IiNdumiso 96:1-13
96 Mculeleni ingoma entsha uYehova.+
Mculeleni uYehova, nonke nina basemhlabeni!+
2 Mculeleni uYehova; dumisani igama lakhe.
Vakalisani iindaba ezilungileyo zosindiso lwakhe usuku nosuku.+
3 Thethani ngozuko lwakhe phakathi kweentlanga,Nangemisebenzi yakhe emangalisayo phakathi kwezizwana zonke.+
4 UYehova mkhulu yaye ngoyena ofanelwe kukudunyiswa.
Woyikeka ngaphezu kwabo bonke abanye oothixo.
5 Bonke oothixo bezizwana abanaxabiso,+Kodwa yena uYehova wenze amazulu.+
6 Apho akhoyo kukho ubukhulu* nozuko;+Kukho amandla nobuhle kwindawo yakhe engcwele.+
7 Mzukiseni uYehova, nina zintsapho zezizwana,Mzukiseni uYehova ngenxa yozuko namandla akhe.+
8 Mnikeni uYehova uzuko olufanele igama lakhe;+Zisani isipho nize ningene kwiiyadi zakhe.
9 Qubudani kuYehova* ninxibe iimpahla zenu ezingcwele;*Umhlaba wonke mawungcangcazele phambi kwakhe!
10 Chazelani iintlanga nithi: “UYehova nguKumkani!+
Umhlaba uzinzisiwe, awunakugungqiswa.*
Uza kuzigweba* ngobulungisa izizwana.”+
11 Mawavuye amazulu, mawuvuye nomhlaba;Malugqume ulwandle nazo zonke izinto ezikulo;+
12 Mawavuye amadlelo nazo zonke izinto ezikuwo.+
Kwangaxeshanye mayikhwaze ivuya yonke imithi yehlathi+
13 Phambi koYehova, kuba uyeza,*Ukuze agwebe umhlaba.
Uza kuwugweba ngobulungisa umhlaba,+Nezizwana ngokuthembeka kwakhe.+
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “isidima.”
^ Okanye “Khonzani uYehova.”
^ Okanye kusenokwenzeka, “ngenxa yokuzuka kobungcwele bakhe.”
^ Okanye “awunakushukunyiswa.”
^ Okanye “kuzithethelela.”
^ Okanye “uzile.”