IiNdumiso 86:1-17
Umthandazo kaDavide.
86 Owu Yehova, ndithobele indlebe yakho,* undiphendule,Kuba ndisentlungwini kwaye ndilihlwempu.+
2 Bukhusele ubomi bam, kuba ndithembekile.+
Msindise umkhonzi wakho othembele ngawe,Kaloku wena unguThixo wam.+
3 Ndicela undenzele inceba Yehova,+Kuba ndikhalela kuwe imini yonke.+
4 Menze onwabe umkhonzi wakho,Kuba ndibalekela kuwe, owu Yehova.
5 Kaloku wena Yehova, ulungile+ futhi usoloko ufuna ukuxolela;+Uthando lwakho olungagungqiyo luyaphuphuma kwabo bakhalela kuwe.+
6 Owu Yehova, wumamele umthandazo wam;Ndicela undimamele xa ndicela uncedo.+
7 Ndiza kukhalela kuwe xa ndikhathazekile,+Kuba wena uza kundiphendula.+
8 Owu Yehova, akukho thixo unjengawe,+Ayikho imisebenzi enjengeyakho.+
9 Zonke iintlanga ozidalileyoZiza kuza ziqubude phambi kwakho, Yehova,+Zizukise negama lakho.+
10 Kuba umkhulu yaye wenza izinto ezimangalisayo;+Nguwe wedwa uThixo.+
11 Ndifundise indlela yakho Yehova.+
Ndiza kuhamba enyanisweni yakho.+
Ndinike intliziyo emanyeneyo ukuze iloyike igama lakho.+
12 Ndikudumisa ngentliziyo yam yonke Yehova Thixo wam;+Ndiza kulizukisa ngonaphakade igama lakho,
13 Kaloku wena undithanda ngokungagungqiyo ngeyona ndlela,Ubusindise kumazantsi engcwaba* ubomi bam.+
14 Owu Thixo, ndihlaselwa ngamadoda azigqatsayo;+Iqela lezikhohlakali lifuna ukundibulala,Ibe alikuboneli ntweni.+
15 Kodwa wena Yehova, unguThixo onenceba nobavelayo abantu,*Ocaphuka kade, ophuphuma luthando olungagungqiyo nokuthembeka.*+
16 Buyela kum, undenzele inceba.+
Mnike amandla akho umkhonzi wakho,+Uze umsindise unyana wekhobokazana lakho.
17 Ndinike ubungqina bokulunga kwakho,Ukuze ubonwe ngabo bandicaphukelayo baze bahlazeke.
Kuba wena Yehova, ungumncedi nomthuthuzeli wam.
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “goba undimamele.”
^ Funda Ingcaciso Yamagama.
^ Okanye “nobubele.”
^ Okanye “nenyani.”