IiNdumiso 42:1-11

  • Ukudumisa uThixo onguMsindisi Omkhulu

    • Ukunxanelwa uThixo okwexhamakazi elinxanelwe amanzi (1, 2)

    • “Kutheni ndikhathazeke kangaka?” (5, 11)

    • “Lindela kuThixo” (5, 11)

Kumalathisi. IMaskili* yoonyana bakaKora.+ 42  Njengexhamakazi eliyifuna ngamandla imisinga yamanzi,Nam ndikufuna ngamandla Thixo.   Ndimnxanelwe uThixo, uThixo ophilayo.+ Ndingeza nini ndibonakale phambi koThixo?+   Iinyembezi zam zikukutya kwam imini nobusuku;Abantu bandinxwala imini yonke besithi: “Uphi lo Thixo wakho?”+   Ndiyazikhumbula ezi zinto, ibe ndikhupha yonke into esentliziyweni yam,Kuba ndandidla ngokuhamba nesihlwele sabantu;Ndandidla ngokuthi chu phambi kwabo sisiya endlini kaThixo,Sasisitsho ngentswahla, sivuya yaye sibulela,Sisisihlwele esibhiyozela itheko.+   Kutheni ndikhathazeke kangaka?+ Kutheni ndingcungcutheka ngaphakathi? Lindela kuThixo,+Kuba ndiseza kumdumisa ekubeni enguMsindisi wam Omkhulu.+   Thixo wam, ndikhathazeke gqitha.+ Yiyo le nto ndikukhumbula,+Ndikwilizwe laseYordan nakwiincopho zeHermon,KwiNtaba IMizare.*   Amanzi anzulu abiza amanzi anzuluXa kuvakala isandi seengxangxasi zakho. Onke amaza akho andongamele.+   Emini uYehova uza kundithanda ngokungagungqiyo,Ndize ebusuku ndicule ngaye, ndithandaze kuThixo wobomi bam.+   Ndiza kuthi kuThixo oliliwa lam: “Kutheni undilibele?+ Kutheni ndimele ndisoloko ndibuhlungu ngenxa yokucinezelwa lutshaba lwam?”+ 10  Iintshaba zam ziyandikhohlakalela zifuna ukundibulala;*Zindinxwala imini yonke zisithi: “Uphi lo Thixo wakho?”+ 11  Kutheni ndikhathazeke kangaka? Kutheni ndingcungcutheka ngaphakathi? Lindela kuThixo,+Kuba ndiseza kumdumisa ekubeni enguMsindisi Omkhulu noThixo wam.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “kwintaba encinci.”
Okanye kusenokwenzeka, “ngokungathi zityumza amathambo am.”