IiNdumiso 90:1-17

  • UThixo ongunaphakade nomntu onobomi obufutshane

    • Iminyaka eliwaka injengosuku lwayizolo (4)

    • Umntu uphila iminyaka eyi-70 ukuya kweyi-80 (10)

    • “Sifundise indlela yokubala imihla yethu” (12)

Umthandazo kaMoses, umntu kaThixo wokwenene.+ 90  Owu Yehova, wena uye waba yindawo yethu yokuhlala*+ kuzo zonke izizukulwana.   Ngaphambi kokuba iintaba zizalweOkanye ngaphambi kokuba wenze umhlaba nelizwe,*+Ukususela ngonaphakade ukusa ngonaphakade, wena unguThixo.+   Umntu ofayo umbuyisela eluthulini;Uthi: “Buyelani, bonyana babantu.”+   Kuba iminyaka eliwaka emehlweni akho injengosuku lwayizolo,+Nanjengexesha likanogada ebusuku.   Uyabatshayela;+ bafana nje nobuthongo;Kusasa banjengengca ehlumayo.+   Kusasa iyatyatyamba ibe luhlaza,Kodwa ngokuhlwa iyabuna yome.+   Kuba umsindo wakho asikwazi kuwunyamezela,+Ibe siyakoyika ukucaphuka kwakho.   Ubeka iziphoso zethu phambi kwakho;*+Iimfihlo zethu zibhencwa kukuqaqamba kobuso bakho.+   Ubomi bethu bugqitywa ngumsindo wakho;Iminyaka yethu iphela kanye njengokusebeza. 10  Ubomi bethu buba yiminyaka eyi-70,Okanye eyi-80+ kumntu owomeleleyo.* Kodwa igcwele iingxaki neenkathazo;Ikhawuleza idlule, siphaphazele simke.+ 11  Ngubani onokuwaqonda amandla omsindo wakho? Umsindo wakho ulingana nokoyikeka kwakho.+ 12  Sifundise indlela yokubala imihla yethu+Ukuze sibe nentliziyo enobulumko. 13  Buya Yehova!+ Kuza kude kube nini na?+ Khawubasizele abakhonzi bakho.+ 14  Sanelise kusasa ngothando lwakho olungagungqiyo,+Ukuze sikhwaze ngovuyo size sonwabe+ ubomi bethu bonke. 15  Senze sonwabe ngokulingana nemihla owasivisa intlungu ngayo,+Ngokulingana neminyaka esehlelwa ngayo ziintlekele.+ 16  Abakhonzi bakho mabawubone umsebenzi wakho,Noonyana babo babubone ubukhulu bakho.+ 17  Kwanga ububele bukaYehova uThixo wethu bungaba phezu kwethu;Kwanga ungawenza uphumelele* umsebenzi wezandla zethu. Ewe, wenze uphumelele* umsebenzi wezandla zethu.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye kusenokwenzeka, “yokubalekela.”
Okanye “uzise umhlaba nelizwe ngokungathi kungenimba.”
Okanye “Uyazazi iziphoso zethu.”
Okanye “onamandla akhethekileyo.”
Okanye “ungawuzinzisa.”
Okanye “wuzinzise.”