IiNdumiso 37:1-40
EkaDavide.
א [Aleph]
37 Sukuzikhathaza* ngabenzi-bubiOkanye ubamonele abo bangalunganga.+
2 Kuba baza kubuna ngokukhawuleza njengengca,+Baza kuntshwenca njengengca eluhlaza.
ב [Beth]
3 Thembela ngoYehova, wenze okulungileyo;+Hlala emhlabeni,* uze uthembeke.+
4 Vuya kakhulu ngoYehova,Uza kukunika izinto ezifunwa yintliziyo yakho.
ג [Gimel]
5 Yiyekele* kuYehova indlela yakho;+Thembela ngaye, uza kukuxhasa.+
6 Uza kubenza bukhanye njengokukhanya kwasemini ubulungisa bakho,Nokusesikweni kwakho* kube njengelanga emini.
ד [Daleth]
7 Yithi cwaka phambi koYehova+Uze ulindele kuye ngomonde.
Makangakucaphukisi umntuOphumelelayo kumaqhinga akhe.+
ה [He]
8 Wuyeke umsindo, uyilahle nengqumbo;+Sukucaphuka uze wenze izinto ezimbi.*
9 Kuba abantu abenza izinto ezimbi baza kutshatyalaliswa,+Kodwa umhlaba uza kuba ngowabo bathembela ngoYehova.+
ו [Waw]
10 Sekusele ithutyana, bangabikho abenzi-bubi;+Xa ujonga apho bebekho,Baza kube bengasekho.+
11 Kodwa umhlaba uza kuba ngowabalulamileyo,+Ibe baza kuphila kamnandi kukho uxolo oluninzi.+
ז [Zayin]
12 Umntu ongcolileyo ulenzela amayelenqe ilungisa,+Yaye ulitshixizela amazinyo.
13 Kodwa uYehova uza kumhleka,Kuba uyazi ukuba iyeza imini yakhe.+
ח [Heth]
14 Abenzi-bubi bakhupha amakrele abo baze bagobe* izaphetha zabo,Ukuze bawise abacinezelekileyo namahlwempu,Baxhaxhe amalungisa.
15 Kodwa amakrele abo aza kuhlaba kwezabo iintliziyo;+Izaphetha zabo ziza kwaphuka.
ט [Teth]
16 Kubhetele into encinci elinayo ilungisaKunobutyebi babenzi-bubi abaninzi.+
17 Kuba ziza kwaphulwa iingalo zabantu abenza izinto ezimbi,Kodwa uYehova uza kuwaxhasa amalungisa.
י [Yod]
18 UYehova uyazazi izinto ezehlela amalungisa,*Ibe ilifa lawo liza kuhlala likho ngonaphakade.+
19 Awazukuhlazeka ngexesha lentlekele;Aza kuba nokuninzi ngexesha lendlala.
כ [Kaph]
20 Kodwa abenza izinto ezimbi baza kutshabalala;+Iintshaba zikaYehova ziza kunyamalala okwamadlelo aluhlaza;Ziza kuthi shwaka okomsi.
ל [Lamed]
21 Umenzi-bubi uyaboleka angabuyisi,Kodwa ilungisa linobubele, liyakuthanda nokupha.+
22 Umhlaba uza kuba ngowabo basikelelweyo nguThixo,Kodwa abaqalekisiweyo nguye baza kutshatyalaliswa.+
מ [Mem]
23 UYehova uyibonisa* indlela emayihambe ngayo indoda+Xa ezithanda iindlela zayo.+
24 Nokuba ingawa, soze inkaleke phantsi,+Kuba uYehova uyibamba ngesandla.+
נ [Nun]
25 Ndakha ndangumfana, ngoku ndimdala,Kodwa andikamboni umntu olilungisa elahliwe,+Okanye abantwana bakhe bedinga isonka.*+
26 Usoloko eboleka abanye izinto,+Ibe abantwana bakhe baza kusikelelwa.
ס [Samekh]
27 Yahlukana nezinto ezimbi uze wenze ezilungileyo,+Ibe uza kuphila ngonaphakade.
28 Kuba uYehova uthanda ubulungisa,Ibe akazukubalahla abo banamathela kuye.+
ע [Ayin]
Baza kusoloko begadiwe;+Kodwa inzala yabenzi-bubi iza kutshatyalaliswa.+
29 Umhlaba uza kuba ngowamalungisa,+Ibe aza kuhlala kuwo ngonaphakade.+
פ [Pe]
30 Umlomo welungisa uthetha ubulumko,*Nolwimi lwalo luthetha ngobulungisa.+
31 Umthetho kaThixo walo usentliziyweni yalo;+Alizukutyibilika endleleni yalo.+
צ [Tsade]
32 Umenzi-bubi uyalilalela ilungisa,Ibe ufuna ukulibulala.
33 Kodwa uYehova akazukuliyekela,+Okanye alifumanise linetyala xa ligwetywa.+
ק [Qoph]
34 Thembela ngoYehova uze uhambe endleleni yakhe,Ibe yena uza kukuphakamisa ukuze umhlaba ube ngowakho.
Xa abenzi-bubi betshatyalaliswa,+ uza kubabona.+
ר [Resh]
35 Ndiye ndambona umntu okhohlakeleyo nongcolileyoEnaba okomthi oluhlaza kumhlaba wawo.+
36 Kodwa wasuka wanyamalala, akabikho;+Ndaqhubeka ndimkhangela, andamfumana.+
ש [Sin]
37 Uze umqaphele ongenakusoleka,Uhlale umjongile umntu olilungisa,+Kuba uza kuhlala eseluxolweni.+
38 Kodwa bonke abenza izinto ezingalunganga baza kutshatyalaliswa;Abenzi-bubi baza kupheliswa.+
ת [Taw]
39 NguYehova osindisa amalungisa;+Uyinqaba yawo ngexesha lobunzima.+
40 UYehova uza kuwanceda awasindise.+
Uza kuwasindisa kubantu abenza izinto ezimbi,Kuba abalekela kuye.+
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “Sukucatshukiswa.”
^ Okanye “elizweni.”
^ Ngokoqobo, “Yiqengqele.”
^ Okanye “Nobulungisa bakho.”
^ Okanye kusenokwenzeka, “Sukucaphuka, kuba loo nto iza kukwenzakalisa.”
^ Okanye “balungise.”
^ Ngokoqobo, “uyayazi imihla yabo bangenakusoleka.”
^ Okanye “uyayiqinisa.”
^ Okanye “ukutya.”
^ Okanye “uthetha ubulumko ngelizwi eliphantsi.”