IiNdumiso 51:1-19
Kumalathisi. Ingoma emnandi kaDavide, xa uNatan umprofeti weza kuDavide emva kokuba eye walala noBhatshebha.+
51 Owu yhini Thixo, ndenzele inceba ngenxa yothando lwakho olungagungqiyo.+
Zicime izono zam ngenxa yenceba yakho eninzi.+
2 Ndihlambisise kwisiphoso sam,+Undicoce nakwisono sam.+
3 Kuba ndizazi kakuhle iziphoso zam,Nesono sam sisoloko siphambi kwam.*+
4 Ngaphezu kwayo yonke enye into, ndone wena;*+Ndenze into embi emehlweni akho.+
Ngoko ke undigweba ngobulungisaIbe isigwebo sakho sifanelekile.+
5 Kaloku ndazalwa ndinesono,Nomama wandikhawulela esonweni.+
6 Wena uyayithanda inyaniso engaphakathi emntwini;+Ndifundise ubulumko bokwenene entliziyweni yam.
7 Ndisulungekise esonweni ngehisope, ukuze ndicoceke;+Ndihlambe, ukuze ndibe mhlophe ngaphezu kwekhephu.+
8 Mandive izandi zabantu abavuyayo nabanemihlali,Ukuze amathambo owakrobozileyo avuye.+
9 Jonga kude,* ukuze ungaziboni izono zam,+Uzosule* zonke iziphoso zam.+
10 Owu yhini Thixo, dala ngaphakathi kum intliziyo esulungekileyo,+Uze undifake umoya omtsha,+ ongagungqiyo.
11 Sukundilahlela kude;Ungawususi nomoya wakho oyingcwele kum.
12 Phinda undenze ndivuye ngenxa yokusindiswa nguwe;+Ndenze ndikufune ukukuthobela.*
13 Abanezono ndiza kubafundisa iindlela zakho,+Ukuze babuyele kuwe.
14 Ndisindise ekubeni netyala legazi,+ owu yhini Thixo, Thixo ondisindisayo,+Ukuze ulwimi lwam lubalise luvuya ngobulungisa bakho.+
15 Owu Yehova, yivule imilebe yam,Ukuze umlomo wam ukudumise.+
16 Kuba awufuni mibingelelo; ukuba ubuyifuna bendiza kuyenza;+Awukholiswa yiminikelo etshiswa ngokupheleleyo.+
17 Imibingelelo ayithandayo uThixo ngumoya owaphukileyo;Owu Thixo, wena awuzukuyinikela umva* intliziyo eyaphukileyo netyumkileyo.+
18 Yiba nobubele kwiZiyon;Yakha iindonga zeYerusalem.
19 Uza kutsho ukholiswe yimibingelelo yobulungisa,Imibingelelo etshiswayo neminikelo epheleleyo;Emva koko kuza kutsho kunikelwe ngeenkunzi zeenkomo esibingelelweni sakho.+
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “ndihlala ndicinga ngaso.”
^ Ngokoqobo, “wena wedwa.”
^ Okanye “Uzicime.”
^ Okanye “Bufihle ubuso bakho.”
^ Ngokoqobo, “Ndicela undixhase ngomoya ovumayo.”
^ Okanye “awuzukuyicaphukela.”