baqaqadekileyo bahlekisa ngam,*Banditshixizela amazinyo.+ 17  Owu Yehova, kuza kude kube nini ubukele?+ Ndisindise kwabo bandihlaselayo,+Busindise kwezi ngonyama ubomi bam obuxabisekileyo.*+ 18  Ndiza kukubulela ebandleni elikhulu;+Ndiza kukudumisa phakathi kwenginginya yabantu. 19  Sukubavumela baqhayise abo bandizonda ngaphandle kwesizathu;Sukubavumela baqwabaze ilihlo ngenkohlakalo+ abo bandicaphukela ndingenzanga nto.+ 20  Kuba abathethi luxolo,Kodwa babenzela amayelenqe abo bathanda uxolo elizweni.+ 21  Bayivula ibe banzi imilomo yabo bendityholaBesithi: “Heke! Heke! Sikubhaqile.” 22  Owu Yehova, uzibonele ngokwakho. Sukuthi cwaka.+ Sukumela kude, owu yhini Yehova.+ 23  Vuka, uphakame uze undikhusele,Thixo wam, Yehova, khawundithethelele. 24  Ndigwebe ngobulungisa bakho,+ Yehova Thixo wam;Sukubavumela bandinyevulele. 25  Sukubavumela bathi: “Heke! Simfumene.” Ungabayeki bathi: “Simgqibile.”+ 26  Mababe neentloni, bahlazekeAbo bayivuyelayo intlekele yam. Mabambathiswe ihlazo, baphoxeke abo baziphakamisayo. 27  Kodwa abo bavuyayo kuba ndililungisa mabakhwaze bevuya;Kwanga bangasoloko besithi: “Makenziwe mkhulu uYehova, ovuyayo xa ebona umkhonzi wakhe eseluxolweni.”+ 28  Nolwimi lwam luza kutsho lubalise* ngobulungisa bakho,+Luze lukudumise imini yonke.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “nezembe lakho elibukhali macala.”
Okanye “wawubuyela esifubeni sam.”
Okanye kusenokwenzeka, “bahlekisa ngam ngenxa yesonka.”
Ngokoqobo, “obukuphela kwabo.”
Okanye “lwetyise.”