IiNdumiso 76:1-12

  • UThixo woyisa iintshaba zeZiyon

    • UThixo usindisa abalulamileyo (9)

    • Iintshaba ezinekratshi ziza kuthotywa (12)

Kumalathisi; mayidlalwe ngemirhubhe. Ingoma emnandi ka-Asafu.+ Ingoma. 76  UThixo uyaziwa kwaYuda;+Likhulu igama lakhe kwaSirayeli.+   Indawo yakhe ekhuselekileyo iseSalem,+Nendawo yakhe yokuhlala iseZiyon.+   Wazaphulela apho iintolo zesaphetha ezivuthayo,Waphula ikhaka, ikrele nezixhobo zemfazwe.+ (Selah)   Uqaqambe kakhulu;Umkhulu ngaphezu kweentaba ekuzingelwa kuzo.   Amakroti aphangwa,+ Elele cum onke,Kungekho nto anokuyenza.+   Uthe nje wakukhalima wena Thixo kaYakobi,Walala yoyi umqhubi wenqwelo nehashe lakhe.+   Nguwe wedwa omangalisayo.+ Ngubani onokumelana nawe xa unomsindo?+   Wawisa isigwebo usezulwini;+Umhlaba woyika waza wee cwaka+   Xa uThixo waphakamayo ukuze awise isigwebo,Ukuze asindise bonke abalulamileyo basemhlabeni.+ (Selah) 10  Kuba umsindo wabantu uza kwenza udunyiswe;+Wena uza kuzihombisa nangoseleyo kumsindo wabo. 11  Fungani kuYehova uThixo wenu, nize nizenze izinto enizifungileyo.+Mabamphathele isipho besoyika bonke abamngqongileyo.+ 12  Uza kulithoba ikratshi leenkokheli;*Ubenza bamoyike ookumkani bomhlaba.

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “kuwuthoba umoya weenkokheli.”