IiNdumiso 57:1-11
Kumalathisi; mayidlalwe ngethi “Sukonakalisa.” EkaDavide. IMiktam.* Xa wangena emqolombeni ebaleka uSawule.+
57 Ndenzele ububele Thixo, ndenzele ububele,Kuba ndibalekela kuwe,+Ibe ndizifihla ethunzini lamaphiko akho zide zidlule iinkathazo.+
2 Ndikhalela kuThixo ongOyena Uphakamileyo,KuThixo wokwenene obatshabalalisa ngenxa yam.
3 Uza kuthumela uncedo oluvela ezulwini aze andisindise.+
Uza kumphazamisa lowo undihlaselayo. (Selah)
UThixo uza kuthumela uthando lwakhe olungagungqiyo nokuthembeka kwakhe.+
4 Ndingqongwe ziingonyama;+Kufuneka ndilale phakathi kwabantu abafuna ukundiqwenga,Abanamazinyo ayimikhonto neentoloNabanolwimi olulikrele elibukhali.+
5 Owu Thixo, phakanyiswa ngaphezu kwamazulu;Uzuko lwakho malube phezu komhlaba wonke.+
6 Iinyawo zam bazibekele umnatha;+Ndijonge phantsi ngenxa yentlungu.+
Bembe umngxuma phambi kwam,Kodwa ngabo abawele kuwo.+ (Selah)
7 Intliziyo yam ayigungqi, Thixo wam,+Intliziyo yam ayigungqi.
Ndiza kucula, ndikudumise ngengoma.
8 Vuka, luzuko lwam;
Vuka mrhubhe, nawe luhadi.
Ndiza kuvuka kungekasi.+
9 Ndiza kukudumisa phakathi kwezizwana, Yehova;+Ndiza kukudumisa ngengoma* phakathi kweentlanga.+
10 Kuba uthando lwakho olungagungqiyo luninzi, lufikelela emazulwini,+Nokuthembeka kwakho kufikelela esibhakabhakeni.
11 Owu Thixo, phakanyiswa ngaphezu kwamazulu;Uzuko lwakho malube phezu komhlaba wonke.+