INgoma Yazo Iingoma 1:1-17
1 Eyona ngoma ibalaseleyo,* ekaSolomon:+
2 “Akwaba ubungandiphuza, undincamise ngaloo mlomo wakho,Kuba ukuthandwa nguwe kumnandi ngaphezu kwewayini.+
3 Amafutha owathambisayo anuka kamnandi.+
Udume kakuhle oku kwamafutha anevumba elimnandi.+
Yiloo nto uthandwa kangaka ziintombi.
4 Ndithathe* sibaleke,
Kuba ukumkani undifake phakathi kumagumbi akhe!
Masonwabe kube mnandi.
Makhe sincokole ngothando lwakho, kuba lubhetele kunewayini.
Iintombi zifanele ukuthi phithi nguwe.
5 Zintombi zaseYerusalem, ndingunomdakazana,* kodwa ndimhleNjengeentente zakwaKedare,+ njengamalaphu eentente+ zikaSolomon.
6 Sanukundijonga kangaka kuba ndimnyama,Kaloku nditshiswe lilanga.
Oobhuti bam bebenomsindo,Baza bandigadisa amasimi eediliya,Andakwazi ke ukugada eyam intsimi.
7 Khawutsho ke, sithandwa sentliziyo yam,Uwalusela phi umhlambi wakho?+Uphumla phi umhlambi wakho emini emaqanda?
Kutheni kufuneka ndibe njengomfazi ozogqume ngelaphu*Phakathi kwemihlambi yabahlobo bakho?”
8 “Ukuba awazi, wena nzwakazi entle kunazo zonke,Landela umzila womhlambiUze waluse amatakane eebhokhwe zakho ngasezintenteni zabelusi.”
9 “Wena sithandwa sam, ndikufanisa nenye yeemazi* zamahashe eenqwelo zikaFaro.+
10 Azizihle nje ezo zidlele zakho zihonjisiweyo,*Naloo ntamo yakho ihonjiswe ngamaso.
11 Siza kukwenzela izinto zokuhomba zegolide,Ezihonjiswe nangesilivere.”
12 “Nokuba ukumkani uhleli etafileni yakhe erawundi,Ivumba lam elimnandi+ lelakho sithandwa sam.
13 Isithandwa sam sinjengesingxobo semore enuka kamnandi+Esiphakathi kwamabele am ubusuku bonke.
14 Isithandwa sam sinjengesityalo sehena,+Kumasimi eediliya ase-En-gedi.”+
15 “Awusemhle nje sithandwa sam.
Uyinzwakazi. Amehlo akho anjengawamahobe.”+
16 “Umhle* sithandwa sam, uyathandeka.+
Ibhedi yethu iphakathi kwamahlamvu.
17 Iipali zendlu yethu* yimisedare,Amaplanga ethu yimithi yejunipha.
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “Ingoma yazo iingoma.”
^ Ngokoqobo, “Nditsale.”
^ Ngokoqobo, “ndimnyama.”
^ Okanye “ngelaphu lokuzila.”
^ Okanye “yeemazi zam.”
^ Okanye kusenokwenzeka, “kwezo nwele ziphothiweyo.”
^ Okanye “Uyinzwana.”
^ Okanye “zendlu yethu enkulu.”